1. Le setyhula ithatha indawo yazo zonke iisetyhula zangaphambili ezinxulumene nemibandela yoPhuhliso lwaBantwana aBasaqalayo (Early Childhood Development (ECD)).

2. Ukunyuswa kwenkxaso-mali ngomfundi ngamnye
2.1 Kuvunyiwe ukunyuswa kwenkxaso-mali ngomfundi ngamnye (per capita subsidy) kubafundi abakwiiklasi ezivunyiweyo zeBakala R kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nakwizikolo ezizimeleyo ze-ECD ukususela nge-1 Apreli 2014.
2.2 Inkxaso-mali ngomfundi ngamnye ngosuku inyuswe ngolu hlobo lulandelayo:

IZikolo eziNgabizi ziFizi: Izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo
(Izikolo zeNQ 1, 2, 3 nezikhethiweyo ze-NQ 4 no-5)
R24.00 ngosuku x 200 iintsuku zesikolo = R4800 ngomfundi ngamnye ngonyaka.

Izikolo eziBiza iiFizi: Izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo ezizimeleyo ze-ECD
(Iifizi zesikolo ezingaphezu kwe-R400.00 ngonyaka)
NQ 4=R18.00 ngosuku x 200 iintsuku zesikolo = R3600 ngomfundi ngamnye ngonyaka
NQ 5=R17.00 ngosuku x 200 iintsuku zesikolo = R3400 ngomfundi ngamnye ngonyaka

2.3 IsiHlomelo A sinika iinkcukacha ezipheleleyo zokucakacwa (breakdown) kwezi ntlawulo zenkxaso-mali neziya kuhlawulwa okukuqala ngo-Apreli 2014.
2.4 Isikolo sikarhulumente esiqhelekileyo esinabafundi abangaphantsi kwe-20 siya kufumana isixa-mali esiyi-R108 000 ngonyaka esenziwa zezi zixa-mali, i-R84 000 yomvuzo wonyaka weprakhtishina yeBakala R ne-R24 000 yokuthenga izibonelela zokuxhasa ukufunda nokufundisa (LTSM) nokuhlawula iinkonzo zosetyenziso lombane (utility services).

3. Ukungeniswa kweefom zamabango (claim forms)
3.1 Ziyakhunjuzwa iinqununu zezikolo ezineBakala R neentloko zamaziko e-ECD ukuba izicelo zenkxaso-mali mazingeniswe kwi-ofisi yesithili semfundo yaloo ndawo sikuyo isikolo ingadlulanga le mihla ilandelayo:

Ikota yesikolo I-Ofisi yeSithili
Ikota yokuQala ka-2014 27 Matshi 2014
Ikota yesiBini ka-2014 26 Juni 2014
Ikota yesiThathu ka-2014 25 Septemba 2014
Ikota yesiNe ka-2014 5 Disemba 2014

Ukungeniswa kade sekudlule ixesha kweefom zamabango enkxaso-mali, namaxwebhu abubungqina ahamba kunye nazo, kungaba nefuthe elibi ekuhlawulweni kwezi ntlawulo zenkxaso-mali.

3.2 IsiHlomelo B sineefom zamabango ezintsha nemazisetyenziswe ukususela kwiKota 2.

4. Izikolo eziNgaBizi ziFizi eziFundisa iBakala R
4.1 Izikolo ezingabizi zifizi ezifumana inkxaso-mali yeBakala R kurhulumente azivumelekanga ukuba zibize iifizi zesikolo kubafundi beBakala R (Funda i-National Financial Management Guidelines in Respect of Schools Offering Grade R Classes, October 2009, iphepha 4).
4.2 Banokucelwa abazali ukuba benze igalelo ngokuzithandela (voluntary contributions).
4.3 Mayigxininiswe into yokuba ezi ntlawulo ziligalelo azinyanzelekanga yaye mazingaze zisetyenziselwe ukuvalela ngaphandle abo bazali bangenako ukwenza eli galelo.

5. Ukuhlawulwa komvuzo weprakhtishina yeBakala R
5.1 Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba iiprakhtishina zeBakala R kuzo zonke izikolo mazifumane i-80% epheleleyo yesabelo senkxaso-mali nesihlawulwa kabini ngonyaka.
5.2 Ayacelwa amaBhunga oLawulo eZikolo (SGBs) ezikolo ze-NQ 4 neze-NQ 5 ukuba awongezelele umvuzo weprakthishina yeBakala R ukwenzela ukuba iprakthishina ifumane isixa esingaphezulu kwe-R7 000 engowona mvuzo mncinane ngenyanga.
5.3 Iiprakthishina zeBakala R “kwiZikolo eziNgabizi ziFizi” zinelungelo lokufumana isixa esipheleleyo esiyi-80% senkxaso-mali.
5.4 Intlawulo ze-Unemployment Insurance Fund (UIF) no-Pay As You Earn (PAYE) mazixhuzulwe kumvuzo weprakhtishina yeBakala R zize zihlawulwe kuloo masebe karhulumente achaphazelekayo. Ukongeza, ii-SGBs mazibhalise kwi-South African Revenue Services (SARS) njengabaqeshi.

6. Amabanga emfundo eeprakhtishina
6.1 Ziyakhunjuzwa iiNqununu neeSGBs ukuba amabanga emfundo angawona asezantsi eprakhtishina yeBakala R ngu-NQF Level 5.
6.2 Iinkcukacha zokuhlaziywa kwamabanga emfundo ziyafumaneka kwiiKholeji zeFET.
6.3 Makubekho imbopheleleko eqinisekisiweyo phakathi kweprakhtishina yeBakala R, iSGB neNqununu yesikolo yokuhlaziywa kwamabanga emfundo eprakhtishina ukuba ayikabinabanga lemfundo leNqanaba 5 (Level 5 qualification).

7. Ukubekwa esweni novavanyo

Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba zizifake iinkcukacha zeeprakthishina zeBakala R kwiziko ledatha. Ukuqinisekisa umgangatho onguwo wokufunda nokufundisa kwiiklasi zeBakala R, mawubekwe esweni qho umsebenzi wezi klasi kunye novavanyo lwazo.


8. Inani labafundi beBakala R elivumelekileyo ngeklasi nganye

Iklasi ebukhulu bayo bungabafundi abangaphezu kwe-30 inokuwuchaphazela kakubi umgangatho wokufunda nokufundisa kwiklasi yeBakala R. Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba elona nani leklasi labafundi beBakala R likhulu nelivumelekileyo ngu-30 ngeklasi nganye. Umlinganiselo wenani labafundi abafundiswa ngutitshala ngu= 1:30


9. Impilo yabafundi nokhuseleko

Ukuqinisekisa impilo nokhuseleko lwabafundi, ziyacelwa izikolo ukuba ziyigcine yaye ziyiqinisekise njengekhuselekileyo indawo yokudlalela abafundi phandle. Oku kubandakanya ngokukodwa ukulondolozwa lwezixhobo nokulungiswa koojingi (jungle gyms).


10. Okukule setyhula makwaziswe bonke abachaphazelekayo kwiBakala R kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nakwizikolo ezizimeleyo ze-ECD ukuze bonke bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:03:25

"Annexure A"  (ubukhulu: 24 KB)
IsiHlomelo B: ISICELO SENKXASO-MALI – IKLASI YEBAKALA R  (ubukhulu: 309 KB)