URhulumente weNtshona Koloni (Western Cape Government (WCG)) usayine imvumelwano no-Neotel ne-State Information Technology Agency (SITA) yokuba babonelele ngonxibelelwano lwe-broadband kwiphondo ngokubanzi.
I-WCG iya kuqala ngokuqhagamshela amaziko karhulumente ayi-2 000 kwizigaba ezithathu, kubandakanywa nezikolo.
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kusebenzisana nababoneleli-nkonzo nezikolo ukuqhagamshela izikolo kwithuba leminyaka emibini ukuya kwemithathu.
I-WCG inezicwangciso zokuqalisa ukuqhagamshela izikolo kwi-broadband wide area network (WAN) ngo-Apreli 2015.
Ababoneleli-nkonzo baya kuqalisa ukuhambela izikolo kuqala ngoSeptemba 2014 ukuya kuxoxa ngokuba zingaqhagamshelwa njani na izikolo kwimeko ngemeko yazo.
Unxibelelwano lwe-Broadband luya kubonelela ngokwazi ukufikelela ngesantya esiphezulu kwiintanethi (high-speed internet access), kwizibonelelo ezixhasa ukufundisa nokufunda ii-digital teaching and learning resources nakwiinkonzo zikarhulumente.
Iprojekthi ye-broadband ezikolweni iyinxalenye yephulo elibanzi lokunika inkxaso nokuqhubela phambili uphuhliso lwentlalo nezoqoqosho kusetyenziswa ithekhinoloji.
Ukulungiselela wena sikwazise ngoku, siqhoboshele apha enye ingcaciso engephulo le-broadband evela kwiSebe leNkulumbuso.
Sikhuthaza izikolo zisebenzise eli thuba ngokuthi zicwangcisele ixesha elizayo, umzekelo, kwiintlanganiso zebhajethi nakwizicwangciso ezingoqeqesho lwabasebenzi. Kucelwa ucele uncedo kumcebisi weze-e-Learning wesithili sakho, ukuba unemibuzo.
Singena kwithuba elitsha kwezemfundo ngeli phulo. Sijonge phambili ngethemba lokuba siza kusebenzisana nawe ukuze sibe nako ukuzuza lukhulu kweli phulo.
|