1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lafumana iSetyhula E3 ka-2014 yeSebe leMfundo esiSiseko (DBE) efakela izilungiso kwithayimthebhile yeemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC).
2. Ngokwethayimthebhile yeNSC esele isiwe ezikolweni ngeSetyhula 0005/2014 yomhla wama-21 Februwari 2014, iPhepha Engineering Graphics and Design Paper 1 lilungiselelwe ukubhalwa ngoLwesithathu we-05 Novemba 2014, kunye neeLwimi eziNgezizo ezaseBurhulumenteni ekuzezi: Portuguese HL, Portuguese FAL ne-SAL Paper 2, German HL, FAL ne-SAL Paper 2 ne-Hebrew Paper 2.
3. ISebe leMfundo esiSiseko liqwalasele ukuba, nakuba kunjalo kukho abafundi abenza i-Engineering Graphics and Design kunye noLwimi oluNgelulo olwaseBurhulumenteni.
4. Ngako oko, ukwenzela ukuthintela ukungqubana kwamaxesha okuchatshazelwe kumhlathi 3, iSebe i-DBE lifakele izilungiso kwithayimthebhile yango-Oktobha – Novemba yeNSC yango-2014.
5. Kuqhotyoshelwe apha le thayimthebhile yokugqibela ifakelwe izilungiso yeemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZweloke (NSC).
6. Kunyanzelekile ukuba iinqununu zezikolo ziqinisekise okokuba ootitshala nabaviwa bayaziswa ngolu tshintsho.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:04:01

"Final Amended October/November 2014 National Senior Certificate Examination Timetable"  (ubukhulu: 86 KB)