1. Imimiselo i-Regulations pertaining to the National Curriculum Statement Grades R – 12, eyapapashwa kwiGazethi yeMimiselo No. 9886 ye-28 Disemba 2012 (funda isiHlomelo) yenza isibonelelo esenzelwa izikolo ezizimeleyo malunga nokuphunyezwa kwemiba ethile yeeNkcazo zeMigaqo-nkqubo yeKharityhulam noVavanyo, ezinjengokufundiswa kwekhontenti nokulandelelaniswa kwezifundo, iindlela zokufundisa ezisetyenziswayo, nohlobo nenani lemisebenzi yovavanyo ekufuneka yenziwe. Oku kucaciswe gca kwiMimiselo 5(4)(e), 7(8), 8(1)(a), 8(1)(c), 9(2), 9(3), 11(6), 14(1)(c), 16(1) kunye no-18(7).
2. Ukwenjenje kucelwa abacebisi ngezekharityhulam ukuba bazifunde izibonelelo ezenzelwe izikolo ezizimeleyo, njengoko kucacisiwe kule mimiselo iqhotyoshelwe apha.
3. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze ukuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:06:03

isiHlomelo: "Regulation Gazette No. 9886"  (ubukhulu: 854 KB)