1. Bonke abaqeshwa bafanele babe nolwazi lokuba nakuphi na ukungabikho emsebenzini makulungiselelwe ngokunikwa ikhefu nokuba lelolwaluphi na uhlobo.

2. Ukuphucula ulawulo lwekhefu, makuqatshelwe ezi ngongoma zibalulekileyo zilandelayo:
2.1 Umqeshwa onqwenela ukuthatha ikhefu makangenise isicelo sekhefu lakhe kwangaphambili kakhulu kangangoko kunokwenzeka.
2.2 Ukuzaliswa nokungeniswa kweefom zekhefu kwisuphavayiza kuhlala kuluxanduva lomenzi-sicelo (Jonga kumhlathi 2.3 weSetyhula 5 ka-2012 yomhla we-10 Februwari 2012.)
2.3 Ukwenza kube lula ukujonga izalathiso (reference), kunye nokulungiselela ngakumbi inkqubo yezolawulo, kucelwa ukuba abaqeshwa kunye neesuphavayiza/nabaphathi bancede babhale igama lesikolo/leziko/le-ofisi kwakunye nesithili semfundo esichaphazelekayo kwifom yekhefu.
2.4 Ifom yesicelo sekhefu ezalisiweyo (ifom Z1) mayingeniswe kwisuphavayiza ngenjongo yokuba iqwalaselwe.

Qaphela:

  1. Akukho mqeshwa unokusivuma ngokwakhe isicelo sekhefu lakhe, umz. inqununu okanye umlawuli akanakwenza isicelo sekhefu aze asivume ngokwakhe isicelo sakhe (recommend his/her own application leave).

  2. Iinqununu zezikolo mazingenise izicelo zazo zekhefu kumphathi weze-IMG ngenjongo yokuba zivunywe, kungabi kusihlalo webhunga lolawulo lesikolo.
2.5 Isuphavayiza, emva kokuba iqwalasele imiba enjengeemfuno zomsebenzi nokuba ngaba umenzi-sicelo uyangqinelana na neemfuno ezingummiselo zohlobo lwekhefu elenzelwa isicelo, iya kunika ingcebiso kulowo ukwinqanaba elingentla kuye kwisitraktsha seziko.
2.6 Ifom yesicelo sekhefu ezalisiweyo, kwakunye nengcebiso yesuphavayiza, mazingeniswe kuNdlunkulu weSebe iWCED kwiintsuku eziyi-14 emva kokuba sifunyenwe isicelo sekhefu (Jonga kwiSetyhula 5 ka-2012 yomhla we-10 Februwari 2012).

Qaphela:
Mazikhumbule iinqununu, abaphathi neesuphavayiza ukuba ukungenisa ifom yesicelo sekhefu kube kanye kuphela ngekota yesikolo okanye ekupheleni kwekota yesikolo akwamkelekanga, yaye mabayeke ukwenza oku. Ukungenisa kwangexesha izicelo zekhefu kwiSebe iWCED kuphicothwa yi-ofisi yoMphicothi-zincwadi Jikelele qho ngonyaka, yaye nakuphi na ukulibaziseka ekungenisweni kwazo kubanefuthe elibi ekuphicothweni kweSebe iWCED. Ngako oko ke, kunyanzelekile ukuba iinqununu, abaphathi neesuphavayiza, ziyilandele ngqo le mfuno ingummiselo yokuba isicelo sekhefu ngasinye masingeniswe kuNdlunkulu weSebe iWCED kwiintsuku eziyi-14 emva kokwamkelwa kwaso. (Jonga kwiSetyhula 5 ka-2012 yomhla we-10 Februwari 2012.)

2.7 Igunya lokuvuma ikhefu lithweswe amagosa eCandelo lezeMicimbi yaBasebenzi achaphazelekayo akwaNdlunkulu.

3. Kwimeko zekhefu elilodwa (iihambo zokuya phesheya kwolwandle, njl. njl.), kubalulekile ukuba isicelo masingeniswe kusekwangoko kakhulu ukwenzela ukuba uNdlunkulu alivume ikhefu phambi kokuba kuqale ithuba lekhefu.

4. Kucelwa uqinisekise ukuba okukule setyhula kwaziswa bonke abasebenzi abaphantsi kweliso lakho ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:06:11