1. Le setyhula yazisa iinqununu zezikolo, ootitshala namagosa ezithili ngenkqubo yokufakwa kwesishwankathelo seNdlela esiQhuba ngayo eZifundweni isikolo ngeKota (school's Term Performance) yangoJuni, Septemba nangoDisemba 2014 kwizikolo zikarhulumente eNtshona Koloni.

2. Kufuneka izikolo namagosa zazi ukuba abafundi kwibakala ngalinye baqhuba njani na ezifundweni qho ngekota ukwenzela ukuba zikulandelele ukuqhuba kwabo ezifundweni zikuthelekisa neethagethi ezimiselweyo, zibe nako nokuqaphela abafundi abasemngciphekweni zize zenze izicwangciso ezifanelekileyo zongenelelo ngoncedo.

3. Ukuza kuthi ga ngoku bekusetyenziswa iindlela ezininzi ezahlukeneyo kwizithili ngokubanzi zokuqokelela nokudibanisa le datha, yaye oko kubangela ubunzima ekwenzeni isishwankathelo nokuba nako ukubeka esweni indlela abaqhuba ngayo abafundi ezifundweni ngendlela eyiyo.

4. Kwilinge lokuba le nkqubo isuswe izinto ezingeyomfuneko ukuze isebenze kakuhle, iCandelo loMlawuli oyiNtloko weZithili zeMfundo livuselele ifasilithi kwiCEMIS yokufaka idatha yokusetyenziswa zizikolo ekupheleni kwekota nganye.

5. Ziyacelwa izikolo ukuba zifake iNdlela eziQhuba ngayo eZifundweni ngeKota (isishwankathelo samaBakala 1 - 12) kwiCEMIS ingadlulanga le mihla ilandelayo:

IKOTA YESIKOLO UMHLA
2 ULwesihlanu we-25 Julayi 2014
3 ULwesihlanu we-17 Oktobha 2014
4 ULwesihlanu we-12 Disemba 2014 (AmaBakala 1-11 kuphela)

6. Ukufikelela kwi-capture screen kwi-CEMIS yiya kwi:

  • "Assessments" tab;
  • Ukhethe u"Term Performance" kwi-drop down menu;
  • Khetha ibakala elifanelekileyo;
  • Ukhethe Term 2;
  • Faka iziphumo kumacandelo afunekayo (required fields); yaye
  • wakugqiba, klikha kwi-submit button ngaloo ndlela ziya kuseyiveka iziphumo.
7. IsiHlomelo A esiqhotyoshelweyo sinika isikhokelo esicace gca ngendlela yokufikelela kwi-capture screen kwiCEMIS.

8. Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba zenze kufumaneke okuqulethwe yile setyhula ngabo bonke ootitshala.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:06:25

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 491 KB)
IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO NE-CEMIS NGEXESHA LEEYURE ZOMSEBENZI  (ubukhulu: 65 KB)