1. Injongo yale setyhula kukwazisa onke amaziko eSebe iWCED namabhunga olawulo ezikolo ngokubakho kwemiyalelo esemthethweni (legal injunctions) ethintela abantu nemibutho ekwenzeni izinto ezinxulumene nezopolitiko ngexesha lesikolo. Le miyalelo iqulethwe kwisiqendu 33A soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika (SASA), 1996 (uMthetho 84 ka-1996), nesiqendu 46B soMthetho weMfundo wePhondo leNtshona Koloni, 1997 (uMthetho 12 ka-1997).

2. Le setyhula itshitshisa iSetyhula 10/2009 neSetyhula 38 ka-2009 ngokupheleleyo. Ikwafakela nezilungiso ezizezinye kumhlathi 3.3 weSetyhula 76/1998 ngolu hlobo lulandelayo: "Akukho zaziso zipapashwayo ezinxulumene nezesondo okanye nezopolitiko, okanye ezikhuthaza ukusetyenziswa kotywala, icuba okanye naziphi na iimveliso ezinxulumene noku zivumelekileyo. Nasiphi na isaziso ekucetywa ukuba sipapashwe kufuneka sisiwe ebazalini kuqala ukwenzela ukuba bavakalise izimvo zabo kunye nenkcaso yabo kwithuba leentsuku eziyi-21, njengoko amaqela ezenkolo okanye ezenkcubeko ahlukeneyo enokusitolika ngokungafaniyo, ngakumbi amagama athi, ‘esinxulumene nezesondo’ (sexual….. nature)."

3. Isithintelo esikumhlathi 2 sisebenza ngokulinganayo nakwimvumelwano yezorhwebo ekwibhodi yezaziso.

4. ISiqendu 20(1) (g) sicacisa ukuba ibhunga lolawulo lesikolo "maliphathe yaye lilawule ipropathi yesikolo, nezakhiwo nemihlaba ekumi kuyo isikolo, kubandakanywa neehostele zesikolo, kodwa ukusetyenziswa kweli gunya makungakhe nangayiphi na indlela kuphazamisane okanye kungenjalo kuthintele ukuphunyezwa kwesigqibo esenziwe liLungu leSigqeba soLawulo okanye yiNtloko yezeMfundo ngokumalunga nawo nawuphi na umthetho okanye umgaqo-nkqubo".

5. Lo mgaqo walo Mthetho uthwalisa uxanduva ibhunga lolawulo ukuba liqinisekise ngokuba ukusetyenziswa kwepropathi yesikolo, kubandakanywa nokusetyenziselwa iinjongo zezorhwebo, kwenziwa ngendlela engqinelana nomthetho okhoyo ngoku nokuba kungqinelana nemiyalelo yoMphathiswa wePhondo.

6. Ngo-2011 i-SASA yafakelwa izilungiso nguMthetho oFakela iZilungiso kwiMithetho yeMfundo esiSiseko, 2011 (uMthetho 15 ka-2011), ngokufakelwa kwesiqendu 33A esicacisa ukuba, “Akukho zinto zinxulumene nezopolitiko zamaqela ezopolitiko ezinokwenziwa esikolweni ngexesha lesikolo elimiselwe libhunga lolawulo lesikolo ngokwesiqendu 20(1)(f) seSASA".

7. Izinto ezinxulumene nezopolitiko zamaqela ezopolitiko ezichatshazelwe kwisiqendwana (1) sesiqendu 33A seSASA zibandakanya, kodwa azingaphelelanga kwezi

  1. ukugaya iivoti;

  2. ukwenza iirali;

  3. ukuhambisa iiphamflethi neeflaya; kunye

  4. nokuxhoma iiphowusta neebhanile.
8. Ilungu leqela lezopolitiko alinakuthi, ngenjongo yokwenza izinto ezinxulumene nezopolitiko, lingene ngaphandle kwemvume esikolweni ngexesha lesikolo.

9. ISiqendu 46B (5) soMthetho weMfundo weZikolo zePhondo leNtshona Koloni, 1997 (uMthetho 12 ka-1997), silicacisa ixesha lesikolo "njengamaxesha osuku lwesikolo amiselwe libhunga lolawulo phantsi kwesiqendu 21A(1) (g), kunye nalo naliphi na ixesha elilelinye ekuqhubeka ngalo imisebenzi yesikolo yasemva kweyokufunda nokufundisa (curricular or extra-curricular activities) kumasango esikolo".

10. I-SASA iphinde kwisiqendu 33A(4), ibonelele ukuba isikolo masingavumeli ukuboniswa kwezinto (display of material) zamaqela ezopolitiko kumasango esikolo, ngaphandle kokuba ezo zinto zamaqela ezopolitiko zinxulumene nekharityhulam yeso sikolo.

11. Isiqendu 46B(3) soMthetho weMfundo weZikolo zePhondo leNtshona Koloni siyalithintela ibhunga lolawulo okanye inqununu ekubeni ivumele iqela lezopolitiko okanye ilungu leqela elilolu hlobo ukuba lenze izinto ezinxulumene nezopolitiko esikolweni ngexesha lesikolo.

12. Imisebenzi eluxanduva yeenqununu zezikolo

Iinqununu zezikolo zikarhulumente, ngokwesiqendu 12(3) seSASA, mazisoloko zisenza ngendlela ekhuthaza negcina iimfundiso ezisisiseko zomgaqo-siseko nemigaqo yomthetho. Ekwenzeni oku, ziya kuthi, phakathi kwezinye izinto

  1. zimele iNtloko yeSebe kwibhunga lolawulo xa zisenza oko njengamagosa aseburhulumenteni njengoko kuchatshazelwe kwiziqendu 23(1) (b) no-24 (1) (j) zeSASA;

  2. ziqinisekise ngokuphunyezwa komgaqo-nkqubo nemithetho;

  3. zazise ibhunga lolawulo ngomgaqo-nkqubo nemithetho; yaye

  4. zazise iNtloko yeSebe leMfundo ngako nakuphi na ukunyashwa kwemigaqo yawo nawuphi na umthetho olawula ezemfundo.
13. Nayiphi na imvume enikwe yinqununu okanye libhunga elimele isikolo yokuqhuba naziphi na izinto ezinxulumene nezopolitiko ezithintelweyo ezikule setyhula ayinakuba sisizathu esivakalayo okanye esamkelekileyo okanye sokuzithethelela emthethweni, njengoko imvume elolu hlobo iya kuba yengekho mthethweni ngokwemithetho esebenzayo.

14. Ukungaphumeleli ukuqinisekisa ukuba ezi mfuno zimiselweyo ziyazalisekiswa kunokubangela ukuba kuthathwe amanyathelo oluleko ngakuloo nqununu yaphule umgaqo.

15. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke ootitshala namalungu ebhunga lolawulo lesikolo achaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:11:22

"Circular 76 of 1998"  (ubukhulu: 246 KB)
"South African Schools Act (SASA), 1996 (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 255 KB)
"Western Cape Provincial School Education, 1997 (Act 12 of 1997)"  (ubukhulu: 61 KB)
"Basic Education Laws Amendment Act, 2011 (Act 15 of 2011)"  (ubukhulu: 735 KB)