1. NgoNovemba 2012, iBhunga laBaphathiswa bezeMfundo (Council of Education Ministers) lavuma ukuba ukungeniswa kwengcaciso ye-EMIS echanekileyo makubandakanywe njengomqathango omawuthotyelwe kuqala (pre-condition) zizikolo ukuze zibe nokufumana intlawulo yazo yengxowa yoLwabiwo-mali ngokwe-Mimiselo neMigangatho (their Norms and Standards funding).
2. ISebe iWCED liya kuwuphumeza lo myalelo ukuqalela kuJanuwari 2014 ngokuthi litshekishe ingcaciso yesikolo ngasinye kwiCEMIS nangokuthi linike inqununu ingxelo kwiCEMIS, ebonisa ukuba ngaba ingcaciso yesikolo iyangqinelana na okanye ayingqinelani nalo mqathango ukulungiselela injongo yokuhlawulwa kwesabelo-mali ngokweMimiselo neMigangatho ngoNovemba.
3. Iifasilithi zokusayinelwa koku kwiCEMIS ze-SNAP Annual School Survey nengxelo yokuhamba isikolo kwabafundi yekota (quartely attendance), ziya kuvumela iinqununu ukuba zikungqine ukuchaneka kwengcaciso enikwa sisikolo. Inqununu, njengegosa leCEMIS leziko (institutional CEMIS officer), luya kuba phezu kwamagxa ayo uxanduva lokuchaneka kwale ngcaciso.
4. Ingxelo ngemeko yengcaciso yeCEMIS iya kufumaneka ngawo onke amaxesha ukususela ngoMatshi 2014 yaye iya kubonisa imeko yesikolo yokungqinelana nalo mqathango. Ngokumana kulungiswa iimpazamo, ingxelo iya kuqhubeka isiya ingqinelana nomqathango de ingqinelane ngokupheleleyo ukulungiselela intlawulo yesabelo-mali ngokweMimiselo neMigangatho. ISebe iWCED linqwenela ukuba ngo-2014 kunikwe ingqwalasela eyodwa (particular focus) ekwenziweni kwangethuba kobhaliso lwabafundi, ukukhutshwa ezincwadini kwabafundi (de-registrations) nobhaliso kwakhona (re-registrations), kwakunye ne-LOLT.
5. Uluhlu lwengcaciso efunwayo ukulungiselela i-SNAP survey neengxelo zekota zokuhamba isikolo kwabafundi (quarterly attendance returns) lukwiTheyibhile 1 elapha ngezantsi:

ITheyibhile1

Ingcaciso efunekayo Ikhomenti
Iiklasi ezenziweyo neLOLT yeklasi nganye yonyaka Makwenziwe iiklasi yaye iklasi nganye yabelwe iLOLT ekuqaleni konyaka.
Iklasi yomfundi ngamnye Bonke abafundi eklasini mababe seziklasini ezenziwe sisikolo.
Imeko yokusayinelwa kwe-SNAP survey Makuboniswe umhla wokusayinelwa.
Iminyaka yobudala yabafundi engqinisisiweyo okanye elungisiweyo Iminyaka yobudala yabafundi mayibhalwe ngokuchanekileyo.
Iingxelo zekota zabafundi abangekhoyo esikolweni (Quarterly learner absentee return) Makufakwe imihla abangekhoyo ngayo yaye oko makusayinelwe.
I-LOLT Makuhlaziywe le ngcaciso.
Imeko yokusayinelwa kweekhompo-nenti zeSaveyi zoNyaka ezingasezantsi: Makunikwe ingcaciso yaye ingqinisiswe ngokuthi isayinelwa.
Izikrini zokufaka idatha (Capture screens)  
Izifundo zoLwimi kwisigaba se-GET  
Iingxelo ezingqiniweyo ii-Verified display reports  
Izifundo zesigaba se-FET  
Ingcaciso engootitshala  
Iisaveyi ze-Additional national EMIS surveys  
6. Ingxelo yolawulo ekusetyenziswa isixhobo i-WCED management reporting tool, i-EduInfoSearch, iya kufumaneka ukuqalela kuMatshi 2014 ukwenzela ukuba amagosa ezithili zemfundo nawecandelo lemicimbi yezemali ayijongisise ukulungiselela iinjongo zokubeka esweni nokunika inkxaso izikolo ukuze zingqinelane nemiqathango yentlawulo yengxowa yoLwabiwo-mali ngokweMimiselo neMigangatho.
7. Yonke imibuzo emalunga nokukule setyhula mayibhekiswe kumagosa e-EMIS achaphazelekayo akwi-ofisi yesithili semfundo okanye kwaNdlunkulu.
8. Izikolo eziseNtshona Koloni zidume ngokuhlaziya kwangethuba ingcaciso yazo yeCEMIS kwaye siqinisekile ukuba akuyi kubakho nasiphi na isizathu sokuyibamba ingakhutshwa ingxowa-mali ekhutshwa ngokweMimiselo neMigangatho ngo-2014.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:10:29