1. Lo mgaqo-nkqubo uqhotyoshelwe apha ucacisa umgaqo-nkqubo wesebe eli omalunga nokuqaphela, ukurekhoda nokwazisa ngenkcitho esetyenziswe gwenxa, ngokungenanzuzo nangokudyakraza nengagunyaziswanga ngokwesiqendu 38(1)(g) soMthetho woLawulo lweeMali zikaRhulumente, 1999 (uMthetho 1 ka-1999). Kujongwe ekubeni kuqinisekiswe ngokusebenza ngempumelelo, ngendlela eyiyo kunye neesistim ezenzelwa ekuhleni zolawulo lweemali nezinto ezingayingxaki, kunye nolawulo lwangaphakathi.
2. Bonke abasebenzi abasezi-ofisini kufuneka baziqhelanise nalo mgaqo-nkqubo yaye bayilandele ngokuthe ngqo imigqaliselo yawo.
3. Lo mgaqo-nkqubo uqalisa ukusebenza ngomhla ovunywe liGosa eliMele ukuPhendula ngoSetyenziso lweMali leSebe.
4. Kucelwa wazise okukule setyhula nakulo mgaqo-nkqubo uqhotyoshelweyo bonke abasebenzi ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:02:01

"Public Finance Management Act, 1999 (Act 1 of 1999)"  (ubukhulu: 487 KB)
"Policy on Irregular, Fruitless and Wasteful, and Unauthorised Expenditure in the WCED"  (ubukhulu: 90 KB)
"IsiHlomelo A: Register for Alleged Irregular, Fruitless and Wasteful, and Unauthorised Expenditure and Losses/Damages"
(ubukhulu: 31 KB)
"IsiHlomelo B: Template for Submission for Condonation of Irregular Expenditure"  (ubukhulu: 18 KB)
"IsiHlomelo C: Duties and Responsibilities of Loss Control Officers"  (ubukhulu: 27 KB)