ISALANTHISO: | 32777 5/8/4/1/2 |
| IMIBUZO: | Z Hartley | IFONI: | 021 467 9357 | IFEKSI: | 021 467 2612 |
ISETYHULA | : | 0029/2014 | UMHLA WOKUPHELELWA | : | AWUKHO |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KUBAPHATHI BEZE-IMG, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM NAKWIINQUNUNU ZEZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO NEZEZO ZIKOLO ZEMFUNDO ENEEMFUNO EZIZODWA OKUSEBENZAYO OKU |
ISISHWANKATHELO ESIFUTSHANE: | Iinkcukacha zefasilithi yoku-odola ngekhompyutha iincwadi zokufunda ezongezelelwayo zamaBakala 1 – 12, ii-core readers, iinoveli nezikhokelo zootitshala zokusetyenziswa ngo-2015 |
ISIHLOKO: | UKU-ODOLWA NGEKHOMPYUTHA KWEENCWADI ZAMABAKALA 1 - 12 ZOKUSETYENZISWA NGO-2015 |
1. |
Izikolo zazazisiwe kwiSetyhula 0023/2014 ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) livelise ifasilithi yoku-odola ngekhompyutha iincwadi zezifundo zamaBakala 1 – 12, ii-core readers (amaBakala 4 – 6), iinoveli (amaBakala 7 – 9) nezikhokelo zootitshala ukulungiselela uJanuwari 2015. |
2. |
Injongo yale fasilithi yoku-odola ngekhompyutha iincwadi kukulungiselela ukuba izikolo zifumane ithuba lokongeza kwinani leencwadi zezifundo zazo ezikhoyo ngoku ezo zabafundi abalindeleke kwibakala elithile ngoJanuwari 2015. Izikolo ziya kuthi emva koko zibonise inani labafundi eliqikelelwayo kwisifundo nakwibakala ngalinye ngoJanuwari 2015, zize zihlole yaye zibonise inani leencwadi zezifundo isikolo esinazo njengangoku (kubandakanywa neencwadi zezifundo ezingaphezu kwemfuneko ezigcinwe estoreni). |
3. |
Iikhathalogu zikazwelonke zeencwadi zezifundo zamaBakala 1 – 12, ii-core readers, nezikhokelo zootitshala kwakunye nekhathalogu yephondo evunywe ngokusesikweni yeenoveli zamaBakala 7 – 9 ziya kufumaneka kwifasilithi esekhompyutheni. |
4. |
Le fasilithi isekhompyutheni iya kufumaneka ukususela ngowe-21 Julayi kuye kutsho kwi-1 Agasti 2014 ukwenzela ukuba izikolo zifake iimfuno zazo zeencwadi nezinto zokuncedisa ukufunda nokufundisa (LTSM). |
5. |
Inkqubo eza kulandelwa xa ku-odolwa iimfuno zeLTSM zesikolo ifakwe kwiziko lokwenza ii-odolo ngekhompyutha kwiCEMIS. |
6. |
Xa kusenziwa ii-odolo zeencwadi zezifundo, isistim esekhompyutheni iya kufuna ukuba izikolo zibonise amanani abafundi aqikelelwayo ngoJanuwari 2015 kwisifundo ngasinye nakwibakala ngalinye. Ngaphezulu, kuya kufuneka izikolo zibonise inani leencwadi zezifundo ezikhoyo njengangoku (kubandakanywa nezo ziselugcinweni estoreni) esikolweni. |
7. |
Kufuneka izikolo zisebenzise isabelo-mali sazo seMimiselo neMigangatho esifunyenwe kwiSebe iWCED sika-2014/15 ukuhlawulela iimfuno ezongezelelweyo ze-LTSM. |
8. |
Izikolo zinokwenza isicelo senkxaso-mali kwiSebe iWCED kwiimeko apho kunokunikwa izizathu ezivokothekileyo ezingqina ukuba isabelo-mali seMimiselo neMigangatho esikhoyo sika-2014/15 asiyi kwanela ukuhlawulela zonke okanye inxenye yeencwadi zezifundo ezongezelelweyo ezifunwa sisikolo ngoJanuwari 2015. Apho uncedo olunjalo lufunekayo, izikolo mazizalise zize zingenise le themplethi iqhotyoshelwe apha (isiHlomelo A) ziyingenise nge-imeyili apha ltsmprojects@westerncape.gov.za ungadlulanga uLwesihlanu, we-1 Agasti 2014. |
9. |
ISebe iWCED liya kunika inkxaso-mali kuphela ukuthengwa kweencwadi zezifundo ezongezelelweyo, kungabi kukuthengwa kwee-core readers, iinoveli nezikhokelo zootitshala. |
10. |
Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:07:10
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47
|
|