1. Okuqhotyoshelwe apha nokuthunyelelwayo yi-WCED Computing Equipment and Resource Allocation Policy (Annexure A) eyenzelwe ukuseka nokulawula iinkqubo ezikumgangathweni ofanayo zokwabelwa kwamagosa eSebe iWCED izibonelelo zecomputing technology.
2. YiKomiti yeSebe leMfundo i-Departmental Information Technology Committee esingatha zonke izicelo zeempahla neenkonzo ezinxulumene ne-IT.
3. Isicelo seempahla neenkonzo ezinxulumene ne-IT zenziwa kwifom yesicelo yesiHlomelo B esiqhotyoshelweyo, nemayisayinwe nguMphathi weProgram, ukungqina ukuba ikho imali.
4. Izicelo zokufumana ii-notebooks, ii-desktop PCs neeprinta zixhomekeke kwiimfuno zomsebenzi wegosa ngalinye.
5. Kwimeko apho izixhobo zomsebenzi (equipment) zisiwa okanye zitshintshelwa kwamanye amagosa, makuzaliswe ifom i-WCED Movement of Item(s) / Assets form (Annexure C).
6. Ukuba kuthi kufuneke ukususwa kwezixhobo zomsebenzi kumasango eziko, kufuneka kubekho isigunyaziso esifunekayo, esisayinwe lilungu le-SMS elikwinqanaba lesikhundla sobuSekela Mlawuli ubuncinane.
7. Kucelwa onke amagosa asezi-ofisini akwazi okukulo mgaqo-nkqubo uqhotyoshelweyo kwaye alandele ngqo imigqaliselo yawo.
8. Kucelwa wazise okukule setyhula nakulo mgaqo-nkqubo uqhotyoshelweyo bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:06:27

IsiHlomelo A: "Computing Equipment Resource Allocation Policy of the WCED"  (ubukhulu: 101 KB)
IsiHlomelo B: "Application for Information & Communication Technology Items and Services"  (ubukhulu: 27 KB)
IsiHlomelo C: "Movement of Item/s (Assets)"  (ubukhulu: 22 KB)