1. Le thayimthebhile iqhotyoshelweyo yeemviwo zikaJuni 2014 zeMfundo noQeqesho lwaBadala (ABET) iNqanaba 4 ifike ivela kwiSebe leMfundo noQeqesho kuMaziko aPhakamileyo (Department of Higher Education and Training) (DHET). Iimviwo ziya kuqala nge-02 Juni 2014 zize ziphele nge-25 Juni 2014. Zonke iiseshoni zoviwo ziya kuqala ngo-14:00. Ukungaphumeleli ukulandela ngqo imihla namaxesha emviwo kuya kuba sisitenxo (irregularity).

2. Ukuqinisekisa umgangatho weenkqubo zeemviwo kubaluleke gqitha ekubeni kuqinisekiswe ukuthembakala kweemviwo. Oku kuya kubandakanya utyelelo olungaxelwanga kumaziko okubhalela iimviwo ukuqinisekisa ukuba zonke iimviwo ziqhutywa ngokwemimiselo echaphazelekayo. Abameli abavela kwiSebe leMfumdo leNtshona Koloni (WCED), ku-Umalusi nakwi-DHET baya kubeka esweni iinkqubo zeemviwo kumaziko okubhalela iimviwo. Nceda qaphela ukuba ababeki-liso (monitors) baya kuvunyelwa ukuba babeke esweni uviwo kuphela xa bevelisa ubungqina bokuzazisa (proof of identity) neleta ebagunyazisayo ukuba babeke esweni uviwo egameni le-ofisi echaphazelekayo.

3. Ukuba iimviwo zeziko zibhalelwa kumasango esikolo esiqhelekileyo, umphathi weziko lemfundo yabadala makenze amalungiselelo kwangaphambili okuba kusetyenziswe igumbi elinqatyisiweyo, icandelo lesakhiwo sezolawulo, amagumbi okufundisela namancedo ezindlu zangasese njl. njl.

4. Ngumsebenzi osemagxeni kwakunye noxanduva lomphathi weziko lemfundo ukusingatha yonke imibandela yezolawulo ephathelele kwiimviwo.

5. Akukho mviwa makavunyelwe angene kwigumbi lokubhalela uviwo ngaphandle kokuba uvelisa ileta yokwamkelwa eluviweni nesazisi. (Qaphela oku ukuba umviwa uvunyelwe ukuba abhale uviwo ngaphandle kwesazisi esisemthethweni neleta yokuvunyelwa ukungena kwigumbi loviwo, makaveze ubungqina besazisi zingadlulanga iiyure eziyi-24. Ukungaphumeleli ukwenjenjalo kuya kuba sisitenxo ekubhalweni koviwo (examination irregularity).

6. Makaqinisekise umgadi wabaviwa oyintloko ukuba abaviwa bangena kwiziko lokubhalela uviwo kwimizuzu eyi-35 phambi kwexesha lokuqalisa uviwo elisemthethweni leseshoni yoviwo. Eli xesha liya kusetyenziswa ngolu hlobo lulandelayo:
6.1 Imizuzu eyi-25 yokuqala mayisetyenziselwe ukuhlalisa abaviwa kwiindawo ezichanekileyo, ukukhupha amaphepha emibuzo neencwadi zempendulo kunye nokufunda imigaqo yeemviwo.
6.2 Kwimizuzu eyi-10 eseleyo abaviwa mabanikwe ithuba lokufunda lonke iphepha lemibuzo.
6.3 Ukubhala okanye ukwenza iinowuthsi akuvumelekanga ngalo naliphi na ixesha kwithuba lemizuzu engama-35. Ukophulwa kwalo mthetho kuya kuthathwa njengesitenxo (an irregularity).
6.4 Abaviwa mabagqibe ukubhala ngexesha eliboniswe kwithayimthebhile yoviwo.

7. Bayacelwa abaphathi bamaziko ukuba:
7.1 banike bonke ootitshala nabaviwa ithayimthebhile ngokukhawuleza ukwenzela ukuba bakwazi ukulungiselela iimviwo; nokuba
7.2 bakhumbuze bonke abaviwa babo ukuba kufuneka bavelise izazisi zabo neeleta zokuvunyelwa ukungena kwigumbi loviwo phambi kokuqala kweseshoni yoviwo nganye ukwenzela ukuthintela nabuphi na ubuqhophololo bezazisi (identity fraud).

8. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abaviwa nootitshala.


ISAYINWE: NGU-PENNY VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:04:16

"ABET Level 4 June 2014 Examination Timetable"  (ubukhulu: 37 KB)