1. Ngo-2011 uRhulumente wePhondo wavuma inkqubo eyi-Infrastructure Delivery Management System (IDMS) njengenkqubo yokwenziwa kweenkonzo zeziseko zophuhliso (infrastructure delivery mechanism) kwiphondo.
2. Ii-Standard Operating Procedures (SOPs) ngamaxwebhu awayenzelwe ukuncedisa ukuphunyezwa kwale nkqubo.
3. Ii-SOPs zokwenziwa kolondolozo zenziwe zaza zangeniswa kwii-ofisi zezithili zemfundo.
4. Apha kuqhotyoshelwe ii-SOPs zokwenziwa kolondolozo olungxamisekileyo nezolondolozo lwezakhiwo olubhajethelweyo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), lisenza ngokubhungisana neSebe lezoThutho neMisebenzi yoLuntu (Department of Transport and Public Works (DTPW)), aya kuwajongisisa awalungise kwakhona la maxwebhu awacokise qho ngonyaka.
5. Nakuba kunjalo, ukuba ii-SOPs zifakelwe izilungiso, iSebe iWCED liya kunika izikolo loo maxwebhu afakelwe izilungiso.
6. Kucelwa uqaphele ukuba ii-SOPs zokwenziwa kolondolozo olungxamisekileyo zithatha indawo yeSetyhula 175/2000.
7. Kucelwa wazise okuqulethwe yile setyhula bonke ootitshala namalungu ebhunga lolawulo lesikolo (SGB) ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:07:11

"SOPs for emergency maintenance"  (ubukhulu: 527 KB)
"SOPs for scheduled maintenance"  (ubukhulu: 533 KB)