1. Okuqhotyoshelwe apha luluhlu lweesetyhula ezikhutshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ngonyaka ka-2013.
2. Iisetyhula zeSebe iWCED zithunyelwa ngefomathi ye-imeyili. Ukuba ezi setyhula zinezihlomelo ezingenako ukuthunyelwa nge-imeyili, iikopi zazo ezingamaphepha zenziwa zibe nokumaneka.
3. Izikolo, amaziko namagosa kufuneka atshekishe qho i-iimeyili zawo, njengoko ezi setyhula zibaluleke kakhulu ekusebenzeni ngendlela eyiyo kweSebe iWCED.
4. Izikolo namagosa kufuneka enze iifolda zekhompyutha kwiikhompyutha zawo zokugcina ezi setyhula njengoko kufuneka zigcinwe kwirekhodi okokoko nje zisasebenza ngokusemthethweni.
5. Ziyafumaneka kwakhona iisetyhula ezakhutshwa ukususela ekuqaleni kuka-2003 kweli phepha lewebhu leWCED http://wced.school.za/circulars/indexcircmins. html
6. Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okukule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:04:04

IISETYHULA ZE-WCED EZIKHUTSHWE NGONYAKA KA-2013  (ubukhulu: 77 KB)