1. |
ISiqendu 36(1) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84 ka-1996) sicacisa ukuba ibhunga lolawulo lesikolo sikarhulumente (kwizikolo ezibiza iifizi kwakunye nakwezo zingabizi zifizi) malithathe onke amanyathelo afanelekileyo elinako ukuwathatha ukongezelela kwezo zibonelelo neemali ezikhutshwa nguRhulumente ukuphucula umgangatho wemfundo efundiswa esikolweni. Oku kungabandakanya ukwamkela kweminikelo ekhutshwa ngokuzithandela ngabazali. |
2. |
Ukwenzela ukucacisa gca malunga nokulawulwa kweminikelo ekhutshwa ngokuzithandela ngabazali, kunye nokudala ukubakho komoya wesisa nemfesane kubo ngokumalunga nomgangatho wemfundo ezikolweni, iSebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education) likhuphe isikhokelo esimalunga neminikelo ekhutshwa ngokuzithandela ngabazali. |
3. |
Okuqhotyoshelwe apha yikopi yesi sikhokelo ukulungiselela injongo yokuphunyezwa kwaso nokuhanjiswa kwaso sisiwe kubazali nakwabanye abathathi-nxaxheba abachaphazelekayo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:08:14
|
|