1. Ngowe-8 Februwari 2014 uMongameli weRiphabliki yoMzantsi Afrika wabhengeza ukuba unyulo lukazwelonke luya kuba ngomhla we-7 Meyi 2014.

2. Esi sibhengezo siyayichaphazela ithayimthebhile yoviwo lweSatifikethi seMatriki lwango-2014 neyakhutshwa ngeSetyhula 0003/2014 yomhla we-17 Januawari 2014.
2.1 Amaphepha oviwo i-Arabic HG Paper I ne-Arabic HG Paper 2 aya kubhalwa ngoku ngoLwesibini we-20 Meyi nangoLwesine we-26 Juni 2014 ngokulandelelanayo.
2.2 Iphepha loviwo i-Introduction to Criminilogy SG liya kubhalwa ngoku ngoLwesine we-26 Juni 2014 kunye ne-Arabic HG Paper 2.

3. Iqhotyoshelwe apha ithayimthebhile yokugqibela efakelwe izilungiso yoviwo lweSatifikethi seMatriki lwango-2014.

4. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abaviwa abaza kubhala uviwo lweSatifikethi seMatriki lwango-Meyi-Juni 2014, ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:03:31

"Amended: 2014 May - June Final Senior Certificate Examination Timetable"  (ubukhulu: 62 KB)