1. ISetyhula 0024/2013 yapapasha ukuba iintlawulo ii-CPI-adjusted tariffs ezintsha kwiindibano zaseburhulumenteni (iisemina, oomasifundisane, iiseshoni zoqeqesho neenkomfa) zithatha indawo yeentlawulo ezichazwe kwiSetyhula 0022/2008.
2. Nakuba kunjalo, mayigxininiswe into yokuba la manyathelo alandelayo, njengoko iqulethwe kumhlathi 2 weSetyhula 0027/2009 ahlala esetyenziswa:

  Umhlathi 1.1 wale setyhula (Setyhula 0022/2008), unika umlawuli igunya lokuvuma ukusetyenziswa kwezibonelelo ezingezizo ezeSebe iWCED (izikolo, iikholeji zobugcisa, izibonelelo ezikwii-ofisi zezithili zemfundo) ukulungiselela iinjongo zokuqhutywa kweeseshoni zoqeqesho neentlanganiso zaseburhulumenteni, kuphela kwiimeko ezizodwa (in exceptional circumstances). Kutshanje kuye kwasetyenziswa iihotele ngeendleko ezinkulu ngeenjongo zokuqhutywa koqeqesho. Ootitshala baye bahlaliswa kwakwezo hotele. Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba kulandelwa ngqo iindlela zokonga imali ezichazwe kule Setyhula 0022/2008 ye-6 Agasti 2008, zonke izicelo zokusetyenziswa kweehotele okanye kwamakhaya eendwendwe (guesthouses) ukulungiselela iinjongo zoqeqesho kufuneka zixhaswe zizizathu ezivokothekileyo ezithethelela ukusetyenziswa kwezo zibonelelo zize zingeniswe kwiSekela Mlawuli-Jikelele elifanelekileyo. Phakathi kwezo zizathu, makuboniswe ezi zinto zilandelayo:

  • Iinzame ezenziweyo zokusebenzisa iziko lemfundo

  • Isizathu sokuba (izizathu zokuba) kungani na iziko lemfundo elikhoyo lingenako ukuhlangabezana neemfuno zendibano yaseburhulumenteni ethile
3. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:06:18