1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lenza ii-odolo zeencwadi zezifundo, izinto zokubhala zootitshala nabafundi kwakunye nezinto zokucoca egameni lazo zonke izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21, lakuba lifumene iirikhwizishini zazo.
2. Ukuphucula nokukhawulezisa ulawulo lwenkqubo yoku-odola, iSebe iWCED liya kuqalisa inkonzo yokusebenzisa ikhompyutha (online service) kwizikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21, uku-odola izinto zokubhala zabafundi nootitshala kwakunye nezinto zokucoca eziza kusetyenziswa ngo-2015.
3. Inkonzo yokusebenzisa ikhompyutha (online service) iya kuvuleleka kuzo zonke izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 ngokuqala kungenwe kwiCEMIS ukususela ngoLwesibini we-17 Juni 2014 de kube nguLwesihlanu we-27 Juni 2014
4. IziHlomelo A - D (eziqhotyoshelweyo) zinezona mfuno zisezantsi zimiselweyo zezinto zokubhala zabafundi kwiSigaba seSiseko, kwesiPhakathi nakwesaBadala kwakunye nabafundi abakwiSigaba seFET.
5. Zonke izinto (items) ezidweliswe kwiziHlomelo A - D zikwikhathalogu yezinto zokubhala ekwikhompyutha (online stationery catalogue). Ziyacetyiswa izikolo ukuba zisebenzise iziHlomelo A - D njengesikhokelo sokubonelela ngezinto zokubhala zabafundi.
6. Ziya kucelwa izikolo zisebenzise iimali zazo zezabelo zeMimiselo neMigangatho yoLwabiwo-mali ukuthenga iincwadi zezifundo ezongezelelweyo (top up textbooks) ukwenzela uJanuwari 2015 kwakunye neencwadi zezifundo ezongezelelweyo ngenxa yokwanda kwamanani abafundi. Iinkcukacha ezingaphezulu malunga noku ziya kwaziswa phambi kokuphela kwale kota yesikolo. Kubaluleke gqitha ukuba izikolo zibe nobulumko ekwenzeni isigqibo malunga nendlela yolawulo lweemali zazo zeMimiselo neMigangatho ukwenzela ukuqinisekisa ukuba ikhona imali eyanele zonke iimfuno ezimiselweyo zabafundi.
7. Kucelwa wazise ngokuqulethwe kule setyhula onke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:06:06

IziHlomelo A: "Foundation Phase Minimum Schoolbag"  (ubukhulu: 32 KB)
IziHlomelo B: "Intermediate Phase Minimum Schoolbag"  (ubukhulu: 31 KB)
IziHlomelo C: "Senior Phase Minimum Schoolbag"  (ubukhulu: 31 KB)
IziHlomelo D: "Further Education and Training Minimum Schoolbag"  (ubukhulu: 35 KB)