1. Inani lezithuba ezabelwe izikolo ngo-2014
1.1 Amanani ezithuba ezabelwe izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ango-2014 sele ebaliwe ngokwemimiselo yokubonelelwa kwezithuba ehlaziyiweyo eyavunywa yiKomiti yeeNtloko zamaSebe eMfundo amaPhondo ngo-2007, nangokwemimiselo eyacetyiswayo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) nekwavunyelwana ngayo ngo-2007 nemibutho yootitshala kunye nemibutho yamabhunga olawulo ezikolo.
1.2 Amanani ezithuba zootitshala ezabelwe izikolo ngo-2014 aya kupapashwa kwi-Central Education Management Information System (CEMIS), phantsi kwelinki Administration (Establishments), nge-23 Agasti 2013.

2. Imiqathango (Imiqathango ngokubanzi)
2.1 Indlela ezimi ngayo izithuba

Ukuma kwezithuba neenkcazo ezikwiMvumelwano neMibutho yaBasebenzi 4/2003 yeBhunga lezeMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (Education Labour Relations Council (ELRC)) kusasebenza nakulwabiwo lwezithuba zootitshala.

2.2 Ukuhlelwa kwezikolo

Izikolo zihlelwe ngokweMimiselo yokuHlelwa kweZikolo (School Grading Norms) ekwiMvumelwano neMibutho yaBasebenzi 3 ka-2006 ye-ELRC. Kucelwa ufunde kwakhona umhlathi 2.1 apha ngentla.

2.3 Ukuphelelwa lixesha kwezithuba nge-31 Disemba 2013

Ngokwemiqathango yeNdlela eHlaziyiweyo yoLwabiwo lweZithuba (Revised Post Distribution Model), izithuba zezikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa mazikhutshwe kunye nenani lezithuba zootitshala elabelwa la maziko qho ngonyaka phambi kokuphela kukaSeptemba wonyaka ongaphambili. Ngoko ke, kunyaka wezifundo ka-2013, zonke izithuba zootitshala ezakhutshwayo ukongeza kwinani lezithuba zootitshala ezazikho (additional to the fixed staff establishments) kwizikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa, ziya kuphelelwa nge-31 Disemba 2013.


3. Uzaliswa kwezithuba ezipapashiweyo
3.1 Zonke izithuba esele zipapashiwe kuLuhlu lweZithuba lwesebe zinokuzaliswa ngokusisigxina, ngokuxhomekeka ekubeni eso sithuba siyavela kwinani lezithuba zootitshala zika-2014 ezabelwe elo ziko.
3.2 Ukuba sithi isithuba esipapashiweyo singaveli kwinani lezithuba zootitshala zika-2014 ezabelwe elo ziko, eso sikolo asinalungelo lakusifumana eso sithuba yaye eso sithuba siya kuthathwa njengesithuba esipapashwe ngempazamo.
3.3 Uhlala ungatshintshanga umgqaliselo wokuba isithuba esipapashiweyo (ngokukodwa isithuba sonyuselo-sikhundleni) sinokuzaliswa kuphela xa singadali sithuba sikatitshala ongaphezu kwemfuneko (educator in excess).
3.4 Ukuba ithi inqununu yesikolo nebhunga lolawulo lesikolo babe noluvo lokuba inkcazo yesithuba esipapashiweyo ayisazanelisi iimfuno zekharityhulam yesikolo, bangacela iSebe iWCED lisithathe eso sithuba njengesipapashwe ngempazamo. Isicelo esilolu hlobo masihambe kunye nenkcazo ebanzi ecacisa oku.

4. Ootitshala abangaphezu kwemfuneko
4.1 Ootitshala esekuthiwe bangaphezu kwemfuneko, ngokususela kulwabiwo lwezithuba lwangaphambili kunye nangokungqinelana neenkqubo zangaphambili, nabasengaphezu kwemfuneko nangoku, baya kugcina loo meko yabo yokubangaphezu kwemfuneko (retain their in-excess status). Imeko yabatitshala iya kusingathwa ngokulandela iimvumelwano ezikhoyo ngoku kunye nemibutho yabasebenzi ekwiBhunga lezeMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (ELRC).
4.2 Aba titshala bangaphezu kwemfuneko banokufakwa ezithubeni ezabelwe amaziko ezitsha ngokuthi kumataniswe izithuba ezilingana nezo bakuzo (by way of matching and placing) baze ke baqeshwe apho kuzo.
4.3 Ootitshala abaqeshwe isigxina mabaziwe (must be identified) njengabangaphezu kwemfuneko (as in excess) ngokweSigqibo 2 sango-2003 seMvumelwano neBhunga lezeMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (ELRC).

5. Imibuzo

Kucelwa ubhekise yonke imibuzo emalunga nale setyhula kumphathi wekomiti yesekethe ochaphazelekayo.

6. Izinto ngokubanzi

Kucelwa wazise okuqulethwe yile setyhula bonke ootitshala namalungu ebhunga lolawulo lesikolo ukuze bakuthathele ingqalelo.



ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:08:22

"Collective Agreement 4/2003"  (ubukhulu: 23 KB)