Byela emva     Close this Circular     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:   029447
14/2/13/P
IMIBUZO:   ABaququzeleli boVavanyo    IFONI:   021 467 2572     IFEKSI:   021 467 9370

ISETYHULA

  :    

0021/2014

UMHLA WOKUPHELELWA 

  :    

31 Disemba 2014


IYA:      

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUMASEKELA BALAWULI, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KUBAPHATHI BEZE-IMG, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-SLES, KUBAQUQUZELELI BOVAVANYO NAKWIINQUNUNU ZAZO ZONKE IZIKOLO EZIFUNDISA AMABAKALA R – 12


ISISHWANKATHELO
ESIFUTSHANE:      

Le setyhula yenzelwe ukufakela izilungiso kumacandelo ku-4.4.1 no-4.4.4. njengoko kucacisiweyo kwiSetyhula 0017/2014.


ISIHLOKO:      

IZILUNGISO KWIIMFUNO EZIMISELWEYO ZOKUPASA KUMABAKALA 7-9


1. Intshayelelo

Le setyhula ifakela izilungiso kumacandelo 4.4.1 no-4.4.4 eSetyhula 0017/2014 (Iimfuno ezimiselweyo zeeprogram, isikhokelo sokudlulela kwelinye ibakala neemfuno ezimiselweyo zokupasa kumaBakala R - 12 ngo-2014). Izilungiso zikrwelwe umgca ngaphantsi yaye ziboniswe apha ngezantsi.


2. Iimfuno ezimiselweyo zokupasa kubafundi abavela kwamanye amazwe kumaBakala 7 – 9
2.1 Abafundi bamaBakala 7 - 9 baya kunyuselwa ukusuka kwibakala baye kwelinye ukuba benze izifundo ezisithoba (9), bayangqinelana neemfuno ezimiselweyo zokupasa (promotion requirements) kwizifundo ezisibhozo (8) zezi zifundo yaye bazigqibile iimvavanyo eziqhubekela ezikolweni (school based assessment (SBA)) zazo zonke izifundo ezisithoba (9).
2.2 Iimfuno ezimiselweyo zokupasa kubafundi abavela kwamanye amazwe kumaBakala 7 – 9

Iimfuno ezimiselweyo zeprogram Iimfuno ezimiselweyo zokupasa
Umfundi makenze ezi zifundo zisithoba (9) zilandelayo:

  • ULwimi lweeNkobe (HL)
  • ULwimi lokuQala oloNgezelelweyo (FAL)
  • IMathematika
  • IiSayensi zeNdalo
  • IiSayensi zeNtlalo
  • ULwazi ngezoBomi
  • IThekhinoloji
  • UbuGcisa neNkcubeko
  • IiSayensi zezoQoqosho noLawulo
Umfundi ovela kwelinye ilizwe unokupasa ulwimi olunye lweelwimi ezimbini zaseburhulumenteni ezifunekayo ubuncinane kwinqanaba loLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (First Additional Language - FAL) yaye afumane inqanaba 3 (40%-49%, uPhumelele ngoMndilili) kolo lwimi ukuba ngaba uyangqinelana nezi mfuno zingummiselo zilandelayo:

INqanaba 3 (uPhumelele ngoMndilili) (40%-49%) kwiMathematika

INqanaba 3 ((uPhumelele ngoMndilili)) (40%-49%) kuzo naziphi na ezinye izifundo EZITHATHU (3) ezifunekayo

INqanaba 2 (uPhumelele kaNcinane) (30%-39%) kuzo ZOZITHATHU (3) izifundo kwezo ziseleyo

  I-SBA= 40% yamanqaku ewonke/yamanqaku okugqibela okudlulela kwelinye ibakala
Uviwo = 60% yamanqaku ewonke/yamanqaku okugqibela okudlulela kwelinye ibakala

3. Umfundi ovela kwelinye ilizwe kumaBakala 4 - 9 unokwenza ulwimi lwakhe lweenkobe endaweni yolwimi lwaseburhulumenteni olunye yaye ngokuxhomekeka ekubeni lulwimi oluvunywe njengolwimi olungelulo olwaseburhulumenteni (non-official language), yaye kwakhona ngokuxhomekeka ekubeni uyangqinelana neemfuno ezimiselweyo eziqhelekileyo zeSigaba esiPhakathi nezeSigaba saBadala njengoko kuchatshazelwe kwiSetyhula 0017/2014 ngokulandelelanayo.

4. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:05:28


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47

Byela emva     Close this Circular     Maak omsendbrief toe