1. Injongo yale setyhula kukungqina imihla yokubhalwa kweeMvavanyo zikaZwelonke zoNyaka (Annual National Assessments) (ANA) ukususela nge-16 ukuya kwi 19 Septemba 2014, njengoko kubonisiwe kule thayimthebhile iqhotyoshelwe apha. Ukungaphumeleli ukulandela ngqo le mihla namaxesha amiselweyo, kuya kuba kukutenxa kwinkqubo yokubhalwa kweemvavanyo (assessment irregularity).
2. Le mihla ithatha indawo yemihla yethutyana (provisional dates) eyayaziswe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo 0001/2014.
3. Ayililo lonke iqela labafundi kumaBakaka 7 no-8 abaya kubhala i-ANA ngo-2014; kuya kukhethwa isampula yabafundi kumaBakaka 7 no-8 ukuba ibhale i-ANA. Ezi zikolo ziya kukhethwa zize zaziswe kwangethuba ngokumalunga namalungiselelo okubhalwa kwe-ANA.
4. Izikolo mazikhumbule ukuba ezi ntsuku kubhalwa ngazo ii-ANA ziintsuku zesikolo eziqhelekileyo nokuba ukufunda nokufundisa kufuneka kuqalise ngoko nangoko emva kokuba lugqityiwe uvavanyo ngalunye.
5. Njengoko olu iluvavanyo lukazwelonke, ukubekwa esweni (monitoring) kuya kwenziwa ngamagosa ee-ofisi zezithili zemfundo, ngamagosa ephondo kwakunye nangabameli beSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (iSebe i-DBE). Qaphela ukuba amagosa abeka esweni inkqubo, aya kuvunyelwa kuphela ukuba abeke esweni uvavanyo ukuba aveza ubungqina besazisi neleta ewagunyazisa ukuba abeke esweni inkqubo egameni le-ofisi echaphazelekayo.
6. Ukumakishwa nokumodareyithwa kwangaphakathi kwee-ANA kuya kukwenzelwa esikolweni phantsi kweliso lekomiti yolawulo lwesikolo (school management team), kwaye kufuneka ukuba kugqitywe ungadlulanga owe-29 Septemba 2014. Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba ziqinisekise ukuba ukumakishwa kweemvavanyo ze-ANA (ANA test material) akwenziwa ngexesha elicwangciselwe ukufundisa nokufunda (ixesha lokufunda eklasini).
7. Ukufakwa ekhompyutheni kwamanqaku amodareyithiweyo kwi-Centralised Education Information Management System) (CEMIS) makube sekugqityiwe ungadlulanga owe-24 Oktobha 2014. Kucelwa izikolo zikufake oku kwisicwangciso sazo.
8. Kucelwa amagosa ee-ofisi zezithili zemfundo neenqununu zazise okukule setyhula ootitshala, abafundi nabazali ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:05:23

ITHAYIMTHEBHILE YEMVAVANYO ZIKAZWELONKE ZONYAKA (ANNUAL NATIONAL ASSESSMENTS) KA-2014
 (ubukhulu: 28 KB)