1. NgokweSiqendu 20 soMthetho woBulungisa kwezeNgqesho, 1998, (uMthetho 55 ka-1998) (Employment Equity Act, 1998 (Act 55 of 1998)), isebe ngalinye kufuneka lenze yaye liphumeze isicwangciso sobulungisa kwezengqesho esiya kuba nenkqubela ebonakalayo ekwenzeni ubulungisa kwezengqesho ngaphakathi kwindawo yalo yomsebenzi.

2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lisijongisisile kwakhona isiCwangciso soBulungisa kwezeNgqesho seminyaka emihlanu salo (5-year Employment Equity Plan) sika-2008 - 2012, laza lenza isiCwangciso soBulungisa kwezeNgqesho seminyaka emihlanu esihlaziyiweyo sethuba eliqala nge-1 Januwari 2013 kuye kwi-31 Disemba 2017, ngokungqinelana neemfuno ezimiselweyo zoMthetho woBulungisa kwezeNgqesho.

3. Injongo yesicwangciso

Injongo yesiCwangciso soBulungisa kwezeNgqesho kukwazisa bonke abaqeshwa beSebe iWCED ngoku kulandelayo:

  • Iinjongo zesiCwangciso soBulungisa kwezeNgqesho esihlaziyiweyo
  • Iindlela ezicwangciswe ngobuchule zokuqinisekisa ukuba iinjongo zesi sicwangciso ziyafikelelwa
  • Amaxesha amisiweyo ekulindeleke ukuba ngawo isebe lifikelele kwezi njongo
4. Imigqaliselo yesicwangciso sobulungisa kwezengqesho

  • Kukuqinisekisa ukuba ziyapheliswa zonke iindidi zobandlululo ezicacileyo nezifihlakeleyo ukwenzela ukuba kuqeshwe abasebenzi abaziintlobo ngeentlobo nabanezakhono eziziindidi ngeendidi nabanako ukuhlangabezana nemingeni yeSebe iWCED kweli thuba leminyaka emihlanu lizayo
  • Kukuqinisekisa ukuba ziyapheliswa zonke izithintelo zobandlululo ezithintela abaqeshwa bamaqela ekujoliswe kuwo ekubeni baxhamle izibonelelo namaqithi-qithi afanayo njengabanye abaqeshwa
  • Kukuqinisekisa ukuphunyezwa kwesiCwangciso soBulungisa kwezeNgqesho ngokuxhobisa bonke abaqeshwa, abaphathi namabhunga olawulo ezikolo nokubenza bayiqonde indima yabo ekukhuthazeni ubulungisa kwezengqesho neyantlukwano
5. IsiCwangiso soBulungisa kwezeNgqesho seminyaka emi-5 seSebe iWCED sika-2013 – 2017 siqhotyoshelwe apha.

6. Makuthunyelwe nayiphi na imibuzo kuNks Mymona Jacobs apha: Mymona.Jacobs@westerncape.gov.za okanye kule nombolo yefoni 021 467 2437.

7. Abaphathi bamacandelo mabaziqhelanise nesi sicwangciso yaye mabayazise le setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:01:25

"Employment Equity Act, 1998 (Act 55 of 1998)"  (ubukhulu: 1 407 KB)
"Employment Equity Plan for 2013 to 2017"  (ubukhulu: 949 KB)