1. Ukususela ekuqalisweni kokusetyenziswa kweeNkcazo zoMgaqo-nkqubo woVavanyo lweKharityhulam (Curriculum Assessment Policy Statements (CAPS)) ngo-2011 – 2013, izikolo zakhetha zaza za-odola iincwadi zezifundo zazo ngekhompyutha kwiCentral Education Management Information System (CEMIS) zisebenzisa iikhathalogu zikazwelonke ezizinikwe liSebe leMfundo esiSiseko.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) njengangoku livelisa isistim esekhompyutheni efanayo naleyo yefasilithi yoku-odola ngekhompyutha yexesha elidlulileyo, ukwenzela ukuba izikolo zenze ii-odolo zeencwadi zezifundo zazo ezongezelelweyo zamaBakala 1 - 12 ukulungiselela uJanuwari 2015. Le fasilithi isekhompyutheni iya kuba sele ifumaneka nge-21 Julayi 2014.
3. Kucelwa izikolo ukuba zikucwangcise ngenyameko uku-odola iincwadi zezifundo zazo ukwenzela ukuba bonke abafundi bafumane iincwadi zezifundo kuzo zonke izifundo ngoJanuwari 2015. Kucelwa nithathele ingqalelo ubhaliso lwabafundi olucwangciselwe ibakala ngalinye ngo-2015 nokubuyiswa kweencwadi zezifundo ngabafundi (textbook retention) xa nibala inani leencwadi zezifundo ezongezelelweyo eziza ku-odolwa ngoJulayi 2014. Ekubaleni inani lobhaliso lwabafundi lenu elicwangciselwe u-2015 kufuneka nicinge ngeereyithi zokupasa enizithagethileyo kwibakala ngalinye nenani labafundi abatsha abaza kubhaliswa.
4. IMimiselo neMigangatho yenkxaso-mali yezikolo (iSebe leMfundo, 2006) ifuna ukuba iincwadi zezifundo zibekwe phambili ngokubaluleka kusetyenziso lwale mali. Ngenxa yesi sizathu inkxaso-mali ngokweMimiselo neMigangatho kufuneka isetyenziselwe ukuthenga iincwadi zezifundo ezongezelelweyo ezi-odolwe ngoJulayi 2014 ukulungiselela ukuba zisetyenziswe ngoJanuwari 2015.
5. Apho izikolo zinokunika izizathu ezibambekayo zokuba aziyi kubanayo imali eyaneleyo ekhutshwa ngokweMimiselo neMigangatho yenkxaso-mali yokuthenga i-odolo yazo eyongezelelweyo iphela, zinokwenza isicelo sokufumana uncedo kwiSebe iWCED. Ithempleyithi emalunga noku iya kukhutshwa xa sele kusondele ixesha lenkqubo yokwenza ii-odolo ekhompyutheni.
6. Iinkcukacha ezithile zenkqubo yokwenza ii-odolo ngekhompyutha, kwakunye nemihla, ziya kwaziswa izikolo ungadlulanga owe-21 Julayi 2014.
7. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:06:13