Byela emva     Close this Circular     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:   28887
2/4/P
IMIBUZO:   Matsela Molaba    IFONI:   021 467 2742     IFEKSI:   021 467 2996

ISETYHULA

  :    

0020/2014

UMHLA WOKUPHELELWA 

  :    

AWUKHO


IYA:      

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KWIINTLOKO ZAMACANDELWANA NAMACANDELO KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, NAKWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG


ISISHWANKATHELO
ESIFUTSHANE:      

Isikhokelo esihlaziyiweyo sokukhutshwa kweesetyhula, iingcaciso ezimfutshane nezaziso zaseburhulumenteni zeSebe iWCED


ISIHLOKO:      

ISIKHOKELO ESIHLAZIYIWEYO ESIMALUNGA NOKUKHUTSHWA KWEESETYHULA, IINGCACISO EZIMFUTSHANE NEZAZISO


1. Isikhokelo seSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) esimalunga nokukhutshwa kweesetyhula, iingcaciso ezimfutshane nezaziso sabhengezwa ngeSetyhula 0011/2012 yomhla we-6 Matshi 2012.

2. Nakuba kunjalo, ngenxa yeenguqu zakutshanje ezenziwe kwistraksha seSebe i-WCED, kuye kwayimfuneko ukuba kwaziswe amagosa ngenkqubo ehlaziyiweyo yokukhutshwa kweesetyhula, iingcaciso ezimfutshane nezaziso.

3. Naziswa le ngcaciso ibalulekileyo ilandelayo nesebenza ukususela ngoku, ukwenzela ukuba niyithathele ingqalelo:
3.1 Iisetyhula zinokusayinwa yiNtloko yeSebe leMfundo kuphela okanye ligosa elibambeleyo kweso sikhundla sayo. Ingcaciso emfutshane okanye isaziso sinokusayinwa liSekela Mlawuli-Jikelele welo Candelo likhulu lichaphazelekayo okanye ligosa elibambeleyo kweso sikhundla salo.
3.2 Iisetyhula zikhutshwa ngenjongo yokwazisa izikolo nabasebenzi beSebe i-WCED ngemicimbi ebaluleke ngokukodwa, o.k.t. imibandela engomgaqonkqubo engenakutshintshwa nakanjani na okanye engenakungahoywa. Iingcaciso ezimfutshane nezaziso zidla ngokukhutshwa ngenjongo yokunika ingcaciso, imiyalelo kunye nokucacisa imiba eqhelekileyo eyenziwa qho.
3.3 IRejistri eNkulu (General Registry) kwaNdlunkulu, ese-6th floor e-Grand Central Towers, Cape Town, inika iinombolo zeesetyhula zaseburhulumenteni zeSebe iWCED ngokolandelelwano lwamanani yaye kufuneka kuqhagamshelwane nayo malunga noku.
3.4 Ilelo nelo icandelo nee-ofisi zezithili zinika iinombolo zeengcaciso ezimfutshane nezaziso zazo ngokolandelelwano lwamanani kwaye zigcina iirejista ukulungiselela loo njongo.

3.5 Kuphela yiRejistri eNkulu (General Registry) kwaNdlunkulu egunyazisiweyo ukuba ithumele imbalelwano yonxibelelwano ngekhompyutha evela kwiSebe i-WCED, enjengeesetyhula, iingcaciso ezimfutshane nezaziso zaseburhulumenteni zeSebe i-WCED, kumagosa nakwizikolo zeSebe i-WCED, ngokusebenzisa iinkqubo zokuthunyelwa kweposi ii-e-school and electronic mail list systems. Iisetyhula neengcaciso ezimfutshane nezaziso zithunyelwa zikwi-PDF yaye ke ngoko makwenziwe zonke iinzame zokuqinisekisa ukuba okuqulethwe zizo kuchanekile ngokwemigaqo yegrama nosetyenziso lolwimi, kusetyenziswa iiletahedi ezichanekileyo nokuba zikumgangatho ophezulu. Iiletahedi zeSebe i-WCED ezazikhutshwe liCandelo lezoNxibelelwano (Directorate Communication) nge-11 Januwari 2012 zisasebenza nangoku.
3.6 Nayiphi na imbalelwano ethunyelwa ngekhompyutha ezikolweni zethu nakumagosa ethu mayigunyaziswe ngencwadi ebhaliweyo ligosa elichaphazelekayo elikwisikhundla seNtloko yeSebe okanye seSekela Mlawuli-Jikelele okanye segosa elibambeleyo kweso sikhundla. Eso sigunyaziso sibhaliweyo masihambe kunye nembalelwano xa sisiwa kwiRegistri eNkulu ngenjongo yokuba sisasazwe ngekhompyutha.
3.7 Yakuba isetyhula, ingcaciso emfutshane okanye isaziso sigunyazisiwe, umhla negama legosa elichaphazelekayo eligunyazise imbalelwano maziboniswe kwindawo yesiginitsha yekopi yekhompyutha phambi kokuba kuyiwe kwiRejistri. Oku kuthetha ukuba amagama "Isayinwe ngu-" nomhla wogunyaziso maziboniswe kwindawo yesiginitsha. Makungeniswe ikopi ekumgangatho ophezulu yoxwebhu lokugqibela oluyintsusa (copy of the original final document), kwakunye namaxwebhu aqhotyoshelweyo achaphazelekayo neekopi zekhompyutha (nemazingeniswe nge-imeyili okanye nge-memory stick (via e-mail or on a memory stick)), kwiNtloko yeRejistri eNkulu ngenjongo yokuba isasazwe ngekhompyutha ngaphandle kokulibazisa.
3.8 Luxanduva lwegosa elichaphazelekayo necandelo/nekhomponenti/ neyunithi ebhale isetyhula, ingcaciso emfutshane okanye isaziso ukuqinisekisa ukuba okuqulethwe yimbalelwano kuchanekile yaye kuphelele ngandlela zonke phambi kokuba kwenziwe iikopi zekhompyutha ezivunyiweyo nezisayinelweyo zifumaneke kuRejistri ngenjongo yokuba zisasazwe ngekhompyutha. Xa kuthunyelwa imbalelwano evunyiweyo kwaRejistri ukwenzela ukusasazwa kwayo, igosa elikwisikhundla esingekho ngaphantsi kweso sesekela-mlawuli wecandelo/wekhomponenti/weyunithi echaphazelekayo malinike ingqinisekiso uRejistri yokuba iikopi zekhompyutha zichanekile yaye ziphelele yaye zinako ukusasazwa ngekhompyutha. Abasebenzi bakwaRejistri mabangaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko baphazamisane neekopi ezithunyelwa ngekhompyutha ngamacandelo, okubandakanya iimeko apho indawo yesiginitsha ingaphelelanga. Akukho mbalelwano mayisasazwe ngekhompyutha ingekho ingqinisekiso (without confirmation).

4. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo malunga nokuqulathwe lolu xwebhu, kucelwa uqhagamshelane negosa eligama lalo livele emva kwegama elithi "Imibuzo" (Enquiries) kwiletahedi elapha ngasentla.

5. Kucelwa uthathe uSetyhula 0006/2010 yange 19 Februwari 2010 noSetyhula 011/2012 yange 06 Matshi 2012 zeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso, njengezifakelwe izilungiso ngokufanelekileyo.

6. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:05:27


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47

Byela emva     Close this Circular     Maak omsendbrief toe