1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) linovuyo ukwazisa ukuba livelise indlela yokusebenzisa ikhompyutha (function) kwi-Central Education Management Information System (CEMIS) ukunika inkxaso izikolo ekulawuleni ingcaciso enxulumene nokwamkelwa kwabafundi neya kuthi ikwazi ukuvelisa ngokwayo (generate) uluhlu kwikhompyutha (on-line list) lwabafundi abangafumananga ndawo.

2. Amanyathelo achazwe kule ngcaciso imfutshane asebenza kwizicelo ezifunyenwe kulo nyaka zokucela ukwamkelwa kwabafundi ezikolweni ngo-2015.

3. Ukufakwa ekhompyutheni kwamanani abafundi acwangciselwe ubhaliso ngo-2015:

Kucelwa iinqununu zizalise ingcaciso yamanani abafundi angqikelelwayo (planned learner projections) ka-2015 ungadlulanga owe-15 Agasti 2014.


4. Ukufakwa ekhompyutheni kwezicelo zokwamkelwa kwabafundi esikolweni ngo-2015:
4.1 Kucelwa izikolo zifake izicelo zabo bonke abafundi abenze isicelo sokwamkelwa esikolweni ngo-2015 kwi-CEMIS.
4.2 Oku kungafumaneka kwi-CEMIS phantsi kwe-"Administration" tab kunye ne-"Admissions" dropdown.
4.3 Kucelwa uqaphele ukuba iinkcukacha zabafundi abasele bekwi-CEMIS akukho mfuneko yokuphinda zifakwe ekhompyutheni.
4.4 Isistim iya kuzifaka ngokwayo iinkcukacha kumacandelo ekufuneka zikuwo (prepopulate the required fields) xa umsebenzisi wekhompyutha efaka inombolo ye-CEMIS okanye inombolo yesazisi; okanye igama lomfundi, ifani kunye nesini.
4.5 Kuphela yingcaciso efuneka kuqala (basic information) yabafundi abenza isicelo sokufunda esikolweni esiseNtshona Koloni okokuqala ngqa ekuya kufuneka ifakwe ekhompyutheni.
4.6 Ukuba umfundi wamkelwe esikolweni, le ngcaciso efuneka kuqala iya kukotshelwa kwi-CEMIS emva kokugqitywa kwenkqubo yokupasa nokudlulela kwelinye ibakala kwabafundi (progression and promotion) ekupheleni konyaka.

5. Ukusombulula iimeko apho abafundi bangafumananga ndawo ezikolweni:
5.1 UMphathi weze-IMG ochaphazelekayo uya kukwazi ukufikelela kuluhlu lwabafundi abangekafumani ndawo esikolweni nakwiindawo ezikhoyo kwisekethe yakhe kwaye kucelwa ukuba ancedise ekusombululeni ukufakwa kwabafundi ezindaweni ngokuqhagamshelana nezo zikolo zikwiisekethe zabo.
5.2 Injongo yezithili mayibe kukusombulula ingxaki yabafundi abangekafumani ndawo ezikolweni abakwizintlu (lists) ungadlulanga owe-14 Februwari 2015.

6. Inzuzo y okufakwa kwezicelo zokwamkelwa kwabafundi kwiziko ledatha i-CEMIS
6.1 Le sistim iya kubonisa inani leendawo zokufunda ezifumaneka esikolweni eziya kuba nokufikeleleka kwiNqununu nakuMphathi weze-IMG.
6.2 Iya kwenza kube lula ukujonga isicelo somfundi/sebakala ngalinye kwinqanaba lesikolo.
6.3 Ngokususela kwingcaciso echanekileyo yabafundi abangekamkelwa ezikolweni, iSebe iWCED liya kukwazi bhetele ukunceda abazali abasakhangela iindawo zokufunda ezikolweni.
6.4 Ingcaciso ephambili yabafundi abatsha iya kuba seyifakiwe kwi-CEMIS ngo-2015.
6.5 Inombolo yesazisi yomfundi iya kusetyenziswa ukuqinisekisa ukuba akukho kuphinda-phindwa kwedatha okwenziwayo kwiziko ledatha.

7. Isistim iya kuba seyilungiselelwe ukufaka le ngcaciso kwi-CEMIS ukuqala nge-8 Agasti 2014.

8. Ukwazi ukufikelela kwiziko ledatha kuya kulawulwa ngqongqo kwenziwe kuphela ngamagosa atyunjelwe lo msebenzi nekuya kufuneka asayine iimvumelwano zokugcina iimfihlo.

9. Ngenxa yokwanda kwemfuno yeendawo zokufunda ezikolweni, iSebe iWCED liyathemba ukuba eli nyathelo liya kuncedisa inkqubo ukuba isebenze bhetele. Sinqwenela ukubulela iinqununu, ii-SGB namagosa ngenkxaso yawo ekufakeni bonke abantwana ezikolweni.

10. Yonke imibuzo enxulumene noku kungasentla ingathunyelwa kuMphathi weze-IMG ochaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:08:05