1. Ukusiwa kweencwadi zezifundo zeCAPS zamaBakala 7-9 no-12
1.1 NgoJuni 2013, izikolo zenza ii-odolo zazo zeencwadi zezifundo ze-CAPS zamaBakala 7 - 9 no-12 kwi-CEMIS ngekhompyutha zaza zazisayinela. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) emva koko lafaka zonke ii-odolo kubapapashi. Iincwadi zezifundo, izikhokelo zootitshala nee-core readers ziya kusiwa ngqo ezikolweni phakathi kwe-2 Septemba ne-31 Oktobha 2013.
1.2 Zakufika iincwadi zezifundo, iinqununu maziqinisekise ukuba oku kulandelayo kuchanekile kwi-proof of delivery (PoD): amanani eencwadi zezifundo (textbook quantities), iizihloko (titles), idilesi yesikolo kunye nenombolo ye-EMIS. Makusayinwe i-PoD ifakwe istampu ize ikopi yentsusa (original) ibuyiselwe kumboneleli-nkonzo ukulungiselela intlawulo ekhawulezileyo liSebe iWCED.
1.3 Makutshekishwe ikopi ye-PoD ithelekiswe ne-odolo yeencwadi zezifundo eyintsusa ize ifakwe efayilini. Iinqununu mazazise umphathi weze-IMG wazo ngencwadi ebhaliweyo ukuba iincwadi zezifundo zeCAPS zazo azikasiwa kwisikolo sazo xa kude kube yi-31 Oktobha 2013.
1.4 ISebe iWCED lenze onke amalinge okusa iincwadi zezifundo njengoko zikhethiwe zizikolo. Nakuba kunjalo, kwiimeko ezimbalwa kakhulu nalapho oko kungenakuthinteleka ngenxa yeengxaki zokunqongophala kwemali, kuya kukhutshwa enye incwadi yezifundo.

2. Ukusiwa kweencwadi zezifundo zeSebe i-DBE zika-2014
2.1 ISebe leMfundo esiSiseko (iSebe i-DBE) liya kuthi kwakhona libonelele zonke izikolo zikarhulumente nezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ngezi ncwadi zomsebenzi (workbooks) zilandelayo:

  • AmaBakala 1 - 6 ezoLwimi lweeNkobe kuzo zonke iilwimi
  • AmaBakala 1 - 3 ezeMathematika ngolwimi lokufunda nokufundisa
  • AmaBakala 4 - 9 ezeMathematika ngesiNgesi nangesi-Afrikansi
  • AmaBakala 1 - 6 ezoLwimi lokuQala oLongezelelweyo kwisiNgesi
  • AmaBakala 1 - 3 ezeZakhono zoBomi ngolwimi lokufunda nokufundisa
  • IBakala R (Ziya kusiwa ngokwahlukileyo ngo-Oktobha nangoNovemba 2013)
2.2 Amanani neezihloko zeencwadi zomsebenzi eziya kusiwa esikolweni ngasinye zisekelwe kumanani obhaliso lwabafundi kwi-CEMIS. Ishedyuli yokusiwa kweencwadi ezikolweni enamanani obhaliso e-CEMIS yesikolo sakho ingafumaneka ngoku kwikhasi lewebhu le-LTSM (CAPS textbooks) kwiziko lewebhu leSebe i-WCED. Idilesi yeziko lewebhu yile http://wcedonline.pgwc.gov.za/branchPS/LTSM/index.html
2.3 Incwadi yomsebenzi 1 ka-2014 (kwiikota 1 no-2) iya kusiwa kuzo zonke izikolo phakathi kwe-10 Septemba ne-5 Novemba 2013.
2.4 Uxwebhu olusisikhokelo olucacisa imigaqo yaphambi nangethuba lokusiwa kweencwadi zezifundo ezikolweni luqhotyoshelwe kule setyhula njengesiHlomelo A.
2.5 Inqununu mayityumbe umntu okwisikhundla esiphezulu kunye nekomiti yabancedisi ukuba bathwale uxanduva lokuphumeza izikhokelo phambi nangethuba lokusiwa kweencwadi zezifundo ezikolweni.
2.6 Zakuba iincwadi zomsebenzi zigqityiwe ukutshekishwa, kufuneka isikolo sizalise le thempleyithi iqhotyoshelwe apha (isiHlomelo B) ukubonisa ukuba kukho iincwadi ezingaba ziyashota okanye zingaphaya kwemfuneko. Oku makuthunyelwe nge-imeyili kumphathi weze-IMG wesikolo ingadlulanga i-11 Novemba 2013.
2.7 Amanani eencwadi ezishotayo aya kudityaniswa yi-ofisi yesithili aze athunyelwe kwiSebe i-DBE, oko kusenziwa ngokuqala kudlulwe kuNdlunkulu weSebe iWCED. Akuba nje engqinisisiwe amaxesha amiselwe liSebe i-DBE, izikolo ziya kwaziswa ukuba iincwadi ezishotayo ziya kusiwa nini na.

3. Kubaluleke kakhulu ukwazisa okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukwenzela ukuba bakuthathele ingaqlelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:09:12

isiHlomelo A: "Guidelines for the receipt of workbooks for 2014"  (ubukhulu: 69 KB)
isiHlomelo B: "Report on Workbook 1 (terms 1 and 2) 2014 delivery and shortages"  (ubukhulu: 64 KB)