2. |
Lo mgaqo-nkqubo uthatha indawo yoMgaqo-nkqubo woThutho lwaBafundi weSebe iWCED weZikolo zikaRhulumente eziQhelekileyo, owawuthunyelwe ezikolweni ngeSetyhula 0046/2012, yomhla we-3 Disemba 2012. |
3. |
Lo mgaqo-nkqubo mtsha usingethe le miba ilandelayo:
- Iimfuno ezingummiselo nokwabiwa kwezithuthi ngokwemigaqo;
- Iimfuno ezingummiselo zokwabiwa kwezithuthi;
- Ukusebenza kweskim nemvumelwano yokwenza inkonzo;
- Ukhuseleko lwabafundi neembopheleleko zeekontraki;
- Inkxaso-mali;
- Ukupheliswa kweskim sothutho lwabafundi;
- Izikhalazo;
- Izibheno.
|
4. |
Okuqhotyoshelwe apha zezi kopi zilandelayo ozithunyelelwayo:
- Umgaqo-nkqubo wothutho lwabafundi omtsha;
- Ifom WCED 061, emayizaliswe ngumfundi ngamnye othuthwayo ize isayinwe yinqununu nangumzali, egunyazisa umfundi ukuba asebenzise isikim sothutho lwabafundi;
- Uluhlu lokutshekisha lweSebe iWCED LTS. 1, oluza kusetyenziswa yinqununu okanye ngulowo idlulisele kuye amagunya lokutshekisha ukulungela ukuba sendleleleni kwezithuthi ezithutha abafundi.
|
5. |
Kucelwa iinqununu zazise okukule setyhula bonke abasebenzi abasezikolweni ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:04:30
|
|