1. Kunikwe imvume yokunyuswa kwezi bhasari zilandelayo ukususela nge-1 Apreli 2013:
1.1 Eyona mali iphezulu yeebhasari zokubhoda ezihostele ehlawulelwa abafundi abasweleyo abasezihostele ezikwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo inyusiwe ukusuka kwi-R6 265.00 ukuya kwi-R6 578.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.
1.2 Eyona mali iphezulu yeebhasari zokubhoda kwiindawo zabucala kunye neebhasari zezothutho ehlawulelwa abafundi abasweleyo kwiZithili zeMfundo i-West Coast, i-Cape Winelands, i-Eden & Central Karoo ne-Overberg inyusiwe ukusuka kwi-R1 461.00 ukuya kwi-R1 534.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.

Qaphela: Zonke ezi bhasari zilapha ngasentla zibalwa ngokungqinelana novavanyo lobungakanani beemfuno (means test) oluvunyiweyo (funda iNgcaciso eMfutshane ye-IMGP 0016/2011) neekhrayitheriya ezimiselweyo ezicaciswe kwiSetyhula 0143/1998 ye-6 Novemba 1998 nakwiSetyhula 0029/2001 ye-13 Matshi 2001.


2. Kukwavunyiwe kwakhona ukunyuswa kwezi nkxaso-mali (subsidies) zabasebenzi zilandelayo ukususela nge-1 Apreli 2013:
2.1 Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinenani labafundi ababhalisileyo elingaphantsi kwabafundi abayi-201, ukwenzela ukuqesha oomabhalane nabasebenzi bokucoca ngokubanzi, inyusiwe ukusuka kwi-R419.00 ukuya kwi-R440.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.
2.2 Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa kwiihostele zikarhulumente eziqhelekileyo ezinenani labafundi elingaphantsi kwabafundi abayi-50 abahlala ehostele ukwenzela ukuqesha oomabhalane, inyusiwe ukusuka kwi-R5 812.00 ukuya kwi-R6 103.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.
2.3 Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa kwiihostele zecawa okanye zabucala ukwenzela ukuqesha oomabhalane nabasebenzi bokucoca ngokubanzi, inyusiwe ukusuka kwi-R1 464.00 ukuya kwi-R1 537.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.

3. Kucelwa wazise okukule setyhula amalungu ebhunga lolawulo lesikolo nabo bonke abantu abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PENNY VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:07:19