1. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukukwazisa ngezilungiso ezifakelwe kwithayimthebhile yangoJuni 2013 yeemviwo ze-Adult Basic Education and Training Level 4 eyayikhutshwe neSetyhula 0018/2013, yomhla we-6 Matshi 2013.
2. Kwimemorandam yomhla we-7 Meyi 2013, iSebe leMfundo noQeqesho kuMaziko aPhakamileyo (DHET) lazise ukuba iimviwo ze-Adult Basic Education and Training Level 4 zangoJuni 2013 ngoku ziya kuqala nge-29 Meyi 2013 zize ziphele nge-21 Juni 2013. Iimviwo ezibhalwa kwi-Early Childhood Development, Wholesale and Retail, ne-Natural Sciences zitshintshiwe aziyi kubhalwa nge-24, 25 ne-26 Juni 2013, koko ziya kubhalwa nge-29, 30 ne-31 Meyi 2013 ngokulandelelanayo (kucelwa ujonge ithayimthebhile efakelwe izilungiso eqhotyoshelweyo). Ithayimthebhile efakelwe izilungiso ithatha indawo yethayimthebhile ebikhutshwe neSetyhula 0018/2013.
3. Kucelwa wazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke abaviwa nootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PENNY VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:05:14

"GETC: ABET Level 4 June 2013 Examination Timetable"  (ubukhulu: 158 KB)