1. Njengoko kucacisiwe kwiSetyhula S10 ka-2014, iSebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education (DBE)) liya kuprinta lize lihambise iincwadi zokwenza umsebenzi kuzo zonke izikolo zikarhulumente (eziqhelekileyo nezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa) eNtshona Koloni kulungiselelwa unyaka wekhalenda yesikolo ka-2015.

Ezi ncwadi zilandelayo ziya kusiwa ngqo ezikolweni:

  • Iincwadi zokwenza umsebenzi zeBakala R;
  • EzamaBakala 1-6 zeeLwimi zeeNkobe;
  • EzamaBakala 1-3 zeMathematika kulwimi lokufunda nokufundisa;
  • EzamaBakala 4-9 zeMathematika kwisiNgesi nakwi-Afrikansi;
  • EzamaBakala 1-6 zoLwimi lokuQala oloNgezelelweyo zesiNgesi
  • EzamaBakala 1-3 zeZakhono zoBomi kulwimi lokufunda nokufundisa

I-Volume 1 ka-2015 (yeKota 1 no-2) iya kusiwa kuzo zonke izikolo phakathi kwe-5 Agasti ne-30 Septemba 2014.

I-Volume 2 ka-2015 (yeKota 3 no-4) iya kusiwa kuzo zonke izikolo phakathi kwe-13 Oktobha ne-5 Disemba 2014.

2. Ngo-Apreli 2014 kwakucelwe iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ukuba linike iSebe iDBE amanani abafundi aqikelelweyo eencwadi zokwenza umsebenzi eziza kuprintwa zisiwe ukulungiselela u-2015. Amanani abafundi anikwa iSebe iDBE asuselwa kwingcaciso yeCEMIS efanelekileyo eyayifumaneka ngelo xesha.
3. Inani leencwadi zokwenza umsebenzi eziza kusiwa kwisikolo ngasinye lenziwa ngamanani abafundi anikwa iSebe iDBE liSebe iWCED. Inani leencwadi zokwenza umsebenzi ngebakala ngalinye izikolo ezinokulindela liziswe liSebe iDBE linokujongwa kwikhasi lewebhu le-LTSM (CAPS textbooks) kwiziko lewebhu leWCED. Idilesi yeziko lewebhu yile: http://wcedonline.pgwc.gov.za/branchPS/LTSM/index.html
4. Uxwebhu olusisikhokelo olucacisa inkqubo yaphambi nangethuba lokusiwa kweencwadi zokwenza umsebenzi ezikolweni luqhotyoshelwe kule setyhula njengesiHlomelo A.
5. Zakuba zizisiwe iincwadi zokwenza umsebenzi ngumboneleli-nkonzo weSebe iDBE, kulindeleke ukuba izikolo zithelekise inani leencwadi zokwenza umsebenzi ezizisiweyo namanani anikwe kweli ziko lewebhu likhankanywe apha ngentla. Naziphi na iincwadi ezizisiweyo kulwimi olungachanekanga (wrong language deliveries) okanye ezishotayo mazixelwe kuxwebhu olububungqina bokusiwa kwazo yaye oko makwaziswe umboneleli-nkonzo obezise iincwadi zokwenza umsebenzi egameni leSebe iDBE.
6. ISebe iDBE lifaka i-proof of delivery (POD) yesikolo ngasinye kweli ziko lewebhu: http://www.schoolmaster.org.za Ziyakhuthazwa izikolo nezithili ukuba zingene kweli ziko lewebhu ukungqinisisa iinkcukacha zokuziswa kweencwadi. Inombolo ye-EMIS yesikolo inokusetyenziselwa ukuloga (log onto) kwiziko lewebhu.
7. Ngo-Oktobha 2014, zonke izikolo ekusiwe kuzo iincwadi zokwenza umsebenzi ziya kucelwa ukuba zingene kwi-CEMIS ukufaka amanani abafundi aqikelelweyo ango-2015 nenani kanye kanye leencwadi zokwenza umsebenzi ngesifundo ngasinye nangebakala ngalinye ezifunyenwe kwiSebe iDBE. Ngokwenza oku, ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko ziya kwaziwa zize zaziswe izithili.
8. Amagosa ezithili achaphazelekayo aya kuququzelela ukusiwa kweencwadi zokwenza umsebenzi ezishotayo.
9. Ukusetyenziswa kweencwadi zokwenza umsebenzi kuya kubekwa esweni ngamagosa ezithili nawakwaNdlunkulu.
10. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:07:31

IsiHlomelo A: ISIKHOKELO SOKWAMKELWA KWEENCWADI ZOKWENZA UMSEBENZI ZAMABAKALA R-9 KUNYAKA WEZIFUNDO KA-2015  (ubukhulu: 67 KB)
IsiHlomelo B: "Workbook recording template - 2015 Workbooks delivery"  (ubukhulu: 56 KB)