1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) lenza zonke iinzame zokuqinisekisa ukuba zonke izikolo eziphantsi kolawulo lwalo ziyayiphumeza kwaye ziyayisebenzisa imigaqo-nkqubo eyamkelekileyo ejolise ekubeni kubekho ulawulo olunobulungisa nolwenziwa ngendlela eyiyo.

2. Izikhalazo ezininzi nemibuzo evela kuluntu, ephathelele kwizenzo zokwamkelwa kwabafundi ezikolweni nokuhlawulwa kweefizi zesikolo nezinye iifizi, zibonisa ukuba ayisiwa so imigaqo yoMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84 ka-1996) (South African Schools Act (SASA),1996 (Act 84 of 1996)).

3. Oku kulandelayo yimizekelo yezenzo ezigwenxa ekuthiwa ziyenziwa:
3.1 Ukwamkelwa kwabafundi ezikolweni
3.1.1 Abazali banyanzeliswa ukuba bahlawule

  1. idiphozithi engabuyiswayo yokuqinisekisa ukufumana indawo yokufunda esikolweni; okanye

  2. iimali zobhaliso, iimali zaphambi kokwamkelwa kwabafundi (pre-admission fees) okanye iintlawulo zokwamkelwa kwakhona kwabafundi (re-admission fees), okanye nazo naziphi na ezinye iintlawulo ngexesha lokwenziwa kwesicelo.
3.1.2 Izikolo azibaniki abazali umgaqo-nkqubo wazo wokwamkelwa kwabafundi, yaye awufumaneki nakumaziko ewebhu azo okanye kwamanye amaqonga oluntu (public platforms).
3.1.3 Abazali badla ngokunganikwa izizathu zokwaliwa kwabantwana babo ukwamkelwa esikolweni.

Kucelwa uqwalasele oku kulandelayo:

  1. Xa umzali engenise isicelo sokwamkelwa phambi komhla obekiweyo (before the deadline), makunikwe izizathu ezicace gca zokwaliwa kokwamkelwa kwesicelo.

  2. Ukunikwa kwezizathu ezicace gca zenyathelo lezolawulo kuyimfuneko ngokwesiqendu 5 soMthetho oKhuthaza uSetyenziso loBulungisa kwezoLawulo, 2000 (uMthetho 3 ka-2000). Lo Mthetho ukwacacisa ukuba makunikwe impendulo zingadlulanga iintsuku eziyi-90 emva komhla wokufumana isicelo.

  3. Umgaqo-nkqubo wokwamkelwa kwabafundi weSebe iWCED, owakhutshwa
    ngeSetyhula 26/2010, yomhla we-24 Agasti 2010, mawusetyenziswe ukukhokela zonke izikolo. Amabhunga olawulo makaqinisekise ukuba imigaqo-nkqubo yokwamkelwa kwabafundi yezikolo ingqinelana ngokupheleleyo nayo yonke imithetho echaphazelekayo.
3.2 Ukuxolelwa ekuhlawuleni iifizi zesikolo

Kucelwa amabhunga olawulo ezikolo athathele ingqalelo imiqathango yeMimiselo yokuXolelwa kwaBazali kwiNtlawulo yeeFizi zeSikolo (Regulations for the Exemption of Parents from the Payment of School Fees), (epapashwe phantsi kweSaziso sikaRhulumente R1052 kwiGazethi kaRhulumente No. 29311, yomhla we-18 Oktobha 2006, njengoko ifakelwe izilungiso). Kwaziswe ukuba kwenzeka oku kulandelayo:

  1. Abazali abaxolelweyo ngokuyinxenye okanye ngokupheleleyo (partial or fully exempted) ekuhlawuleni iifizi zesikolo kuye kufuneke bakhuphe intlawulo yokuxolelwa ekuhlawuleni iifizi zesikolo.

  2. Ezinye izikolo ziyala ukunika abazali iifom zokwenza isicelo sokuxolelwa ukuhlawula iifizi zesikolo.

  3. Ukwamkelwa kwabafundi kusekelwe ekubeni abazali okanye abagcini babafundi (guardians) banako na ukuhlawula iifizi zesikolo.

  4. Abazali abafumana iigranti (social grants) banyanzeliswa ukuba bahlawule iifizi zokwamkelwa kwabafundi esikolweni kunye/okanye iifizi zesikolo.

  5. Abazali abavela kwamanye amazwe abafumene iiphemithi zokuhlala nezokusebenza (residential and work permits) abalinikwa ilungelo lokwenza isicelo sokuxolelwa ekuhlawuleni iifizi zesikolo

  6. Abazali abaxelelwa ngomgaqo-nkqubo wokuxolelwa ekuhlawuleni iifizi zesikolo.

  7. Abazali abakhetha ukungababhalisi abantwana babo kwesona sikolo sikufuphi nabo esingabizi zifizi (nearest no-fee school), baxelelwa ukuba abanako ukwenza isicelo sokuxolelwa ekuhlawuleni iifizi zesikolo.

NgokweMimiselo yokuXolelwa kwaBazali ekuHlawuleni iiFizi zeSikolo (Regulations for the Exemption of Parents from the Payment of School Fees), aba bantu balandelayo baxolelwe ngokupheleleyo ekuhlawuleni iifizi zesikolo:

  • Umntu onoxanduva lokuba ngumzali ngokumalunga nomntwana ofakwe

    • kwikhaya lokunonophela abantwana (foster home),
    • kwiziko lokunyamekela ulutsha,
    • kwindawo yokhuseleko, okanye
    • kwikhaya leenkedama
  • Umntu osisizalwane esigcine umntwana (kinship caregiver) oyinkedama okanye umntwana oye

    • walahlwa (abandoned) ngabazali bakhe okanye
    • ongenalo naluphi na uhlobo loncedo olubonakalayo/lwenkxaso ayifumanayo
  • Umntu ofumana igranti (social grant) egameni lomntwana

  • Umntwana oyintloko yekhaya
3.3 Iingcaciso-magama ezithi "umfundi" kunye "nomzali" ezikwiSASA zibandakanya bonke abafundi nabazali, kungakhathaliseki ndawo abavela kuyo (place of origin), okoko nje bekufanele ukuhlala eMzantsi Afrika.
3.4 Iifizi zesikolo

ISetyhula 16/2007 yeSebe iWCED, emxholo wayo ucace gca nozichaza ngokwawo, ingeefizi zesikolo, njengoko zichatshazelwe kwisiqendu 39 seSASA. Nakuba kunjalo, kufumaniseke ukuba izikolo ezininzi

  1. zibiza iifizi zolawulo (administration fees);

  2. zibiza iimali ezingabuyiswayo zeencwadi zezifundo;

  3. zibiza iimali zophuhliso lwabafundi ezinyanzelekileyo, ezibuyiswayo maxa wambi xa umfundi epasa iBakala 12.

  4. zibamba amakhadi eeripoti okanye izatifikethi zokutshintshela kwezinye izikolo kuba abazali bengenako ukuhlawula ifizi zesikolo;

  5. zithintela abafundi ekuthatheni inxaxheba kwiiprogram zasemva kweeyure zokufunda kuba abazali babo bengenako ukuhlawula iifizi zesikolo; okanye

  6. zinyanzelisa intlawulo yeefizi ngokuzithandela kwizikolo ezingabizi fizi;
4. Luxanduva olusemagxeni ebhunga lolawulo, njengomgcini oyintloko weemali zesikolo nemigaqo-nkqubo yesikolo, ukusoloko lisenza imisebenzi yalo njengoko kumiselwe kwisiqendu 16(2) seSASA.

5. Izikolo maziqaphele ukuba umgaqo-nkqubo wokwamkelwa kwabafundi waso nasiphi na isikolo kufuneka ungqinelane ngqo noMgaqo-siseko kunye nawo nawuphi na umthetho osebenzayo. Ukulungiselela iinjongo zale setyhula, kugxininiswa ngakumbi iziqendu 5 no-39 zeSASA, ezisingethe umba wokwamkelwa kwabafundi neefizi zesikolo ngokulandelelanayo.

6. ISebe iWCED kwakhona linqwenela ukutsalela iingqondo zeenqununu zezikolo zikarhulumente kwimisebenzi yazo ezibophelelayo ngokweziqendu 16(3) no-16A 1(a), (2) no-(3) zeSASA.

7. ISebe iWCED libongoza iinqununu namabhunga olawulo ukuba zibe novelwano ngakubazali xa ziphethe imicimbi yemali kula maxesha anzima kangaka kwezoqoqosho. Zonke iintsapho zaseMzantsi Afrika ziye zachatshazelwa yintlekele yezoqoqosho kwihlabathi liphela (global economic meltdown). Isiqendu 41 seSASA, sibonelela ngenkqubo eyenzelwe ukufunyanwa kwakhona kwentlawulo yeefizi zesikolo ezingahlawulwanga.

8. Kucelwa wazise okukule setyhula amagosa ee-ofisi zezithili zemfundo, amalungu amabhunga olawulo neekomiti zolawulo lwesikolo (school management teams) ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:08:05

"South African Schools Act, 1996 (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 86 KB)
"Government Gazette No. 29311"  (ubukhulu: 384 KB)