Njengoko kucacisiwe kwiSetyhula S10 ka-2014, iSebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education (DBE)) liya kuprinta lize lihambise iincwadi zokwenza umsebenzi kuzo zonke izikolo zikarhulumente (eziqhelekileyo nezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa) eNtshona Koloni kulungiselelwa unyaka wekhalenda yesikolo ka-2015.
Ezi ncwadi zilandelayo ziya kusiwa ngqo ezikolweni:
- Iincwadi zokwenza umsebenzi zeBakala R;
- EzamaBakala 1-6 zeeLwimi zeeNkobe;
- EzamaBakala 1-3 zeMathematika kulwimi lokufunda nokufundisa;
- EzamaBakala 4-9 zeMathematika kwisiNgesi nakwi-Afrikansi;
- EzamaBakala 1-6 zoLwimi lokuQala oloNgezelelweyo zesiNgesi
- EzamaBakala 1-3 zeZakhono zoBomi kulwimi lokufunda nokufundisa
I-Volume 1 ka-2015 (yeKota 1 no-2) iya kusiwa kuzo zonke izikolo phakathi kwe-5 Agasti ne-30 Septemba 2014.
I-Volume 2 ka-2015 (yeKota 3 no-4) iya kusiwa kuzo zonke izikolo phakathi kwe-13 Oktobha ne-5 Disemba 2014.
|