1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke licele kwiSetyhula E19 ka-2013, ukuba abaviwa ababhalisele ukubhala iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) zika-2013 basayine isithembiso sokuzibophelela ekuhambelaneni ngqo nomgaqo wokuziphatha xa kubhalwa iimviwo.
2. Umsebenzi wokusayinwa kwesithembiso mawuqhubeke ngo-10:00 kusasa nge-18 Oktobha 2013 kuzo zonke izikolo.
3. Izikolo mazazise abaviwa beNSC ukuba ukusayinwa kwesithembiso kwenziwa ngokuzikhethela. Akukho mviwa omakanyanzeliswe ukusayina isithembiso ngokuchasene nentando yakhe.
4. Nge-18 Oktobha, makubanjwe indibano esemthethweni (formal assembly) yabo bonke abafundi beBakala 12 yinqununu, njengenxalenye yenkqubo yabo yokuqhelanisa (orientation) kunye nokubalungiselela ukubhalwa kweemviwo zeNSC.
5. Xa inqununu isenza intetho, abaviwa mabafundelwe imigaqo yeemviwo ebhalwe apha kanye ngasemva kwileta yolwamkelo lwabafundi.
6. Abaviwa mabaxelelwe ukuba bafunde isithembiso ngokukhwaza, baze emva kokuba senziwe isithembiso ngabo bonke abaviwa, banikwe ithuba lokuba basisayine.
7. Apho kunako, makwenziwe iikopi zezithembiso ezisayiniweyo ukwenzela ukuba ikopi leyo igcinwe sisikolo njengenxalenye yeerekhodi zomviwa ngamnye.
8. Apho kungenakwenzeka ukwenziwa kweekopi zezithembiso ezisayiniweyo, isithembiso sentsusa (original pledge) masigcinwe ngumviwa ngamnye weNSC ukwenzela ukuba basigcine kwifolda enye naleyo kukho kuyo ileta yolwamkelo lwabafundi, ekufuneka babe naso xa kubhalwa iimviwo zeNSC zika-2013.
9. Fumana apha kuqhotyoshelwe njengesiHlomelo A ikopi yesithembiso sokuhambelana ngqo nemigaqo yeemviwo zeNSC.
10. Kucelwa iinqununu ziqinisekise ukwenziwa ngokufanelekileyo komsebenzi wokusayinwa kwesithembiso sokuhambelana ngqo nemigaqo yeemviwo zeNSC ezikolweni zabo.
11. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yabaviwa beemviwo zeNSC zika-2013 ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-PENNY VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:10:08

IsiHlomelo A: NSC examination pledge  (ubukhulu: 61 KB)