1. Inani lezithuba ezabelwe izikolo ngo-2015

Kucelwa nifunde iSetyhula 0031/2009 yeSebe leMfundo leNtshona Koloni yomhla we-28 Agasti 2009, ukufumana inkcazo epheleleyo yemithetho nemimiselo esetyenziswayo ukubonelela izikolo ngezithuba zootitshala ezabelwa izikolo qho ngonyaka. Okuqulethwe yiloo setyhula kuhlala kusebenza nango-2015, ngaphandle kwezi zilungiso zilandelayo:

1.1 Ngokwemiqathango yeNdlela eHlaziyiweyo yoLwabiwo lweZithuba (Revised Post Distribution Model), izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa mazikhutshelwe inani lezithuba zootitshala ezabelwa amaziko qho ngonyaka ungadlulanga owe-30 Septemba wonyaka ongaphambili. Ngoko ke, zonke izithuba zootitshala kunyaka wezifundo ka-2014 ezikhutshelwe izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa, (kwakunye nazo zonke izithuba ezongezelelwayo eziye zadalwa zaza zanikwa isikolo sikarhulumente ngo-2014, nokuba ngaba kungenxa yokwanda kwamanani obhaliso lwabafundi okanye kungenxa yeemfuno zekharityhulam yezikolo) ziyaphelelwa nge-31 Disemba 2014.
1.2 Amanani ezithuba zootitshala ezabelwe izikolo ngo-2015 aya kupapashwa kwi-Central Education Management Information System (CEMIS), phantsi kwale linki Administration (Establishments), nge-22 Agasti 2014.

2. Ukwabiwa kwezithuba ezongezelelweyo (IZithuba zeNqanaba 1)

Lilungelo leSebe i-WCED ukujongisisa kwakhona (review) ukwabiwa kwezithuba zootitshala zango-2015 ukuba ingcaciso ngesikolo, njengoko ikwiCEMIS, kufumaniseke ukuba ayichanekanga.

3. Ukuhlaziywa kwamanani ezithuba ezabelwe izikolo ngo-2015
3.1 Izikolo zinokucela kujongisiswe kwakhona ukubalwa kwamanani azo ezithuba zootitshala (computation of their teaching staff establishment) ukuba amanani obhaliso abafundi kwiCEMIS (CEMIS learner enrolments) aboniswe kwileta yokwabelwa izithuba yesikolo ahlukile kwidatha yabafundi nge-31 Julayi 2014. Ukwenzela ukuba iSebe iWCED libenako ukubala amanani, kuya kufuneka isikolo singenise ubungqina kwiCandelo loLawulo lwezaBasebenzi ngoBuchule bokuba amanani obhaliso asetyenzisiweyo nabhalwe kwileta yokwabelwa izithuba yesikolo akachanekanga. Ukongeza apho, izikolo ezibonise ukuba zineeklasi ezaneleyo yaye zinabo abafundi abongezelelweyo/zinenjongo yokubhalisa abafundi abongezelelweyo ngo-2015, zinokufaka izicelo zezithuba ezongezelelweyo. Izicelo zezithuba mazingeniswe ngethuba elisusela kwi-26 Agasti 2014 ukuya kwi-19 Septemba 2014, yaye zonke izicelo mazenziwe kwiCEMIS. Akukho sicelo sezithuba ezongezelelweyo (additional posts) siya kuqwalaselwa ukuba oko asenziwanga kwi-CEMIS.
3.2 Kwimeko apho isikolo siliphelisileyo ibakala okanye amabakala, aya kuhlaziywa amanani abelwe isikolo esilolu hlobo, ngokusekelwe kwinani labafundi abaseleyo esikolweni. Kwimeko yabafundi abaphumayo esikolweni ngenxa yokupheliswa kwebakala okanye kwamabakala, kuya kuhlaziywa amanani ezithuba zootitshala ezabelwe isikolo (izikolo) abaya kuso.

4. Ukubalwa kwakhona kwamanani ezithuba zootitshala ezabelwe isikolo ngenxa yokutshintsha kwamanani obhaliso lwabafundi ngo-2015
4.1 ISebe iWCED linelungelo lokuziphelisa iZithuba zeNqanaba 1 ukuba kukho ukuhla kumanani obhaliso lwabafundi esikolweni ngethuba lonyaka ka-2015. Kwiimeko ezilolu hlobo, ootitshala abaqeshwe okwethutyana baya kutshintshelwa kwizithuba ezikwezinye izikolo. Ngako oko ke, xa kugaywa ootitshala kwizithuba zethutyana, iinqununu zezikolo mazazise abenzi-sicelo ukuba baya kuqeshwa besazi ukuba banokutshintshelwa kwezinye izikolo ukuba izithuba zabo ziyapheliswa ngenxa yokuhla kwamanani obhaliso abafundi esikolweni.
4.2 Zonke izithuba zokuqeshwa phantsi kwemvumelwano (on contract basis) mazizaliswe kuphela kude kube yi-31 Matshi 2015. Izithuba zokuqeshwa phantsi kwemvumelwano ezixhaswa ngemali (substantive contract appointments) ezenziwe zakho ukususela nge-1 Apreli 2015 zinokwenziwa kude kube yi-31 Disemba 2015, ukuba isikolo sisifanele isithuba esilolu hlobo.
4.3 Kulindeleke ukuba zonke izikolo ziwahlaziye amanani obhaliso azo kwiCEMIS engadlulanga uLwesibini, we-3 Matshi 2015. Zonke ezo zikolo zinamanani obhaliso lwabafundi bazo nge-31 Julayi 2014 angaphantsi kwamanani obhaliso lwazo, kuya kufuneka libalwe ngokutsha inani lezithuba zootitshala ezabelwe zona ungadlulanga owe-13 Matshi 2015. Ukuba isikolo kufuneka siphulukane nesithuba saso okanye nezithuba zaso, ngako oko ke inani lezithuba zokuqeshwa phantsi kwemvumelwano lilingana okanye lingaphantsi kwenani lezithuba isikolo esiphulukana nazo, asiyi kuzinikwa ukususela kwi-1 Apreli 2015.
4.4 Kwimeko apho kwande amanani obhaliso lwabafundi ukususela nge-19 Januwari 2015 ukuya kwi-31 Januwari 2015, isikolo sinokwenza isicelo ekhompyutheni (apply online), ngethuba elisusela kwi-19 Januwari 2015 ukuya kwi-30 Januwari 2015, sicele isithuba sokwanda kwamanani (growth post). Itotali yamanani obhaliso lwabafundi ethathelwa ingqalelo iya kuba yitotali yamanani obhaliso kwiCEMIS ngethuba lokwenza isicelo. Itotali yamanani obhaliso lwabafundi ethathelwa ingqalelo iya kuba yitotali yamanani obhaliso kwiCEMIS ngethuba lokwenza isicelo. Asiyi kuqwalaselwa isicelo ukuba asingeniswanga ngeCEMIS.

ABaphathi beeKomiti zeeSekethe mabaqinisekise ukuba zonke izikolo zizingenisile izicelo zazo kwikhompyutha ungadlulanga owe-30 Januwari 2015.

4.5 Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqwalasele oku kulandelayo:

  • Ukutyunjwa kootitshala kwizithuba ezongezelelweyo, ezenzelwe izicelo ngenxa yokwanda kunye/okanye yeemfuno zekharityhulam zesikolo, kungenziwa kuphela emva kokuba kufunyenwe imvume ebhaliweyo evela kwiSebe iWCED.
  • Akukho titshala unokuqalisa ngomsebenzi wakhe phambi kokuba kufumaneke imvume yesithuba esongezelelweyo (an additional post) yeSebe iWCED.
5. Uzaliswa kwezithuba ezipapashiweyo
5.1 Zonke izithuba esele zipapashiwe kuLuhlu lweZithuba lwesebe zinokuzaliswa ngokusisigxina, ngokuxhomekeka ekubeni eso sithuba siyavela kwinani lezithuba zootitshala zika-2015 ezabelwe elo ziko.
5.2 Ukuba isithuba esipapashiweyo sithi singaveli kwinani lezithuba zootitshala zika-2015 ezabelwe elo ziko, eso sikolo asinalungelo lakusifumana eso sithuba yaye eso sithuba siya kuthathwa njengesithuba esipapashwe ngempazamo.
5.3 Uhlala ungatshintshanga umgqaliselo wokuba isithuba esipapashiweyo (ngokukodwa isithuba sonyuselo-sikhundleni) sinokuzaliswa kuphela xa singadali sithuba sikatitshala ongaphezu kwemfuneko (teacher in excess).
5.4 Ukuba ithi inqununu yesikolo nebhunga lolawulo lesikolo babe noluvo lokuba inkcazo yesithuba esipapashiweyo ayisazanelisi iimfuno zekharityhulam yesikolo, bangacela iSebe iWCED lisithathe eso sithuba njengesipapashwe ngempazamo. Isicelo esilolu hlobo masihambe kunye nenkcazo ebanzi ecacisayo.

6. Ukuzaliswa kwezithuba ezingenamntu ezixhaswa ngemali ngurhulumente (vacant substantive posts) (ngokususela kumanani ezithuba ezabelwe izikolo nge-22 Agasti 2014)
6.1 Kuya kuqala kukhethwe xa kufakwa ezithubeni ootitshala ekuthiwe bangaphezu kwemfuneko (teachers in excess).
6.2 Kuya kubuye kukhethwe kwakhona ootitshala abaqeqeshwe ngokufanelekileyo nabaxhamle kwiskim seebhasari zeFunda Lushaka (Funza Lushaka bursary scheme) kwakunye nabo bonke ootitshala abasanda kufumana uqeqesho.

7. Ukuzaliswa kwezithuba zootitshala ezongezelelweyo (ngokususela kwizicelo zezithuba zokwanda kwamanani nezemfuno yekharityhulam yesikolo phakathi kwe-26 Agasti 2014 ne-19 Septemba 2014)
7.1 Kuya kuqala kukhethwe xa kufakwa ezithubeni ootitshala abaqeqeshwe ngokufanelekileyo nabathe baxhamla kwiskim seebhasari zeFunda Lushaka kwakunye nabo bonke ootitshala abasanda kufumana uqeqesho.
7.2 Kwimeko apho utitshala onebhasari yeFunza Lushaka angasifuniyo isithuba sengqesho, kungaqwalaswa abanye ootitshala abaqeqeshwe ngokufanelekileyo abangaqeshwanga ukuba baqeshwe kwisithuba esingenamntu esixhaswa ngemali ngurhulumente.
7.3 Kuphela ngootitshala abaqeqeshiweyo abane-REQV 13 okanye ngaphezu koku abanokuqwalaselelwa ukuqeshwa kwizithuba zootitshala ezingenamntu. ISebe liya kusebenzisa ilungelo lalo ukuqesha abanye ootitshala kuphela xa ngaba abakho ootitshala abaqeqeshwe ngokufanelekileyo abanokukhethwa kwezi ndidi sele zikhankanyiwe apha ngentla. Izicelo zokuqeshwa kootitshala ngokungesosigxina (temporary teachers) kwezi ndidi zilandelayo kufuneka bafumane imvume kwiCandelo eliyiNtloko loLawulo lweMicimbi yaBasebenzi:

  1. Ootitshala abangaphezu kweminyaka eyi-65 ubudala;
  2. Ootitshala ababekhe benza umsebenzi wokufundisa kwixa elingaphambili;
  3. Ootitshala abavela kwamanye amazwe;
  4. Ootitshala abathatha umhlala-phantsi ngenxa yokugula; kunye
  5. Nootitshala abangaqeqeshwanga ngokufanelekileyo.
7.4 ABaphathi beeKomiti zeeSekethe banokukuvuma ukutshintshelwa kwezinye izikolo kootitshala (kungaqalanga kwathunyelwa isicelo sokutshintshelwa kwesinye isikolo kwaNdlunkulu) kwiimeko apho ukutshintshwa kuya kukhuthaza inkqubo yokusiwa kootitshala kwizithuba ezikwezinye izikolo (process of redeployment) o.k.t. apho ukutshintshwa kuya kubangela ukuthunyelwa kotitshala ongaphezu kwemfuneko kwisithuba esingenamntu esixhaswa ngemali kwesinye isikolo. Lo mqathango ukwasebenza nakwiimeko apho ukutshintshwa kuya kuvumela ukuba ootitshala abanebhasari yeFunda Lushaka baqeshwe kwisithuba esivulekileyo esishiywe ngumntu ngenxa yokutshintshwa.

8. Ootitshala abangaphezu kwemfuneko
8.1 Ootitshala esekuthiwe bangaphezu kwemfuneko, ngokususela kulwabiwo lwezithuba lwangaphambili kunye nangokungqinelana neenkqubo zangaphambili, nabasengaphezu kwemfuneko nangoku, baya kugcina loo meko yabo yokubangaphezu kwemfuneko (retain their in excess status). Imeko yaba titshala iya kusingathwa ngokulandela iimvumelwano ezikhoyo ngoku kunye nemibutho yabasebenzi zeBhunga lezeMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (ELRC).
8.2 Aba titshala bangaphezu kwemfuneko banokufakwa ezithubeni ezitsha ezabelwe amaziko ngokuthi kumataniswe izithuba ezilingana nezo bakuzo (by way of matching and placing) baze ke baqeshwe apho kuzo.
8.3 Ootitshala abaqeshwe isigxina mabacaciswe njengabangaphezu kwemfuneko ngokweSigqibo 2 sango-2003 seBhunga lezeMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (ELRC).
8.4 Ukuchazwa kootitshala abathathwa njengabangaphezu kwemfuneko abangenako ukumataniswa bafakwe kwizithuba zamanani abelwe izikolo (matched and placed against) zango-2015, makugqitywe ungadlulanga owe-30 Novemba 2014. ABaphathi beeKomiti zeeSekethe baya kukhupha iileta kwabo titshala bachaphazelekayo nezibazisa ukuba bathathwa njengabakwizithuba ezingaphezu kwemfuneko (they have been declared in excess) yaye iikopi zezo leta zilolu hlobo ziya kuthunyelwa kwiCandelo lokuGaya nokuKhetha aBasebenzi (Recruitment and Selection), ukuze ziqwalaselwe nguMnu Lindsay Jansen ungadlulanga owe-30 Novemba 2014.

9. Imibuzo

Kucelwa ukuba yonke imibuzo emalunga nale setyhula nemithetho echaphazelekayo mayibhekiswe kuMphathi weKomiti yeSekethe wakho.


10. Izinto ngokubanzi

Kucelwa wazise okukule setyhula bonke ootitshala namalungu ebhunga lolawulo lesikolo sakho ukuze bakuthathele ingqalelo.



ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
OMELE INTLOKO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:08:19