2. |
ISiqendu 10 soMthetho weMfundo weZikolo zePhondo leNtshona Koloni, 1997 (uMthetho 12 ka-1997) sibonelela ngokuba iNtloko yezeMfundo inokutyumba igosa elijongene nokuhamba isikolo ukuba liphumeze imigaqo yesiqendu 3(5) no-(6) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84 ka-1996) ukuba linike inkxaso yaye libeke esweni abafundi abaphinda-phindayo ukungabikho esikolweni kungekho zizathu zivakalayo. |
3. |
Isiqendu 3(1) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84 ka-1996) sicacisa ukuba, ukuba umfundi ofanele ukuhamba isikolo ngokunyanzelekileyo ngokwesiqendwana (1) akabhaliswanga okanye akaphumeleli ukuhamba isikolo, iNtloko yeSebe inokuthi
- iphande ngeemeko zokungabikho komfundi esikolweni;
- ithathe amanyathelo afanelekileyo okuyilungisa le meko; yaye
- xa kungaphumeleli oko, ikhuphe isaziso esibhaliweyo esiya kumzali womfundi esifuna ukuba athobele umthetho okufunekayo.
|
4. |
Le Mimiselo imalunga neMisebenzi yamaGosa ajongene nokuHamba iSikolo isingethe oku kulandelayo:
- Imisebenzi yamagosa ajongene nokuhamba isikolo
- Izizathu ezivakalayo zokungabikho komfundi esikolweni
- Isaziso esibhaliweyo esiya kumzali
|
5. |
Kucelwa iinqununu ukuba zazise okukule mimiselo bonke ootitshala namalungu ebhunga lolawulo lesikolo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:12:17
|
|