1. I-NSNP ixhaswa ngemali yegranti ekhutshwa phantsi kwemiqathango nefunyanwa qho ngekota kwiSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (ISebe iDBE). Isikhokelo esikhoyo ngoku semithetho esetyenziswayo kule granti sicaciswa gca nguMthetho i-Division of Revenue Act (DoRA) ka-2014.

2. Oku kulandelayo, phakathi kwezinye izinto, zezona mfuno zisezantsi zimiselweyo ezisetyenziswa ekulawuleni nasekwenziweni kwemisebenzi ye-NSNP:
2.1 Ukutya makunikwe bonke abafundi abakuwo onke amaNqanaba eNtlupheko 1 - 3 kwizikolo zikarhulumente eziziiprayimari neziziisekondari ngazo zonke iintsuku zesikolo. (Iprogram yanatyiswa ngokusemthethweni ukwenzela ukuba ibandakanye nezikolo zikarhulumente eziziisekondari zeNqanaba leNtlupheko 3 ngo-Apreli 2011.)
2.2 Ukutyisa abafundi ngumba obaluleke gqitha, kungakhathaliseki nayiphi na eminye imisebenzi okanye izinto eziqhubeka esikolweni, yaye ukutya makuphakwe ngamaxesha amiselweyo ngosuku ngalunye. Abafundi mabanikwe iziqhamo nemifuno ngeentsuku ezimiselweyo.
2.3 Inqununu yesikolo, njengegosa elifanele ukuphendula ngokuqhubeka esikolweni, luxanduva lwayo ukongamela ulawulo lweprogram esikolweni nokuqinisekisa impumelelo yayo. Imisebenzi yenqununu ibandakanya oku kulandelayo:

  • Ukukhetha nokutyumba utitshala omakasebenze njengomququzeleli wesikolo we-NSNP. (Umququzeleli uya kubeka esweni asuphavayize imisebenzi yemihla ngemihla yale program, aqinisekise ukugcinwa kweerekhodi ngokufanelekileyo (adequate recordkeeping) ngokungqinelana nesikhokelo se-NSNP yaye anike ingxelo kwinqununu.)

  • Ukuqinisekisa ukuqeshwa kwamavolontiya aphatha ukutya (volunteer food handlers (VFHs)) (abazali abangaqeshwanga abangabahlali) ukuncedisa ekulungiseni nasekuphakeni ukutya. (Ingcaciso engaphezulu ngamavolontiya aphatha ukutya icaciswe phantsi komhlathi 5 apha ngezantsi.)
2.4 Ukuqinisekisa ukuba ixesha lokutyisa esikolweni alidluleli kwelokufundisa, kunyanzelekile ukuba ixesha lokutyisa licwangciswe ngenyameko nangobulumko lize lifakwe kwithayimthebhile, yaye konke oku makube phantsi kweliso ngokufanelekileyo ngelo xesha.
2.5 Iprogram yenzelwe ukuqinisekisa ukuba abafundi bafumana ukutya kwabo kwiiyure ezimbini zokuqala zosuku lwesikolo, njengoko abaninzi kwaba bafundi benokuba abakhange bafumane kutya kwiiyure eziyi-12 ezidlulileyo. Isidlo sakusasa masiphakwe phambi ko-8:00am kuze ukutya kwesidlo sasemini (main meal) kuphakwe phambi ko-12:30pm.
2.6 Ukugcinwa kwerejista yokutyisa abantwana yemihla ngemihla (daily feeding register) nerejista yamavolontiya aphatha ukutya (VFHs) zicaciswa kwi-NSNP Guideline No. 1. Ezi rejista mazizaliswe yonke imihla ukwenzela ukuba kurekhodwe ukuba bangaphi na abafundi abafumene ukutya yaye emangaphi amavolontiya aphatha ukutya ebesemsebenzini ngosuku ngalunye.
2.7 Ngokwe-South African Bureau of Standards (SABS), Standard No. SANS 1539, kuphela yisilinda yerhasi enye engu-19kg evumelekileyo ekhitshini.
2.8 Makuqatshelwe ukuba amaxwebhu amalunga nokuhlalwulwa kwe-VFHs athunyelwa qho ngonyaka kuzo zonke izikolo ezichaphazelekayo kwi-NSNP. Ngokwe-DoRA iintlawulo zobuvolontiya yi-R900 ubuncinane ngomntu ngamnye ngenyanga ngokungqinelana nomlinganiselo 1:200 omele ivolontiya elinye ngomfundi ngamnye. Kucetyiswa lo mlinganiselo ongu-1:200 kwizikolo apho inani lobhaliso labafundi ingu-250 okanye lingaphantsi kwelo. Abaququzeleli bezithili banikwe umsebenzi wokutshekisha iintlawulo ezimiselweyo xa betyelele izikolo nokuba baqinisekise ukuba amavolontiya aphatha ukutya (VFHs) ayayisayina incwadi i-stipend book.

3. Kulindeleke ukuba ibhunga lolawulo lesikolo (iSGB):

  • linike inkxaso malunga nokufumana ezinye iimfuno ezongezelelweyo zale program;
  • liqinisekise ukuba iprogram iphunyezwa ngokuyimpumelelo; yaye
  • lincedise inqununu ekuqesheni amavolontiya aphatha ukutya (VFHs).
4. Ngokumalunga nokusetyenziswa kwamavolontiya aphatha ukutya kule program, makugxininiswe oku kulandelayo:
4.1 Ii-VFH zenza umsebenzi wokulungisa, ukupheka nokuphaka ukutya, kunye nokucoca indawo ekuphekelwa kuyo. Kulindeleke ukuba zigcine umgangatho wococeko lwazo buqu ukwinqanaba eliphezulu.
4.2 Ii-VFHs ziya kuqeshwa yaye zifumane iintlawulo zobuvolontiya qho ngenyanga ngokungqinelana namanqanaba eentlawulo eSebe iWCED (WCED scales and rates) zamavolontiya aphatha ukutya.
4.3 Xa kuqeshwa i-VFH makuzaliswe ifom yobhaliso ye-VFH Ifom ezaliswe ngokupheleleyo mayithunyelwe ngefeksi kumququzeleli we-NSNP kwi-ofisi yesithili semfundo echaphazelekayo.
4.4 Umququzeleli we-NSNP kwi-ofisi yesithili semfundo makaziswe ngencwadi ebhaliweyo xa i-VFH lisishiya isithuba sengqesho esikolweni ukwenzela ukuba zimiswe iintlawulo zobuvolontiya zaqho ngenyanga.
4.5 I-VFH mayihlawulwe intlawulo yobuvolontiya epheleleyo, njengoko kucacisiwe kumanqanaba eentlawulo zobuvolontiya.
4.6 Ii-VHFs mazifumane iintlawulo zobuvolontiya zazo zaqho ngenyanga ekupheleni kwenyanga nganye. I-VFH nganye mayisayine uxwebhu lokungqinisisa iintlawulo zobuvolontiya (volunteer verification document) ukuvuma ukufumana loo ntlawulo yobuvolontiya.
4.7 Makwenziwe imvumelwano sisikolo nevolontiya ngalinye. Mayisayinwe ngabo bobabini, isikolo nevolontiya elichaphazelekayo. Umzekelo wemvumelano elolu hlobo uyafumaneka kwisikhokelo i-NSNP Guideline No. 5. kwaye mayitshintshwe apha naphaya ukulungiselela iimfuno zesikolo. Kucetyiswa ukuba le mvumelwano mayihlaziywe qho ngonyaka nge-1 Apreli. Iikopi zeemvumelwano ezisayiniweyo mazigcinwe efayilini ye-NSNP yesikolo

(Ngethuba lokutyelela izikolo, ikomiti yokuphicotha nokubeka esweni umsebenzi yafumanisa ukuba ezinye izikolo azizange zizisayine iimvumelwano ze-VFH. Inqununu yesikolo mayiqinisekise ukuba zonke ii-VFHs zayo ziyazisayina iimvumelwano yaye zifayilishwe ngokufanelekileyo.)


5. I-NSNP inike zonke izikolo ifayili ye-NSNP. Umququzeleli weNSNP weSikolo makaqinisekise ukuba amaxwebhu achaphazelekayo amalunga neNSNP agcinwa kule fayili inikwe izikolo.

6. Izikolo zamaNqanaba eNtlupheko 1 - 3 ezibangatyisi bonke abafundi bazo mazazise abaququzeleli nee-VFHs zabo ngalo mba. Iileta ezivela ezikolweni ezicela ukutenxa kule nkqubo yokutyisa bonke abafundi besikolo mazisiwe kwi-ofisi yephondo ngenjongo yokuba zigcinwe kwirekhodi (for record keeping).

7. Kubaluleke kakhulu ukuba imihla yokuphelelwa kwezinto ezityiwayo (expiry dates) itshekishwe ngocoselelo yaye makuqatshelwe ukuba ithuba lokugcinwa kwezinto ezityiwayo zingekonakali makungagqithwa kulo naphantsi kwazo naziphi na iimeko.

8. Makwenziwe izicwangciso ngocoselelo ukwenzela ukuthintela ukuphelelwa yirhasi.

9. Ndinqwenela ukusebenzisa eli thuba ndidlulise umbulelo wethu ongazenzisiyo kuzo zonke iinqununu zethu nabasebenzi beNSNP ngokuzimisela kwabo nangokukhuthala kwabo ekunyamekeleni abantwana bethu.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:04:09