ISebe leMfundo leNtshona Koloni lenza utyalo-mali olukhulu ekuqinisekiseni ukubonelelwa kweziseko zophuhliso nezibonelelo zoncedo ukwenzela ukufunda nokufundisa okukumgangatho ophezulu. Kubalulekile ukuba iiKomiti zoLawulo zeZikolo (School Management Teams (SMTs)) namaBhunga oLawulo eZikolo (School Governing Bodies (SGBs)) anonophele usetyenziso nolawulo lwezi fasilithi okanye lwezi zibonelelo zoncedo.

Ukwenzela ukuba zihlale ziphumelela iinzame zesebe nokutyalwa kwemali ezikolweni zethu, kuya kuthakazelelwa ukuba ii-SMT neeSGB zincedisa ngoku kulandelayo:

1. Ziqinisekise ukuba iifasilithi zeziseko zophuhliso zisetyenziselwa injongo ezenzelwe yona. Iilayibrari/amaziko abonelela ngezixhobo zokufunda (media centres) ingakumbi, abaluleke kakhulu kwiinzame zeSebe leMfundo zokuphucula ulwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala yaye makasetyenziswe ngeyona ndlela inenzuzo enkulu.
2. Ziqinisekise ukuba kugcinwa i-inventri yefanitshala, imane ihlaziywa qho kwaye isetyenziswa ngeyona ndlela inenzuzo enkulu.
3. Ifanitshala okanye izixhobo zokusebenza ezingasetyenziswayo mazixelwe kwi-Ofisi yeSithili seMfundo ukwenzela ukuba zibe nokuncedisa kwizikolo apho kukho imfuno.
4. Makugcinwe kakuhle iirekhodi, ukukhutshwa nokubuyiswa kweencwadi zezifundo (textbooks).

Ungathandabuzi ukuqhagamshelana noMphathi weeKomiti zeSekethe (Circuit Team Manager (CTM)) kunye nomcebisi wezoLawulo nokuPhathwa kwamaZiko (Institutional Management and Governance (IMG)) ukufumana ingcebiso malunga nokusetyenziswa ngokufanelekileyo kwazo zonke iziseko zophuhliso nezinye izibonelelo zoncedo.

Owenu ngenene

ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:08:28