1. Inkqubo yokunikwa ikhefu ngokumalunga nekhefu lokuqoshelisa iingxaki zosapho (family responsibility leave) icaciswe kwiSetyhula 60/2003 yowe-6 Matshi 2003.

2. Emva kokuba kuphicothwe ikhefu lokuqoshelisa iingxaki zosapho nguMphicothi-zincwadi Jikelele, iSebe leMfundo leNtshona Koloni lifumanise ukuba ayingabo bonke ootitshala abanolwazi ngemiqathango esetyenziswa kwikhefu lokuqoshelisa iingxaki zosapho. Ngenxa yesi sizathu, kule setyhula kucaciswa imiqathango emalunga nekhefu lokuqoshelisa iingxaki zosapho.

3. Ikhefu lokuqoshelisa iingxaki zosapho xa kukho ogulayo okanye kuzelwe usana

Utitshala uya kunikwa ikhefu leentsuku zomsebenzi ezi-3 ezona zininzi elihlawulwa ngokupheleleyo kumjikelo wekhefu lonyaka ukuba

3.1 umfazi wakhe okanye iqabane lakhe liyobeleka, okanye
3.2 umntwana wakhe, indoda yakhe/umfazi wakhe okanye iqabane lakhe liyagula.

QAPHELA: ISigqibo 1/2012 sazitshintsha ezona ntsuku zomsebenzi zininzi yaziintsuku ezi-5.


4. Ikhefu lokuqoshelisa iingxaki zosapho xa kukho umntu wosapho oswelekileyo

Utitshala uya kunikwa ikhefu leentsuku ezi-5 zomsebenzi ezona zininzi elihlawulwa ngokupheleleyo kumjikelo wekhefu lonyaka ukuba

4.1 kusweleke umntwana wakhe, indoda yakhe/umfazi wakhe okanye iqabane lakhe okanye
4.2 kusweleke umntu olilungu losapho osondeleyo kuye. ("Ilungu losapho elisondeleyo", njengoko lichazwe ngokutsha kwiSigqibo 1/2012, ngumzali womqeshwa, ngumzali okhulise umqeshwa (adoptive parent), ngumzali womfazi/wendoda yakhe, yindodakazi yakhe nomntakwabo myeni wakhe/ngusibali wakhe, ngutatomkhulu/ ngumakhulu wakhe, ngumntwana wakhe, ngumntwana okhuliswe nguye (adopted child), ngumntwana womlingane emtshatweni/kubudlelane (stepchild), ngumzukulwana wakhe okanye ngumntakwabo (sibling).

5. Ikhefu elilodwa lokujongana nemicimbi yabucala engxamisekileyo

Utitshala osesikolweni unokuthi, ngethuba elimiselwe umsebenzi, anikwe ikhefu elilodwa elihlawulwa ngokupheleleyo ukuba aye kumcimbi wabucala ongxamisekileyo, ongowohlobo lokuba kufuneke loo titshala angabikho emsebenzini.


6. Inani lilonke leentsuku zekhefu elithathwe ngokwemihlathi 3, 4 no-5 yale setyhula aliyi kuba ngaphezu kweentsuku zomsebenzi ezili-14 kumjikelo wekhefu lonyaka.

7. Utitshala kufuneka angenise amaxwebhu abubungqina bokuxhasa naziphi na zezi fom zokucela ikhefu esele zikhankanyiwe ngaphambili.

8. Makugxininiswe ukuba eli nani leentsuku ekuzezona zininzi elinikwe apha ngasentla zezomjikelo wekhefu lonyaka ngamnye, asilonani elinikwa kwisehlo ngasinye.

9. Inani leentsuku ezabelwe ikhefu lokuqoshelisa iingxaki zosapho alinakugcinwa (may not be accumulated) kwaye alinakuxhuzulwa kwiintsuku zekhefu elihlawulelwayo likatitshala (educator's capped leave).

10. Utitshala osele elisebenzise lonke ikhefu lakhe lokuqoshelisa iingxaki zosapho angenza isicelo
10.1 sekhefu leentsuku ezikhoyo kwikhefu elihlawulelwayo (capped leave) kunye/okanye
10.2 sekhefu elingahlawulelwayo (unpaid leave). (Imiqathango ngokumalunga nokuvunywa kwekhefu elingahlawulelwayo icaciswe kwiSetyhula 66/2003.)

11. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke ootitshala abakwiziko lemfundo, kubandakanywa nabo basekhefini, uze ubacele bayisayine babhale nomhla abayifumene ngawo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:02:01