1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni linovuyo ukubhengeza iikhrayitheriya (isiHlomelo A) esiya kuzisebenzisa kumaBhaso eSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) eZikolo ngo-2014. |
2. |
Injongo yala mabhaso kukuqaphela indlela izikolo zikarhulumente nezikolo ezizimeleyo eziphumelele ngayo kwizifundo, ngokukodwa ezo zibonise ukwanda kumanani abaviwa abapase iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) nokuphucula umgangatho wokupasa izifundo. |
3. |
Sithatha eli thuba ukunqwenelela zonke izikolo impumelelo kwiimviwo zazo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:08:20
|
|