1. Le setyhula ithatha indawo yeSetyhula Abuse No More Protocol (2001 neSetyhula 0095/2002 ngokupheleleyo.
2. UMthetho i-Children’s Act, 2005 (Act 38 of 2005) noMthetho i-Criminal Law (Sexual Offences and Related Matters) Amendment Act, 2007 (Act 32 of 2007), iyicacisa gca into yokuba ootitshala banomsebenzi oluxanduva olunyanzelekileyo (mandatory duty) wokuxela (report) impatho-gadalala yabantwana, ukungahoywa ngabom kwabantwana nezenzo zokuxhatshazwa ngokwesondo kwabantwana. Ukungaphumeleli ukuxela oku phantsi kwale mithetho ikhankanyiweyo, sisenzo solwaphulo-mthetho.
3. Njengoko ingootitshala ekunyanzelekileyo ukuba baxele impatho-gadalala yabantwana, ukungahoywa ngabom kwabantwana nezenzo zokuxhatshazwa ngokwesondo kwabantwana, banendima ebalulekileyo abayidlalayo ekuqapheleni nasekugqithiseleni kwiingcali zoncedo abafundi abaneemeko ezinjalo; yaye yiloo nto kufuneka kukho isikhokelo esicace gca neenkqubo ezingqinelana nale mithetho ikhankanywe apha ngentla. Ngenxa yezinto ezintsha kwi-Children’s Act, (2005) nakwiCriminal Law (Sexual Offences and Related Matters) Amendment Act, (2007) nemimiselo yayo, i-Abuse No More Protocol (2001), iye yafakelwa izilungiso ukungqinelaniswa namacandelo nemimiselo echaphazelekayo.
4. UMgaqo-nkqubo i-Amended Abuse No More Protocol (2014) uqulunqwe ngokusebenzisana noonontlalontle bezikolo neentloko zecandelo lokuNika iNkxaso kwiMfundo eneeMfuno eziZodwa kwii-ofisi zezithili ezisi-8, iSebe lezeMpilo, iSebe loPhuhliso lwezeNtlalo, iNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika, iSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko, i-National Prosecution Authority, iSebe leMfundo leNtshona Koloni, iSebe leNkulumbuso ne-Provincial Gender Justice Forum emele la masebe angasentla nale mibutho/maziko alandelayo: Mosaic, Childline, Women Legal Centre, Law Resource Society, Cape Law Society, Resources Aimed at the Prevention of Child Abuse and Neglect (RAPCAN), Rape Crisis, i-University of Cape Town, i-University of the Western Cape, Anex: Human Trafficking, Anex: Child Labour and Sex Workers Education and Advocacy Taskforce (SWEAT).
5. Ukuncedisa amaziko emfundo kulawulo lwempatho-gadalala yabantwana nokungahoywa ngabom kwabantwana nokuxhatshazwa ngokwesondo kwabantwana, kuqhotyoshelwe apha olu xwebhu Amended Abuse No More Protocol (2014).
6. Okuqulethwe kule setyhula nakulo mgaqo-nkqubo makwaziswe bonke ootitshala, nabanye abasebenzi esikolweni, abazali, abafundi nabahlali abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:07:31

"Abuse No More Protocol"  (ubukhulu: 1 011 KB)