1. ULwabiwo-mali

Iinkcukacha zolwabiwo-mali ngokweMimiselo neMigangatho yoLwabiwo-mali (Norms and Standards (N&S)) zesikolo sakho esiphantsi kweSiqendu 21 ngalo nyaka-mali oqala nge-1 Apreli 2013 kuye kwi-31 Matshi 2014 sele zifumaneka kwiCEMIS. Izikolo zinako ukuzifumana ezi nkcukacha ngokuthi zenze oku kulandelayo kwiikhompyutha zazo:

  • Logisha kwi-CEMIS.
  • Khetha u-"Public Ordinary".
  • Khetha isikolo sakho.
  • Klikha ku-"Proceed". Yisa ikhesa yakho kule ayithem yemenyu "Administration" uklikhe ku-"Norms and Standards Allocation". Khetha N&S 2013
  • Kucelwa uliprinte elo phepha.

1.1 Ulwabiwo-mali lubalwe ngokungqinelana nemigqaliselo ekwimihlathi 108 - 113 ye-National Norms and Standards for School Funding (NNSSF) ekwiGazethi kaRhulumente 29179, yomhla we-31 Agasti 2006.

Ngokomhlathi 109 we-NNSSF, amasebe emfundo amaphondo makasebenzise itheyibhile kazwelonke ebonisa ukuma kwamanqanaba entlupheko (national poverty distribution table) (itheyibhile ebonisa intlupheko (poverty table)) ukujonga ukuba izixa-mali ezithagethiweyo (targeted amounts) ziza kwabiwa njani kwiphondo ngalinye. Le theyibhile ilapha ngezantsi efakelwe izilungiso, ibonisa ipesenteji yabafundi eNtshona Koloni abanokufakwa kumanqanaba ngamanqanaba entlupheko kazwelonke (various national quintiles (NQs)).

  NQ1 NQ2 NQ3 NQ4 NQ5 Itotali
EkaZwelonke (National) 20% 20% 20% 20% 20% 100%
EyeNtshona Koloni 9.5% 13.6% 16.9% 22.1% 37.9% 100%
1.2 Ileta yolwabiwo-mali ibandakanya ulwabiwo lwango-2013/14, kwakunye nolwabiwo-mali lwethutyana (provisional) loonyaka-mali ababini abalandelayo, o.k.t. 2014/15 no-2015/16. Lonke ulwabiwo-mali lubalwe ngokususela kumanani obhaliso e-Annual Survey of Schools (ASS) ka-2012.

2. Isicwangciso seentlawulo (Payment schedule)
2.1 Izikolo ezibiza iifizi

Izikolo ziya kufumana isabelo sazo se-N&S sonyaka-mali 2013/14 ngezavenge (instalments) ezibini ekuzezi: 60% ngo-Apreli/Meyi 2013 ne-40% ngoNovemba 2013. Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21, mazisebenzise isixa-mali sokuqala kwiintlawulo ezithunyelwa ngekhompyutha (transfer payments) (60%) esiya kwenziwa ngo-Apreli/Meyi 2013, ukuthenga izincedisi ezixhasa ukufunda nokufundisa (LTSM) ngo-2013, ukwenzela ukuba zibe sezifumaneka phambi kokuphela kukaSeptemba 2013 nokuba zihlawule ezinye iinkcitho, njengoko zicacisiwe kumhlathi 3.1 apha ngezantsi. Iintlawulo ezithunyelwa ngekhompyutha (transfer payments) ezisisixa sesibini, (40%) nesiya kwenziwa sifumaneke ngoNovemba 2013, masisetyenziselwe ukuhlawula inkcitho efanelekileyo enxulumene nesikolo de kuye kufikelela ekupheleni konyaka-mali kaRhulumente o.k.t. 31 Matshi 2014.

2.2 Izikolo ezingabizi zifizi (No-fee schools)

I-20% yesabelo-mali se-N&S sisonke, kwizikolo eziphantsi kweSiqendu 21 ehlawulwa ngo-Apreli/Meyi 2013 (funda umhlathi 2.1 apha ngentla), mayigcinelwe inkcitho ebihlawulwa kwixesha langaphambili ngeefizi zesikolo. Izikolo ziya kwaziswa ngesi sixa-mali kwileta engesabelo-mali sazo se-N&S. Makukhunjulwe ukuba esi sixa-mali masisiqhube isikolo de kuye kutsho ku-Apreli 2014, apho kuya kufumaneka intlawulo yonyaka-mali olandelayo.


3. Ukusetyenziswa kwesabelo-mali
3.1 Isabelo-mali ngokwe-N&S senzelwa eyona njongo iphambili nengeyokuqala, ukuthenga iLTSM, ukuthenga kuloo ndawo inesikolo (local purchases), ukuhlawula iinkonzo zikamasipala, ukubonelela ngezona zinto zibalulekileyo kulondolozo lwemihla ngemihla lwezakhiwo zesikolo, amabala nezixhobo zomsebenzi (ulondolozo olwenziwa sisikolo), kunye nokuhlawula ezinye iindleko ezikhoyo zemihla ngemihla. Ingeniso yesikolo esiyenze ngokwaso, njengoko kuchaziwe kumhlathi 5, mayisetyenziselwe kuqala ukongeza apho kushota khona kwezi zinto zilapha ngentla phambi kokuba isetyenziselwe ukuhlawula izithuba zengqesho zamabhunga olawulo.

Kucetyiswa ukuba izikolo ziyahlula-hlule imali eziyabelweyo ngale ndlela ilandelayo ngokwamahlelo ngamahlelo enkcitho (various expenditure categories):

  • I-50% isetyenziselwe ii-odolo zeLTSM zika-2014 ekufuneka ke i-10% yayo isetyenziselwe ukuthenga iincwadi zelayibrari nezinye izibonelelo. (Ngamnye umfundi makabe nencwadi yesifundo emiselweyo ngenkalo yesifundo nganye okanye ngesifundo ngasinye. Istokhwe seencwadi nezibonelelo zaselayibrari mazandiswe (augmented) qho ngonyaka de inani elipheleleyo lee-ayithem (items) libonise owona mgangatho usezantsi wamazwe ngamazwe umiselweyo (minimum international standard) wee-ayithem ezili-10 ngomfundi ngamnye. Jonga kumhlathi 3.1.1 apha ngezantsi, izinto ezinokufakwa phantsi kweLTSM)
  • I-24% isetyenziselwe iinkonzo zikamasipala.
    (Nakuba kunjalo izikolo zingenza ibhajethi yepesenti enkulu kunoku ukuba iindlela zenkcitho zazo (expenditure tendencies) zenza ukuba oku kube yimfuneko.)
  • I-6% isetyenziselwe ulondolozo lwesikolo;
  • I-20% isetyenziselwe ukuhlawula izinto ezithengwa kuloo ndawo inesikolo (local purchases).
3.1.1 Iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM)

  1. ISebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (DBE) lizicacisa iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM) njengazo naziphi na izinto ezixhasa zize zenze kube lula ukufunda nokufundisa kanye eklasini okanye ekhaya (umsebenzi wesikolo wasekhaya). Zibandakanya oku kulandelayo:

    • Iincwadi zezifundo (textbooks), iincwadi zokufunda (readers), iincwadi zokukhangela izinto-yinto (reference books), iincwadi ezimiselweyo (prescribed books), ii-atlasi (atlases) nezichazi-magama (dictionaries);
    • Iincwadi zokwenza imisebenzi (workbooks);
    • Iiphowusta, iimephu neetshathi zodonga;
    • Iimidlalo efundisa okuthile ii-Educational board games;
    • Izinto zokufunda zaselayibrari (ezingamabali angeyonyaniso (fiction) nezingamabali asusela kwizinto zokwenene (non-fiction), iincwadi zokukhangela izinto-yinto, iividiyo esezirekhodiwe, iiDVD, ii-odiyokhasethi (audiocassettes), iiCD, iiCD-ROM, ii-multi-media njl. njl.);
    • I-software yekhompyutha nokulayisenswa kwayo (Computer software and licensing);
    • Izibonelelo ezisetyenziswa ngootitshala, ngabafundi, eziklasini naselayibrari.

  2. Ziyacelwa izikolo zisebenzise isabelo sazo esipheleleyo seLTSM ukuthenga iLTSM eya kwandisa ngamandla ize ixhase ukuphunyezwa kwe-Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS) eziklasini zazo. Ngako oko ke ziyakhuthazwa izikolo ukuba zisebenzise isabelo sazo seLTSM ekuthengeni iincwadi zezifundo (textbooks) ezongezelelweyo, iincwadi ezimiselwe ukufundwa (prescribed works), ii-atlasi (atlases) izichazi-magama (dictionaries); iincwadi zokwenza imisebenzi (workbooks); iiphowusta, iimephu neetshathi zodonga, iimidlalo efundisa okuthile (educational board games), Izinto zokufunda zaselayibrari (ezingamabali angeyonyaniso (fiction) nezingamabali asusela kwizinto zokwenene (non-fiction), iincwadi zokukhangela izinto-yinto, iividiyo esezirekhodiwe, iiDVD, ii-odiyokhasethi (audiocassettes), iiCD, iiCD-ROM i-software yekhompyutha nezixhobo zelebhu ye-home economics and science.

  3. Phantsi kwale miqathango ilandelayo, izikolo zingabela iLTSM imali encinane ukuba:

    • ngamnye umfundi osesikolweni unencwadi yesifundo kwisifundo ngasinye kwaye unako ukufikelela kwizibonelelo zeLTSM ezizezinye; kwaye
    • isikolo besisoloko sisithi qho ngonyaka sabe i-10% yesabelo seLTSM sithenge iincwadi nezibonelelo zaselayibrari zokwandisa istokhwe saselayibrari yaye inani lilonke lee-ayithem zaselayibrari kwistokhwe saselayibrari ngoku zii-ayithem ezili-10 ekulelona nani lisezantsi limiselweyo ngokomgangatho wamazwe ngamazwe (minimum international standard of 10 items) ngomfundi ngamnye; yaye
    • ibhunga lolawulo lithathe isigqibo ngokusesikweni malunga noku kutenxa kokumiselweyo. (Esi sigqibo sebhunga elilawulayo ngokumalunga nebhajethi, ekufuneka ingeniswe kwintlanganiso yabazali, masicaciswe yaye makunikwe isixa-mali esichithwe kwizibonelelo zeLTSM, ngomfundi ngamnye. Esi sigqibo masandlalwe kwintlanganiso yabazali, nokuba ngaba umphathi weze-IMG uyasixhasa okanye akasixhasi.)

  4. Zifunyanwa njani iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (i-LTSM)

    • Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 mazifumane iikowuteshini zokhuphiswano ngamaxabiso kubathengisi be-LTSM.
    • Xa zi-odola izibonelelo ze-LTSM ezongezelelweyo, izikolo mazikhethe zonke iincwadi zezifundo zeCAPS zeSigaba seSiseko neBakala 10 kwiikhatalogu zikazwelonke (funda ezi Ngcaciso ziMfutshane Institutional Resource Support Minute 0004/2011 and 0005/2011).
    • Iincwadi zoncwadi ezimiselwe ukufundwa kumaBakala 4 - 9 nezeBakala 10 no-12 mazikhethwe kuloo listi yeencwadi ezimiselwe ukufundwa icetyiswayo nethunyelwe ezikolweni.
    • Ikhatalogu yeFET evunywe kwizwelonke (funda le Ngcaciso eMfutshane Curriculum FET Minute 016/2009) isasetyenziswa nangoku kwiincwadi zezifundo zeBakala 12 ezongezwayo (textbook top-ups).
    • Xa kukhethwa iincwadi nezibonelelo zaselayibrari, izikolo kufuneka ziqhagamshelane noMququzeleli we-EDULIS weeNkonzo zeeLayibrari zeZikolo (School Library Services), uNks Theresa Young (ifoni 021 597 9638) ukucela ukuncediswa ekufuneni nasekuthengeni iincwadi ezicetyiswayo (recommended titles). Kunokuqhagamshelwana nomcebisi welayibrari yesikolo wesithili (district school library adviser) kunye/okanye nomququzeleli weziko elinguvimba wolwazi (resource centre co-ordinator) ngokumalunga nokuphuculwa kweelayibrari zezikolo.
3.1.2 Iinkonzo zikamasipala

  1. Injongo yesabelo esinikwa izikolo ngokwe-N&S, phakathi kwezinye izinto, kukuhlawula ii-akhawunti zezikolo zeenkonzo zikamasipala, o.k.t. umbane, amanzi, ugutyulo lomphutha (sewerage removal), nokuthuthwa kwenkunkuma, kodwa asibandakanyi ukuhlawulwa kwerhafu yepropathi. Njengoko kwakunjalo kwixesha elidlulileyo, uRhulumente uya kuyihlawula irhafu yepropathi ebhaliswe ngegama leRiphablikhi yoMzantsi Afrika.
  2. Phakathi kwezinye zezinto emazenziwe zizikolo, kukuphumeza amanyathelo okonga imali aboniswe kwiSihlomelo A.
  3. U-ESKOM noninzi loomasipala bavakalise ukuba bangazenza iimitha zombane ohlawulelwa ungekasetyenziswa (pre-paid electricity meters) ezikolweni. Oku kuya kwenza izikolo zibe nolawulo olubhetele losetyenziso lombane.
  4. Apho isebe liye laqaphela ukuba izikolo azizihlawuli ii-akhawunti zazo zikamasipala, iSebe iWCED linelungelo lokuyibamba lingayikhuphi imali eyabelwe ezo zikolo ngokwesabelo se-N&S ngenjongo yokuhlawula ezo zixa-mali zee-akhawunti zeenkonzo zikamasipala egameni lesikolo esichaphazelekayo.
3.1.3 Ulondolozo lwemihla ngemihla

  1. Ulondolozo lwemihla ngemihla lubandakanya ukulungiswa kwamabala, ukucocwa, ukuhlaziywa, nokulungiswa kunye/okanye ukukhutshwa kwezinto ezonakeleyo kufakwe ezinye kwizakhiwo zesikolo. Malwenziwe qho ulondolozo lwemihla ngemihla, ukwenzela ukuthintela ukugxagxiseka kwezakhiwo zesikolo de zifune ulungiso olungxamisekileyo lomonakalo omkhulu nobiza imali enkulu obangelwe kukungahoywa.
  2. Apho singanelanga isabelo-mali se-N&S solondolozo lwemihla ngemihla, izikolo zilindeleke ukuba ziyongeze zona ngokwazo imali yesabelo kwiingxowa zazo, apho oku kuyimfuneko. Izikolo mazizenzele ngokwazo ibhajethi yolondolozo lwemihla ngemihla ngokungqinelana nemeko yezakhiwo namabala azo. Isabelo-mali se-N&S solondolozo lwemihla ngemihla singanganeli. Kwiimeko ezifana nezi, izikolo zifanele zisongeze isabelo sazo ngengxowa-mali yesikolo apho kufanelekileyo. Izikolo mazibekele bucala esinye isixa-mali kweso sonyaka sabelwe zona sokusetyenziswa kulondolozo lwezixhobo zomsebenzi ezisetyenziswa ekuphuculeni amabala esikolo, umz. ukulungiswa kwemowa, ukuthenga ipeyinti yezitulo ezisemabaleni esikolo, ukuthenga ikalika (lime) nesichumiso (fertiliser)
  3. Isabelo-mali se-N&S masingaze sisetyenziselwe ulondolozo lwemihla ngemihla kwiihostele zokuhlala. Olu hlobo lolondolozo maluxhaswe ngemali yeefizi zabafundi yokuhlala ehostele kunye nangeebhasari.
3.2 ISebe iWCED aliyi kwamkela butyala ngentlawulo yazo naziphi na ii-akhawunti apho izikolo zichithe ngaphezu komlinganiselo osisabelo sazo ukulungiselela le njongo, yaye kuya kufuneka izikolo zizihlawulele ngokwazo ezi ndleko.

4. Isabelo-mali seN&S asinakusetyenziselwa oku kulandelayo:

  • Ukuhlawula abasebenzi abaqeshwe libhunga lolawulo
  • Izakhiwo ezitsha
  • Inkcitho kwiiHostele
  • Iimali-mboleko ezinikwa abantu okanye amanye amaziko
5. Ulungiso lomonakalo omkhulu olungxamisekileyo

Ngokomhlathi 97 weNNSSF, iSebe iWCED liyalwamkela uxanduva lolungiso olungxamisekileyo lwezakhiwo ezonakeleyo, kodwa ngokuxhomekeka ekubeni ikho na imali ebhajethelwe ukwenza olo lungiso lwezakhiwo. Ezi ntlobo zolungiso lomonakalo zilandelayo ziya kuqwalaselwa ngokungqinelana neenkqubo ezikwiSetyhula 175/2000:

IHLELO A

Umonakalo omkhulu odalwe ziintlekele zendalo, iingxaki ezikwisakhiwo (structural problems) nemililo

ISebe iWCED liya kuyithathela kulo le misebenzi yolungiso lwezakhiwo olungxamisekileyo kuphela xa iindleko zingaphezu kwe-R5 000, yaye ibhajethi yolondolozo lwezakhiwo ishokoxekile nangokuxhomekeka ekubeni ikho imali eyaneleyo.

ISebe iWCED linokuthi kwakhona, ngokwengqiqo yalo, lijonge ukuba alinakufaka imali yokuhlawulela umonakalo kwi-akhawunti yebhanki yesikolo ukulungiselela ukuthenga izinto zokwakha kwiimeko apho ungemkhulu kangako umonakalo.

6. Ingeniso eyenziwa sisikolo ngokwaso

NgokweSiqendu 36 (1) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996, (uMthetho 84/1996), amabhunga olawulo ezikolo (SGBs) makathathe onke amanyathelo afanelekileyo okongezelela kwisabelo sikaRhulumente ukwenzela ukuphucula umgangatho wemfundo efundiswa sisikolo kubo bonke abafundi esikolweni. Nangona izikolo ezingabizi zifizi kunyanzelekile ukuba zingabizi zifizi (kubandakanywa neefizi zobhaliso), ziyakhuthazwa ezi zikolo ukuba ziqokelele iminikelo ekhutshwa ngokuzithandela (voluntary contributions) yaye zenze izinto zokunyusa ingxowa (fund-raising actvities).

7. Ukunika ingxelo
7.1 Ibhajethi yesikolo evunyiweyo mayingeniswe kwisithili semfundo esichaphazelekayo ungadlulanga owe-1 Disemba kunyaka ngamnye.
7.2 Zonke izikolo mazingenise le fom WCED 043 (iingxelo zekota ezingenkcitho) kwisithili semfundo esichaphazelekayo zingekapheli iintsuku eziyi-30 ukususela ekupheleni kwekota nganye (inkcitho eya kutsho kwi-31 Matshi, 30 Juni, 30 Septemba, ne-31 Disemba). Imali iya kuhlawulwa ezikolweni kuphela xa kufunyenwe ezi ngxelo WCED 043 ezanelisayo malunga nemicimbi yemali yeekota zangaphambili. Ngaphezu koko, iSiqendu 43(5) se-SASA, 1986, sifuna ukuba izikolo mazingenise (ukuze iqwalaselwe ngumlawuli wesithili semfundo esichaphazelekayo) ikopi yeseti yeengxelo-mali zazo eziphicothiweyo (audited set of financial statements) (ngokungqinelana neSiqendu 43 se-SASA), zonyaka-mali ongaphambili ungekadluli owe-30 Juni kunyaka ngamnye.

8. Eminye imiqathango
8.1 I-SGB mayibe nolawulo olululo kwingeniso nakwinkcitho njengoko kucacisiwe kule ncwadana Manual: Basic Financial System for Schools. Ukuba amalungu ebhunga lolawulo lesikolo akanabo ubungcali obuyimfuneko bokwenza lo msebenzi ngendlela eyiyo, makatyumbe (co-opt) umntu oya kuba nako ukuwancedisa.
8.2 Yonke imali yesikolo, efunyenwe kwisabelo sikarhulumente naleyo evela kwisikolo ngokwaso, mayisetyenziselwe iinjongo ezinxulumene ngqo nezemfundo, njengoko kucacisiwe kwiSiqendu 37(6) se-SASA, kubandakanywa nokuthenga iLTSM. Ngokomgaqo-nkqubo weSebe iWCED, makungaze kwenziwe iikopi zeencwadi zezifundo ezimiselweyo (textbooks) kunye neencwadi zokufunda (readers) njengoko oku ikukunyasha uMthetho weLungelo eliValela uKwenziwa kweeKopi, 1978 (uMthetho 98 ka-1978) (Copyright Act, 1978 (Act 98 of 1978)).
8.3 ISebe iWCED linelungelo lokuhlola iirekhodi ezinxulumene nengxowa-mali yesikolo kunye nokuthatha amanyathelo ngakuye nawuphi na umsebenzi/utitshala wesikolo okanye ilungu lebhunga lolawulo, ukuba lithe lachaphazeleka kwizenzo zokusetyenziswa gwenxa kwengxowa-mali yesikolo. Ngako oko ke izikolo mazigcine bonke ubungqina bengeniso nenkcitho ukulungiselela le njongo.

9. Izibheno

Amanani abafundi

ISebe iWCED liya kuphonononga (review) onke amanani obhaliso lwabafundi ande ngaphezu kwe-7% apho amanani obhaliso lwabafundi, asekelwe kwiSaveyi yoSuku lweshumi ngo-2013, abonisa ukwanda okanye ukuhla ngaphezu kwe-7%, ekuqaleni konyaka wesikolo omtsha (2013) xa kuthelekiswa namanani obhaliso e-ASS yango-2012, kuya kuhlenga-hlengiswa izabelo-mali ngokwe-N&S ngokumalunga noko kwanda kungaphezu kwe-7% kwaye iileta zezabelo ezihlaziyiweyo ziya kuthunyelwa ezikolweni engadlulanga uMatshi 2013.


10. Ulwabiwo-mali luka-2012/13

Zonke iifom WCED 043 ezingekangeniswa zezikolo eziphantsi kweSiqendu 21, mazingeniswe phambi koLwesine we-28 Februwari 2013, ukuthintela ukuphulukana neemali ezingahlawulwanga.


11. Nazi iinombolo zonxibelelwano zokubuza imibuzo

ISihloko Igama Inombolo yefoni
Iifom WCED 043 zeengxelo zekota neengxelo-mali zonyaka eziphicothiweyo I-ofisi yesithili semfundo -USekela-Mlawuli weeNkonzo zezoLawulo lweZiko Yeye-ofisi yesithili semfundo esichaphazelekayo
Iintlawulo ezifakwa kwii-akhawunti zebhanki zezikolo (Izabelo-mali ze-N&S) Mnu M Draai
Nks L Shasha
021 467 2005
021 467 2770
Ulungiso lomonakalo olungxamisekileyo Mnu N Nepile 021 467 2578
I-e-Learning
UMququzeleli we-EDULIS: IiNkonzo zeeLayibrari zeZikolo
Nks T de Young
Mnu O Sadeck
021 957 9638
021 467 2351
Imibuzo ngokubanzi malunga noLwabiwo-mali ngokweMimiselo neMigangatho Mnu L van Wyk
Inombolo yefeksi
021 467 2658
086 568 2858


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEZEMALI
UMHLA: 2013:02:08

Government Gazette 29179: "Amended National Norms and Standards for School Funding"  (ubukhulu: 891 KB)
IsiHlomelo A: "Savings on municipal services"  (ubukhulu: 24 KB)