1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) lifuna ukuba bonke abafundi babe nezinto zokubhala ezisisiseko kwisifundo ngasinye kwibakala labo ukususela kusuku lwesikolo lokuqala luka-2014.
2. Ezi zinto zokubhala zibalulekileyo zibandakanya, kodwa zingaphelelanga kwii-soft- and hardcover exercise books, ipensile, ipeni, irabha, irula, iikhrayoni ze-wax nezo ziziipensile, isethi yemathematika, izikere kunye neglu (glue stick).
3. ISebe iWCED liyazi ukuba izikolo zisebenzisa iinkqubo ezahlukeneyo zokuthenga izinto zokubhala zabafundi. Ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi banezinto zokubhala ezisisiseko ngosuku lokuqala lwesikolo luka-2014 kunye nokubeka esweni eso sibonelelo, kucelwa izikolo zizalise ifom yesiHlomelo A eqhotyoshelweyo zize ziyibuyisele kumphathi weze-IMG wesikolo ungadlulanga uLwesine, we-31 Oktobha 2013.
4. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:10:14

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 44 KB)