1. Ukwenzela ukuba bonke abafundi bakwazi ukufikelela kuphuhliso olupheleley o, lweziphiwo zabo, iSebe leMfundo esiSiseko (iSebe iDBE) kunye neSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) atyale imali eninzi ekunikeni abafundi incwadi yezifundo kwisifundo ngasinye.
2. ISebe iWCED linyanzelekile ukuba liqinisekise ukulawulwa, ukusetyenziswa nokubuyiswa kweencwadi zezifundo kwakunye nezinye izibonelelo zokuxhasa ukufunda nokufundisa (learning and teaching support material) (LTSM) ngempumelelo. Ngako oko ke, kucelwa zonke iinqununu ukuba ziqinisekise ukumiselwa kweenkqubo zolawulo ezifanelekileyo ukwenzela ukulawula ukusetyenziswa kweencwadi zezifundo.
3. Isihlomelo esiqhotyoshelwe apha, esinesihloko esithi "Umgaqo-sikhokelo ongolawulo lweencwadi zezifundo nokubuyiswa kweencwadi zezifundo ezinikwe izikolo" ("Framework for the management and retrieval of textbooks supplied to schools") sibonelela ngomgaqo-sikhokelo ongolawulo lweencwadi zezifundo kunye nokubuyiswa kweencwadi zezifundo kwiSebe iWCED.
4. Kucelwa iNqununu yeSikolo iqinisekise ukuba ulawulo lweencwadi zezifundo lwenziwa kulandelwa lo mgaqo-sikhokelo.
5. Kucelwa uqinisekise ukuba okukule setyhula kunye nesihlomelo esihamba nayo kwaziswa bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:11:25

Isihlomelo: UMGAQO-SIKHOKELO ONGOLAWULO NOKUBUYISWA KWEENCWADI ZEZIFUNDO (MANAGEMENT AND RETRIEVAL OF TEXTBOOKS) EZINIKWE IZIKOLO  (ubukhulu: 59 KB)