1. ISebe leMfundo esiSiseko likhuphe iKhathalogu kaZwelonke (National Catalogue) (isiHlomelo A) se-Folklore Anthologies eluncwadi lwemveli ukulungiselela izikolo ezinqwenela ukufunda uncwadi lwemveli njengodidi loncwadi kwiiLwimi zeeNkobe ekuzezi, isiXhosa, iSesotho neSetswana kwiBakala 12 ngo- 2015.
2. Ziyacelwa izikolo ezikhethe uNcwadi lweMveli njengodidi loncwadi ku-2015 kwezi Lwimi zeeNkobe: isiXhosa, Sesotho neSetswana, ukuba zizalise icandelo A lesiHlomelo B. Izikolo ezingayi kufunda uNcwadi lweMveli njengodidi loncwadi kwiBakala 12 ngo-2015, zona mazizalise icandelo B lesiHlomelo B.
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kukuxhasa ngemali ukuthengwa kweencwadi zezifundo zeeLwimi zeeNkobe zoNcwadi lweMveli (Folklore Home Languages) zezikolo ezikhethe olu didi loncwadi kwiBakala 12 ngo-2015.
4. Izikolo zinokusebenzisa itotali yenani labafundi beBakala 11 elikhoyo njengangoku kudityaniswe no-5% njengenani eliqikelelweyo labafundi beBakala 12 ngo-2015.
5. Ukufumana uncedo malunga neetotali zamanani aqikelelweyo abafundi ango-2015, kucelwa uqhagamshelane noMnu Zandre Kleinschmidt kule nombolo yefoni 021 467 2204 okanye nge-imeyili apha: Zandre.Kleinschmidt@westerncape.gov.za
6. Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba ezi ncwadi ziyafika ezikolweni ungadlulanga owe-30 Oktobha 2014, izikolo mazithumele nge-imeyili isiHlomelo B esizaliswe ngokupheleleyo kwi-ofisi yeZibonelelo eziXhasa ukuFunda nokuFundisa (Learning and Teaching Support Material (LTSM) office) apha ltsmprojects@westerncape.gov.za okanye zithumele ngefeksi isiHlomelo B esizaliswe ngokupheleleyo kuZandre Kleinschmidt apha 086 771 4686 ungadlulanga owe-23 Meyi 2014.
7. Kucelwa uprinte iikopi zeKhathalogu kaZwelonke (National Catalogue) (isiHlomelo A) yaye ezo kopi kwakunye nokuqulethwe yile setyhula makwaziswe bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEZEMFUNDO
UMHLA: 2014:05:15

IsiHlomelo A: "Grade 12 National Folklore Catalogue"  (ubukhulu: 25 KB)
IsiHlomelo B  (ubukhulu: 61 KB)