1. Intshayelelo
1.1 Le setyhula ithatha indawo yeSetyhula 0029/2013 (Iimfuno ezimiselweyo zeeprogram nezokupasa kumaBakala R - 12 ngo-2013.)
1.2 Injongo yale setyhula kukucacisa iimfuno ezimiselweyo zeeprogram, isikhokelo sokudlulela kwelinye ibakala neemfuno ezimiselweyo ezokupasa kumaBakala R - 12 ngo-2014.
1.3 La maxwebhu omgaqo-nkqubo alandelayo asebenza ngo- 2014:

AmaBakala Amaxwebhu omgaqo-nkqubo
R- 12
  • UMgaqo-nkqubo kaZwelonke ophathelele kwiiMfuno eziMiselweyo zeProgram nezokuPasa zeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke yamaBakala R -12 (National Policy pertaining to the Programme and Promotion Requirements of the National Curriculum Statement, Grades R - 12 (NPPPR));
  • I-National Protocol for Assessment, Grades R - 12 (NPA);
  • ne-Regulations pertaining to the National Curriculum Statement Grades R – 12 (Government Gazette 36041).

2. Iimfuno ezimiselweyo zeeprogram
2.1 Iimfuno ezimiselweyo zeeProgram kwiSigaba seSiseko (amaBakala R- 3)

Umfundi kwiBakala R makenze izifundo ezithathu (3) aze umfundi okumaBakala 1 -3 enze izifundo ezine (4) ezidweliswe apha ngezantsi, yaye azanelise iimfuno ezimiselweyo zovavanyo:

Iimfuno ezimiselweyo zeeprogram Izifundo Ukwabiwa kwexesha ngeveki
IBakala R AmaBakala 1 " 2 IBakala 3
ULwimi lwasebuRhulumenteni -ULwimi lweeNkobe (HL) 10 iiyure 7/8 iiyure 7/8 iiyure
ULwimi lwasebuRhulumenteni - ULwimi lokuQala oloNgezelelweyo (FAL)   3/2 iiyure 4/3 iiyure
IMathematika 7 iiyure 7 iiyure 7 iiyure
IZakhono zoBomi 6 iiyure 6 iiyure 7 iiyure
Itotali 23 iiyure 23 iiyure 25 iyure
2.2 Iimfuno ezimiselweyo zeeprogram zeSigaba esiPhakathi (amaBakala 4 -6)

Umfundi kumaBakala 4 - 6 makenze izifundo ezithandathu (6) njengoko kubonisiwe apha ngezantsi, yaye azanelise iimfuno zovavanyo ezimiselweyo:

Iimfuno ezimiselweyo zeeprogram Izifundo Ukwabiwa kwexesha ngeveki
ULwimi lwasebuRhulumenteni - uLwimi lweeNkobe (HL) 6 iiyure
ULwimi lwasebuRhulumenteni- uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (FAL) 5 iiyure
Olunye kwezi lwimi zimbini zifundiswayo, malube luLwimi lokuFunda nokuFundisa (LoLT).
IMathematika 6 iiyure
IiSayensi zeNdalo neThekhinoloji 3 ½ iiyure
IZakhono zoBomi 4 iiyure
IiSayensi zeNtlalo 3 iiyure
Itotali 27½ iiyure
ULwimi lwesiBini oloNgezelelweyo (SAL) (a`lunyanzelekanga) Izikolo mazenze amalungiselelo exesha elongezelelwa kwiiyure eziyi-27½
2.3 Iimfuno ezimiselweyo zeeprogram kumaBakala 7 – 9

Umfundi kumaBakala 7 - 9 makenze izifundo ezisithoba (9) njengoko kubonisiwe apha ngezantsi, yaye azanelise iimfuno ezimiselweyo zovavanyo:

Iimfuno ezimiselweyo zeeprogram Izifundo Ukwabiwa kwexesha ngeveki
ULwimi lwasebuRhulumenteni - uLwimi lweeNkobe (HL) 5 iiyure
ULwimi lwasebuRhulumenteni - uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (FAL) 4 iiyure
Olunye kwezi lwimi zimbini zifundiswayo, malube luLwimi lokuFunda nokuFundisa (LoLT).
IMathematika 4½ iiyure
Ii-Sayensi zeNdalo 3 iiyure
IiSayensi zeNtlalo 3 iiyure
ULwazi ngezoBomi 2 iiyure
IThekhinoloji 2 iiyure
UBugcisa boKwenziwayo 2 iiyure
IiSayensi zezoQoqosho noLawulo 2 iiyure
Itotali 27½ iiyure
ULwimi lwesiBini oloNgezelelweyo (SAL) (Alunyanzelekanga) Izikolo mazenze amalungiselelo exesha elongezelelwa kwiiyure eziyi-27½
2.4 Iimfuno ezimiselweyo zeeprogram kumaBakala 10 – 12
2.4.1 Umfundi obhalisele amaBakala 10 - 12 kwisikolo sikarhulumente okanye kwisikolo esizimeleyo esifundisa iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke yamaBakala R – 12 (National Curriculum Statement Grades R – 12) makenze yaye agqibe uVavanyo oluQhubekela eSikolweni (School Based Assessment (SBA)), iMisebenzi yoVavanyo yePrakthikhali (Practical Assessment Tasks (PAT)) ne-orali, kwakunye neemfuno ezimiselweyo zovavanyao lwangaphandle zeBakala 12, zezi zifundo zisixhenxe (7) zilandelayo ezenziwe zangamaqela amabini angala: IQela A neQela B. Izifundo ezivunyiweyo ezingqinelanayo neemfuno ezimiselweyo zeprogram kumaBakala 10 - 12, zidweliswe kwisiHlomelo B se-NPPPR of the National Curriculum Statement Grades R – 12.
2.4.2 Abafundi bamaBakala 10, 11 nele-12 mabenze izifundo ezisixhenxe (7) njengoko kubonisiwe kule theyibhile ilapha ngezantsi:

Ino. yesifundo Izifundo Ezinokukhethwa ngumfundi
IQela A: Izifundo ezine (4)
1 ULwimi lwasebuRhulumenteni - uLwimi lweeNkobe (HL) Lunyanzelekile
2 ULwimi lwasebuRhulumenteni - uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (FAL) Lunyanzelekile
Olunye kwezi lwimi zimbini zifundiswayo, malube luLwimi lokuFunda nokuFundisa (LoLT).
3 IMathematika Isifundo esinye kwezi zibini sinyanzelekile. Ezi zifundo mazinga-fundwa zidityaniswe zozibini.
Ulwazi ngeMathematika
4 ULwazi ngezoBomi Lunyanzelekile
IQela B: Izifundo ezithathu (3)
  • Makukhethwe izifundo ezithathu kwisiHlomelo B njengoko kubonisiwe kwi-NPPPR yeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke yamaBakala R -12.
  • Kwezithathu (3) izifundo ezizona zimbalwa zimiselweyo, mazibe zibini (2) ezona zininzi eziziilwimi ezongezelelweyo ukongeza ngaphezu kwezo lwimi zimbini zaseburhulumenteni zinokufundiswa; yaye
  • Izifundo i-Consumer Studies ne-Hospitality Studies azinakufundwa zidityaniswe zozibini
  • Abafundi abenza ezeMidlalo neSayensi yezokuZivocavoca (Sport and Exercise) mabafunde nokuba yiFizikhali Sayensi okanye iiSayensi zoBomi (Life Sciences).
2.4.3 Umviwa unokwenza ngaphezu kwenani elilelona lisezantsi elifunekayo lezifundo ezisixhenxe (7) ngokuxhomekeka ekubeni wenza isifundo esongezelelweyo (izifundo ezongezelelweyo) kuyo yomithathu iminyaka yeprogram yeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, eyile amaBakala 10 - 12 yaye uyahlangabezana nazo zonke ii-SBA, ii-PAT/iimfuno ezimiselweyo ze-orali kwizifundo ezifunekayo ngayo yomithathu iminyaka yokufunda kumaBakala 10, 11 no-12. Ixesha lilonke elabelwe oku ngeveki nganye kumaBakala 10 – 12 ziiyure eziyi-27½.

3. Ukurekhoda nokwenza iripoti (Recording and reporting)
3.1 Amanqanaba okuphumelela eNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (Scales of Achievement for the National Curriculum Statement)

La manqanaba alandelayo okuphumelela aya kusetyenziswa ekurekhodeni nasekwenzeni iripoti kumaBakala R -12

Inqanaba lokuphumelela (Ikhowudi yokureyitha) Inkcazo yokuphumelela Ipesenti %
7 Uphumelele emagqabini 80 – 100
6 Uphumelele ngokuqaqambileyo 70 – 79
5 Uphumelele kakhulu 60 – 69
4 Uphumelele ngokwanelisayo 50 – 59
3 Uphumelele ngomndilili 40 – 49
2 Uphumelele kancinane 30 – 39
1 Akaphumelelanga 0 – 29
3.2 UVavanyo oluQhubekela eSikolweni

UVavanyo oluQhubekela eSikolweni (School-Based Assessment (SBA)) yikhomponenti enyanzelekileyo yaye maluqhutywe ngolu hlobo lulandelayo kumacandelo ezigaba ezahlukeneyo zeGET ne-Further Education and Training (FET):

Isigaba Ikhomponenti yeSBA % Iimviwo zokuphela konyaka %
ISigaba seSiseko 100 0
ISigaba esiPhakathi 75 25
ISigaba saBadala 40 60
ICandelo leFET 25 75

Umlinganiselo wobungakanani bamanqaku kwiSifundo soLwazi ngezoBomi kwiCandelo leFET ngumba owodwa ongafani konke neminye (is an exception) ngenxa yokuba ikhomponenti yeSBA iya kubanamanqaku ayi-100% ewonke. KwiBakala 12, i-external Common Assessment Task (CAT) yangaphandle iya kubanamanqaku ayi-25% okugqibela anekhomponenti yeSBA eyenziwa yi-75%.

3.3 Ukurekhoda nokwenza iripoti yokupasa komfundi kumabakala ahlukeneyo

IBakala Ukurekhoda nokwenza iripoti
R- 3 Ikhowudi yokureyitha nenkcazo yokuphumelela
4 - 6 Ikhowudi yokureyitha nepesenti/ inkcazo (okanye zombini)
7 - 9 Ikhowudi yokureyitha nepesenti/ inkcazo (okanye zombini)
10 - 12 Ikhowudi yokureyitha nepesenti

Iikhomenti zifanele ukusetyenziselwa ukucacisa indlela abapase ngayo abafundi.


4. Isikhokelo sokudlulela kwelinye ibakala neemfuno ezimiselweyo zokupasa kumaBakala R - 12
4.1 Isikhokelo sokudlulela kwelinye ibakala seBakala R
4.1.1 Oku kulandelayo sisikhokelo sokuchaza inkqubela yomfundi ukususela kwiBakala R ukuya kwiBakala 1

Iimfuno ezimiselweyo zeprogram Isikhokelo sokudlulela kwelinye ibakala
Umfundi makenze ezi zifundo zithathu (3) zilandelayo:

  • Ulwimi olunye lwaseburhulumenteni kwinqanaba loLwimi lweeNkobe
  • IMathematika
  • IZakhono zoBomi
Umfundi kufanele afumane la manqanaba alandelayo angawona asezantsi :
uLwimi lwee-Nkobe (HL) INqanaba 4 (Uphumelele ngokwanelisayo) (50%-59%)
IMathematika INqanaba 3 (Uphumelele ngomndilili) (40%-49%)
Ixesha lokufundisa ngeveki: 23 iiyure I-SBA = 100% yamanqaku ewonke/ yamanqaku okugqibela okudlulela kwelinye ibakala
4.1.2 Kangangoko kunokwenzeka, bonke abafundi bafanele ukudlula ukusuka kwiBakala R badlulele kwiBakala 1 ngokuxhomekeka ekubeni bakwiqela leminyaka yobudala obuchanekileyo.
4.1.3 Kwizikolo apho kufundiswa iBakala R nalapho iLoLT ingelulo uLwimi lweeNkobe lomfundi, umfundi ololu hlobo ufanele ukuvunyelwa ukuba adlule kwiBakala R adlulele kwiBakala 1 nakuba efumene iNqanaba 3 (ephumelele ngomndilili) (40% - 49%) kwi-HL.
4.2 Isikhokelo sokudlulela kwelinye ibakala samaBakala 1 - 3
4.2.1 Oku kulandelayo sisikhokelo sokucacisa inkqubela yomfundi kumaBakala 1 – 2, ukusuka kwiBakala 2 ukuya kwiBakala 3 nokusuka kwiBakala 3 ukuya kwiBakala 4:

Iimfuno ezimiselweyo zeprogram Isikhokelo sokudlulela kwelinye ibakala
Umfundi makenze ezi zifundo zine (4) zilandelayo:

  • ULwimi lweeNkobe (HL)
  • ULwimi lokuQala oloNgezelelweyo (FAL)
  • IMathematika
  • IZakhono zoBomi
Umfundi kufanele afumane la manqanaba angawona asezantsi alandelayo:
ULwimi lweeNkobe (HL) INqanaba 4 (Uphumelele ngokwanelisayo) (50%-59%)
ULwimi lokuQala oloNgezelelweyo (FAL) INqanaba 3 (Uphumelele ngomndilili) (40%-49%)
IMathematika INqanaba 3 (Uphumelele ngomndilili) (40%-49%)
Ixesha lokufundisa ngeveki:
AmaBakala 1 - 2: 23 iiyure
IBakala 3: 25 iiyure
I-SBA = 100% yamanqaku ewonke/yamanqaku okugqibela okudlulela kwelinye ibakala
4.2.2 Abafundi mabazanelise zonke iimfuno ezimiselweyo zeSBA kwizifundo ezine (4).
4.2.3 Apho umfundi aqala isikolo ngokusesikweni kwiBakala 1, umfundi ololu hlobo ufanele ukunikwa inkxaso eyaneleyo yokumelana neemfuno ezimiselweyo zeprogram yeBakala 1. Ngaphezu koko ufanelwe ukuvunyelwa umfundi ololu hlobo ukuba adlulele kwiBakala 2 neqela loontanga bakhe.
4.2.4 Ukuba umfundi akayanelisi eyona migaqo isezantsi imiselweyo yesikhokelo kuzo zozithathu (3) izifundo ezifunekayo zokudlulela kwelinye ibakala, umfundi ololu hlobo kuya kufuneka aphinde ibakala kube kanye kuphela kwiSigaba seSiseko.
4.2.5 Ukuba umfundi kumaBakala 1 - 3 akayanelisi eyona migaqo isezantsi imiselweyo yesikhokelo kuzo zozithathu izifundo ezifunekayo kwityeli lesibini kwiSigaba seSiseko, loo mfundi unokugcinwa kube kanye kuphela kwiSigaba seSiseko, kungabandakanywa iBakala R, ukwenzela ukuthintela ukuba umfundi agcinwe kwesi sigaba ithuba elingaphezu kweminyaka emine.
4.2.6 Abafundi abaphinda ibakala mabanikwe inkxaso eyongezelelweyo neyaneleyo ukwenzela ukuba bafikelele kwinqanaba lobuchule elifanelekileyo lokudlulela kwibakala elilandelayo.
4.2.7 Abafundi abazizithulu abakwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa okanye abaye bavavanywa kwaza ukuba zizithulu kwabo kwangqinwa yingcali yezempilo ebhalisiweyo, banako ukuphumelela ngeNqanaba 2 (Uphumelele kaNcinane) (30 - 39%) kolunye lweelwimi zaseburhulumenteni ezimbini ezifunekayo njengoko kucacisiwe apha ngentla. Aba bafundi banokwenza iSouth African Sign Language njengeLoLT endaweni yolwimi lwaseburhulumenteni lwesibini olufunekayo. Oku kuya kuba ngamalungiselelo ethutyana de umgaqo-nkqubo i-South African Sign Language Curriculum and Assessment Policy Statement ube ugqityiwe yaye uvunyiwe ngokunjalo. Imihlathi 4.2.3 no-4.2.4 nayo ikwasebenza kubafundi abazizithulu.
4.3. Isikhokelo sokudlulela kwelinye ibakala samaBakala 4 - 6
4.3.1 Oku kulandelayo sisikhokelo sokuchaza inkqubela yomfundi kumaBakala 4 – 5, ukusuka kwiBakala 5 ukuya kwiBakala 6 nokusuka kwiBakala 6 ukuya kwiBakala 7:

zimiselweyo zeprogram Isikhokelo sokudlulela kwelinye ibakala Abafundi abavela kwamanye amazwe Isikhokelo sokudlulela kwelinye ibakala
Umfundi makenze ezi zifundo zithandathu (6) zilandelayo:

  • ULwimi lweeNkobe (HL)
  • ULwimi lokuQala olo-Ngezelelweyo (FAL)
  • IMathematika
  • IiSayensi zeNdalo neThekhinoloji
  • IiSayensi zeNtlalo
  • IZakhono zoBomi
Umfundi kufanele afumane la manqanaba angawona asezantsi alandelayo: Umfundi ovela kwelinye ilizwe unokupasa lube lunye ulwimi kwezimbini ezifunekayo ubuncinane kwinqanaba leFAL aze afumane iNqanaba 3 (Uphumelele ngomndilili) (40%-49%) kolo lwimi ukuba ngaba uyazanelisa ezi mfuno zingummiselo ziseleyo zilandelayo:

INqanaba 3 (Uphumelele ngomndilili) (40%-49%) kwiMathematika

INqanaba 3 (Uphumelele ngomndilili) (40%-49%) kuzo ZOZITHATHU izifundo (3) eziseleyo

ULwimi lweeNkobe (HL) INqanaba 4 (Uphumelele ngokwanelisayo) (50%-59%)
ULwimi lokuQala oloNgezelelweyo (FAL) INqanaba 3 (Uphumelele ngomndilili) (40%-49%)
IMathematika INqanaba 3 (Uphumelele ngomndilili) (40%-49%)
EZIBINI kwezo zifundo zithathu ziseleyo INqanaba 3 (Uphumelele ngomndilili) (40%-49%)
Ixesha lokufundisa ngeveki: 27½ iiyure I-SBA = 75% yamanqaku ewonke/yamanqaku okugqibela okudlulela kwelinye ibakala
Uviwo = 25% yamanqaku ewonke/yamanqaku okugqibela okudlulela kwelinye ibakala
4.3.2 Abafundi mabazanelise zonke iimfuno ezimiselweyo zeSBA kwizifundo ezithandathu (6).
4.3.3 Ukuba umfundi kumaBakala 4 – 6 akazanelisi iimfuno ezimiselweyo ezicacisiweyo kuzo zozihlanu (5) izifundo ezifunekayo ukuze abe nokudlulela kwelinye ibakala, umfundi ololu hlobo unokugcinwa kube kanye kuphela kwiSigaba esiPhakathi, ukwenzela ukuthintela ukuba umfundi agcinwe kwesi sigaba ithuba elingaphezu kweminyaka emine (4).
4.3.4 Abafundi abaphinda ibakala mabanikwe inkxaso eyongezelelweyo neyaneleyo ukwenzela ukuba bafikelele kwinqanaba lobuchule elifanelekileyo lokudlulela kwibakala elilandelayo.
4.3.5 Abafundi abazizithulu abakwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa okanye abaye bavavanywa kwaza ukuba zizithulu kwabo kwangqinwa yingcali yezempilo ebhalisiweyo, banako ukuphumelela ngeNqanaba 2 (Uphumelele kaNcinane) (30 - 39%) kolunye lweelwimi zaseburhulumenteni ezimbini ezifunekayo.
4.4 Iimfuno ezimiselweyo zokupasa kumaBakala 7 - 9
4.4.1 Abafundi kumaBakala 7 – 9 baya kupasa ukusuka kwibakala ukuya kwelinye ibakala ukuba ngaba benze izifundo ezisithoba (9) yaye bayazanelisa iimfuno ezimiselweyo zokupasa kwizifundo ezisibhozo (8) kwezi zifundo ziboniswe apha ngezantsi:

Iimfuno ezimiselweyo zeprogram Iimfuno ezimiselweyo zokupasa
Umfundi makenze ezi zifundo zisithoba (9) zilandelayo:

  • ULwimi lweeNkobe (HL)
  • ULwimi lokuQala oloNgezelelweyo (FAL)
  • IMathematika
  • Ii-Sayensi zeNdalo
  • IiSayensi zeNtlalo
  • ULwazi ngezoBomi
  • IThekhinoloji
  • UBugcisa boKwenziwayo
  • IiSayensi zezoQoqosho noLawulo
Umfundi kufanele afumane la manqanaba angawona asezantsi alandelayo:
ULwimi lweeNkobe (HL) INqanaba 4 (Uphumelele ngokwanelisayo) (50%-59%)
ULwimi lokuQala oloNgezelelweyo (FAL) INqanaba 3 (Uphumelele ngomndilili) (40%-49%)
IMathematika INqanaba 3 (Uphumelele ngomndilili) (40%-49%)
Naziphi na EZITHATHU (3) zezinye zezifundo ezifunekayo INqanaba 3 (Uphumelele ngomndilili) (40%-49%)
naziphi na EZIBINI kwezo zifundo ziseleyo INqanaba 2 (Uphumelele kancinane) (30% – 39%)
Ixesha lokufundisa ngeveki: 27½ iiyure I-SBA= 40% yamanqaku ewonke/yamanqaku okugqibela okudlulela kwelinye ibakala
Uviwo = 60% yamanqaku ewonke/yamanqaku okugqibela okudlulela kwelinye ibakala
4.4.2 Umfundi unokugcinwa kuphela kube kanye kwiSigaba saBadala ukuthintela ukuba umfundi agcinwe kwesi sigaba ixesha elingaphezu kweminyaka emine.
4.4.3 Abafundi abaphinda ibakala mabanikwe inkxaso eyongezelelweyo neyaneleyo ukwenzela ukuba bafikelele kwinqanaba lobuchule elifanelekileyo lokudlulela kwibakala elilandelayo.
4.4.4 Iimfuno ezimiselweyo zokupasa kubafundi abavela kwamanye amazwe kumaBakala 7 - 9:

Iimfuno ezimiselweyo zeprogram Iimfuno ezimiselweyo zokupasa
Umfundi makenze ezi zifundo zisithoba (9) zilandelayo:

  • ULwimi lweeNkobe (HL)
  • ULwimi lokuQala oloNgezelelweyo (FAL)
  • IMathematika
  • Ii-Sayensi zeNdalo
  • IiSayensi zeNtlalo
  • ULwazi ngezoBomi
  • IThekhinoloji
  • UBugcisa boKwenziwayo
  • IiSayensi zezoQoqosho noLawulo
Umfundi ovela kwelinye ilizwe unokupasa olunye ulwimi kwezimbini ezifunekayo ubuncinane kwinqanaba loLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (FAL) yaye afumane iNqanaba 3 (Uphumelele ngomndilili) (40%-49%) kolo lwimi ukuba ngaba uyazifezekisa ezi mfuno zingummiselo zilandelayo:

INqanaba 3 (Uphumelele ngomndilili) (40%-49%) kwiMathematika

INqanaba 3 (Uphumelele ngomndilili) (40%-49%) kuzo naziphi na EZITHATHU izifundo (3)

INqanaba 3 (Uphumelele ngomndilili) (40%-49%) kuzo ZOZITHATHU izifundo (3) eziseleyo

  I-SBA= 40% yamanqaku ewonke/yamanqaku okugqibela okudlulela kwelinye ibakala
Uviwo = 60% yamanqaku ewonke/yamanqaku okugqibela okudlulela kwelinye ibakala
4.4.5 Abafundi abazizithulu abakwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa okanye abaye bavavanywa kwaza ukuba zizithulu kwabo kwangqinwa yingcali yezempilo ebhalisiweyo, banako ukupasa lube lunye kwiilwimi ezimbini zaseburhulumenteni ezifunekayo ubuncinane kwiNqanaba leFAL yaye aphumelele kwiNqanaba 3 (Uphumelele ngoMndilili (40 - 49%) kolo lwimi. Umfundi osisithulu unokufumana iNqanaba 2 (Uphumelele kancinane) (30% – 39%) kulwimi lwesibini lwaseburhulumenteni.
4.4.6 Kucelwa niqaphele ukuba abayi kunyuselwa abafundi kwiBakala 9 ukususela ngo-2014.
4.5 Iimfuno ezimiselweyo zokupasa kumaBakala 10 -12

Abafundi kumaBakala 10 no-12 baya kupasa ukuba:

4.5.1 benze baze bagqiba uvavanyo oluqhubekela esikolweni (SBA), imisebenzi yovavanyo lweprakhtikhali (apho kufanelekileyo) neemfuno ezimiselweyo zovavanyo lokuphela konyaka kwizifundo ezingekho ngaphantsi kwezisixhenxe (7); yaye
4.5.2 baphumelele ngo-40% kwizifundo ezithathu (3), yaye esinye kuzo ibe lulwimi lwaseburhulumenteni kwinqanaba leHL, ne-30% kwizifundo ezithathu (3), ngokuxhomekeka ekubeni ikhomponenti yeSBA ingeniswe njengesifundo sesixhenxe.
4.5.3 Iimfuno ezimiselweyo zokupasa kumaBakala 10 – 12 ziboniswa kule theyibhili ingezantsi:

Iimfuno ezimiselweyo zeprogram Iimfuno ezimiselweyo zokupasa
Umfundi makenze ezi zifundo zisixhenxe (7) kwezi zilandelayo ezidityaniswe zangamaqela amabini: ULwimi lweeNkobe: 40%

kunye

nezinye izifundo ezibini (2): umfundi makafumane ubuncinane i-40% kwisifundo ngasinye

kunye

nezinye izifundo ezithathu (3): umfundi makafumane ubuncinane i-40% kwisifundo ngasinye

IQela A: (Ezinyanzelekileyo)
  • Ulwimi olunye lwaseburhulumenteni kwinqanaba leHL
  • Ulwimi olunye lwaseburhulumenteni kwinqanaba leHL OKANYE ubuncinane kwinqanaba leFAL
    (Olunye kwezi lwimi zimbini zifundiswayo, malube luLwimi lokuFunda nokuFundisa (LoLT))
  • IMathematika OKANYE uLwazi ngeMathematika
  • ULwazi ngezoBomi
IQela B
Ezona zisezantsi (minimum) zizifundo ezithathu (3) kwiQela B. Ezona zininzi (maximum) kwiilwimi zibe mbini (2) kwiilwimi ezongezelelweyo kwinqanaba leHL, eleFAL okanye eleSAL zingafundwa njengenxenye yezona zifundo zisezantsi, kodwa azifanele kuba ziilwimi ezifanayo njengeelwimi zaseburhulumenteni ezimbini kwiQela A.

Lulwimi olunye kuphela olunokufundwa kwiqela ngalinye kula mabini alandelayo:

  • isiXhosa, isiZulu, SiSwati, isiNdebele
  • Sepedi, Sesotho, Setswana

Izifundo i-Consumer Studies ne-Hospitality Studies azinakufundwa kunye zidityaniswe

IMathematika noLwazi ngeMathematika azinakufundwa kunye zidityaniswe

Ixesha lokufundisa ngeveki: 27½ iiyure SBA = 25%
Iimviwo zokuphela konyaka = 75%

ULwazi ngezoBomi yi-100% kwi-SBA kumaBakala 10 no-11. KwiBakala 12, amanqaku okugqibela kuLwazi ngezoBomi aya kusekelwa kuvavanyo lwangaphakathi novavanyo olusetwa ngaphandle i-Common Assessment Task.

4.5.4 Umfundi osisithulu, ofunyaniswe engakwazi ukuthetha (aphasic) okanye abafundi abanengxaki yokungakwazi kufunda bacacise amagama (dyslexic) banokufunda ulwimi olunye (1) lwaseburhulumenteni kwinqanaba leFAL noluyi-LoLT, ngokuxhomekeka ekubeni esinye isifundo kwiQela B sifundiswa endaweni yolwimi olunye lwaseburhulumenteni olungafundiswayo. Umfundi ololu hlobo makazanelise ngokunjalo iimfuno ezimiselweyo, o.k.t. izifundo ezithathu (3) ezipaswe ngo-40%, nezithathu (3) ezipaswe ngo-30%.
4.5.5 Abafundi abanengxaki yokungakwazi ukubala (mathematical disorder), efana ne-dyscalculia, banokuxolelwa ekufundeni uLwazi ngeMathematika okanye iMathematika, ngokuxhomekeka ekubeni kufundwa esinye isifundo kwiQela B endaweni yoLwazi ngeMathematika okanye iMathematika. Umfundi ololu hlobo makazanelise ngokunjalo iimfuno ezimiselweyo zokupasa, o.k.t. izifundo ezithathu (3) ezipaswe ngo-40%, nezithathu (3) ezipaswe ngo-30%.
4.5.6 Umfundi ofunde ngaphezu kolwimi olunye lwaseburhulumenteni kwinqanaba leHL njengenxalenye yephakheji yezifundo ezisixhenxe ezifunekayo (required seven (7) subject package), angapasa ulwimi olongezelelweyo ngo-30% ngokuxhomekeka ekubeni uyazanelisa iimfuno ezimiselweyo njengoko kubonisiwe apha ngentla.
4.5.7 Umfundi unokugcinwa kuphela kube kanye kwiSigaba seFET ukwenzela ukuthintela ukuba umfundi agcinwe kwesi sigaba ixesha elingaphezu kweminyaka emine.
4.5.8 Abafundi abaphinda iBakala 10 okanye iBakala 11 mabafumane inkxaso eyaneleyo neyongenzelelweyo.
4.5.9 Ukudlulela kwelinye ibakala kumaBakala 10 no-11 akuyongqinisekiso yokuba umfundi uya kufumana isatifikethi sokugqibela kwiBakala 12. Umfundi ololu hlobo makazanelise iimfuno zokukhutshwa kwesatifikethi (certification requirements), njengoko kuchatshazelwe kuMhlathi 37 (1) weNPPPR weNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke yamaBakala R -12, ukwenzela ukuba abe nako ukufumana iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.
4.6 Iimfuno ezimiselweyo zokupasa zabafundi abavela kwamanye amazwe kumaBakala 10-12
4.6.1 Umfundi ovela kwelinye ilizwe, angenza ulwimi olunye lwaseburhulumenteni kwiNqanaba leFAL ngokuxhomekeka ekubeni olo lulwimi luyi-LoLT nokuba ufumana ireyithingi ka-30% kolo lwimi; nasekubeni ufunda esinye isifundo kwisiHlomelo B se-NPPPR yeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke yamaBakala R -12.
4.6.2 Umfundi ovela kwamanye amazwe unokwenza uLwimi lweeNkobe lwakhe (HL) endaweni yolwimi lwaseburhulumenteni olunye ngokuxhomekeka kumgqaliselo wokuba ulwimi olulolu hlobo lukuluhlu lwenqanaba loLwimi lweeNkobe (HL) kwiTheyibhile 4 yesiHlomelo B njengoko kubonisiwe kwi-NPPPR ye-National Curriculum Statement Grades R to 12.

5. ISatifikethi seMatriki sikaZwelonke sokudlulela phambili (with endorsement) sabafundi abanengxaki yezithintelo ekufundeni: Iimfuno ezimiselweyo zeeprogram nezokupasa kumaBakala 10 -12
5.1

Abafundi abanezithintelo kakhulu ekufundeni, nabakwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa okanye abaqatshelwe njengabafanelekileyo ukufumana isatifikethi sokudlulela phambili (with endorsement), banokwenza iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke sokuDlulela phambili (National Senior Certificate with Endorsement). Eli banga lemfundo linale program nezi mfuno zingummiselo zilandelayo:

Iimfuno ezimiselweyo zeprogram Iimfuno ezimiselweyo zokupasa
Umfundi makenze ezi zifundo zihlanu (5) zilandelayo zidityaniswe zangamaqela amabini: Makafumane i-30% kuzo zozihlanu izifundo ezifundiswayo
IQela A
  • Ulwimi olunye lwaseburhulumenteni ubuncinane kwinqanaba loLwimi lwasebuRhulumenteni - uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (FAL), ngokuxhomekeka ekubeni luLwimi lokuFunda nokuFundisa (LoLT).
  • IMathematika okanye uLwazi ngeMathematika
  • ULwazi ngezoBomi
IQela B
Ezibini (2) ezona zimbalwa izifundo kwiQela B:

Lulwimi olunye kuphela olunokufundwa kwiqela ngalinye kula alandelayo:

  • isiXhosa, isiZulu, SiSwati, isiNdebele
  • Sepedi, Sesotho, Setswana

Izifundo i-Consumer Studies ne-Hospitality Studies azinakufundwa kunye zidityaniswe

IMathematika noLwazi ngeMathematika azinakufundwa kunye zidityaniswe

SBA = 25%
Iimviwo zokuphela konyaka = 75%

ULwazi ngezoBomi yi-100% kwi-SBA kumaBakala 10 no-11. KwiBakala 12, amanqaku okugqibela kuLwazi ngezoBomi aya kusekelwa kuvavanyo lwangaphakathi nakuvavanyo olusetwa ngaphandle i-Common Assessment Task

6. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:04:23

"Government Gazette 36041"  (ubukhulu: 875 KB)