1. Le setyhula kunye neMimiselo engokuXelwa kweNxaxheba esiSabelo soMntu yaMalungu amaBhunga oLawulo ekuThengweni kweeMpahla neeNkonzo zeZikolo zikaRhulumente eqhotyoshelweyo, yabhengezwe nge-18 Novemba 2013, nguMphathiswa wePhondo, ngokwesiqendu 63(1)(cD), esifundwa kunye nesiqendu 24 soMthetho weMfundo weZikolo zePhondo leNtshona Koloni, 1997 (uMthetho 12 ka-1997) (Western Cape Provincial School Education Act, 1997).

2. Le mimiselo ifuna ilungu lebhunga lolawulo lixele inxaxheba esisabelo salo ngokucace gca okanye ngandlela yimbi elithi ilungu elo okanye nawaphi na amalungu osapho lwalo abe nayo ekuthengweni kweempahla neenkonzo zesikolo, yaye ikwabuye ibonelele

  1. ngeengcaciso-magama amabinzana athi 'inxaxheba esisabelo somntu', 'ilungu loapho', 'iqumrhu' kunye 'nequmrhu eliqhuba ishishini nesikolo';

  2. ngefom yokuxela inxaxheba, eqhotyoshelwe njengesiHlomelo A, ekufuneka izaliswe lilungu lebhunga lolawulo, nangamalungu eekomiti zamabhunga olawulo ize ingeniswe kusihlalo webhunga lolawulo—
    1. zingekapheli iinyanga ezintathu ukususela kumhla wokubhengezwa kwale mimiselo;
    2. zingekapheli iintsuku eziyi-30 zokutyunjwa kwelungu libhunga lolawulo emva kokubhengezwa kwale mimiselo ; yaye
    3. emva kwesibhengezo sokuqala, phambi kwe-30 Apreli kunyaka ngamnye, yaye ngokukhawuleza lakuba libe nolwazi ngenxaxheba esisabelo ngokucace gca okanye ngandlela yimbi.

  3. ngembopheleleko kasihlalo webhunga lolawulo ukuba enze irejista aze ayifayilishe ngenjongo yokuba igcinakale ngokukhuselekileyo yazo zonke iinxaxheba ezixeliweyo ngamalungu ebhunga lolawulo;

  4. ngokucela ukurhoxa entlanganisweni (recusal) kwelungu lebhunga lolawulo kwintlanganiso yebhunga lolawulo ngethuba kuqhubeka iingxoxo naxa kusenziwa isigqibo ngawo nawuphi na umbandela ilungu elo elinenxaxheba esisabelo salo kuwo; yaye

  5. kwimeko yokungavumi kungqinelana kunye nokwaphula umgaqo wokuziphatha, ngenkqubo yokumangalelwa kwinkundla yomthetho.
3. Kucelwa iinqununu nabalawuli bezithili bazise okukule setyhula bonke ootitshala namalungu amabhunga olawulo ezikolo ukwenzela ukuba akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:12:05

"Western Cape Provincial School Education Act, 1997 (Act 12 of 1997)"  (ubukhulu: 61 KB)
IsiHlomelo A: "Provincial Gazette on Declaration of Personal Interest Regulations"  (ubukhulu: 114 KB)