1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lamkele lo mgaqo-nkqubo ulandelayo wenkcitho ebangelwa zezi ndibano zilapha ngentla.
2. Zizakhiwo zeSebe iWCED kuphela ezinokusetyenziswa. Ukuba kuthi kungabikho ziko lifanelekileyo leSebe iWCED lifumanekayo, zinokusetyenziswa izakhiwo zangaphandle, phantsi komqathango wokuba kufunyanwe imvume yokusetyenziswa kwazo kumlawuli ofanelekileyo, mvume leyo ekufuneka inikwe kuphela kwiimeko ezizodwa (in exceptional circumstances only). Kwiimeko ezilolu hlobo kuya kusebenza umgaqo-nkqubo oqhelekileyo wokuthenga ukusetyenziswa kwezakhiwo nezibonelelo zazo nokutyisa abantu (procurement of facilities and catering).
3. Ukususela nge-1 Agasti 2008, kwavunywa ezi ntlawulo zilandelayo nezisebenza kuwo onke amaziko eSebe iWCED, ngaphandle kwamaziko ootitshala neeklinikhi.

  • Ukuqeshwa kweholo nezibonelelo zayo:
  • R354.00 ngosuku
  • Ukutyisa abantu ngosuku:
  • Eyona iphezulu R47.20 ngomntu ngamnye ngosuku
  • Iti okanye ikofu (kusasa okanye emva kwemini):
  • Eyona iphezulu R11.80 ngomntu ngamnye ngosuku
    4. Kusetyenziswa i-Consumer Price Index ka-2008 njengesiseko se-100 points ukubala ukunyuswa kwamaxabiso, isalathiso sinyuke saya kutsho ku-127.33 basis points ukuqalela nge-31 Matshi 2013. Oku kulingana nokunyuka nge-27.33% ukususela ngo-2008. Ezi ntlawulo zilapha ngentla ke ngoko zitshintshiwe ukulungiselela ukunyuka nokuhla kwamandla emali (inflation) ngolu hlobo lulandelayo:

  • Ukuqeshwa kweholo nezibonelelo zayo:
  • R450.75 ngosuku
  • Ukutyisa abantu ngosuku:
  • Eyona iphezulu R60.10 ngomntu ngamnye ngosuku
  • Iti okanye ikofu (kusasa okanye emva kwemini):
  • Eyona iphezulu R15.02 ngomntu ngamnye ngosuku
    5. Ezi ntlawulo ziya kuhlawulwa amaziko kusetyenziswa unxibelelwano lwekhompyutha (electronic fund transfer). Ngako oko ke, iinkqubo zokuthengwa kweempahla neenkonzo (procurement procedures) aziyi kusetyenziswa. Amaziko achaphazelekayo makangenise ibango kwiletahedi esemthethweni kunye namaxwebhu axhasayo afunekayo.
    6. Amaziko ootitshala neeklinikhi akazimelanga ngokwasemthethweni (legal entities) yaye akayi kuba nelungelo lokufumana imbuyiselo ngenxa yokuba kusetyenziswe izakhiwo zawo. Ngako oko ke, akukho ntlawulo inokwenziwa kuwo. Ukuba athe asetyenzisiwe la maziko, kuya kusebenza iinkqubo zokuthengwa kweempahla neenkonzo eziqhelekileyo (normal procurement procedures) zokutyisa abantu.
    7. Makugcinwe irejista yabantu abazileyo kwindibano (attendance register) kuzo zonke iindibano yaye bonke abazileyo mabayisayine le rejista ngosuku ngalunye lwendibano. Irejista yokubakho esayiniweyo mayingeniswe kunye namaxwebhu eentlawulo njengobungqina bokuza kwindibano.
    8. Ngosuku lokuqala lwendibano, umntu/inkampani etyisayo iya kuhlawulwa ngenani elipheleleyo labantu abafanele ukubakho. Kwiintsuku ezilandelayo, umntu/inkampani etyisayo, iya kuhlawulwa ngelo nani labantu abasayinileyo kwirejista ngosuku lokuqala. Oku kusebenza kwiimeko apho amaziko emfundo ahlawulwa ngokwezi ntlawulo zilapha ngasentla okanye nalapho iikhontraka zangaphandle zibonelela ngeenkonzo ngokwemimiselo yokuthengwa kweempahla neenkonzo zikarhulumente. Imvumelwano nomntu/nenkampani etyisayo mayenze amalungiselelo alolu hlobo. Apho indibano iyeyosuku olunye kuphela, ithathwa njengosuku lokuqala.
    9. Ukuba icandelo lingena ezindlekweni (umz. ukufotokopa) egameni lelinye icandelo elenza amalungiselelo endibano, linokufuna imbuyiselo ngezo ndleko.
    10. Apho umqeshwa asebenzisa iteksi ukuya kwindibano zize zingabi nakufumaneka iirisithi, umqeshwa makangenise i-afidavithi echaza ukuba kungani na irisithi ingafumaneki, aze ayingenise i-afidavithi esikolweni okanye kwi-ofisi apho asebenza khona. Isikolo okanye i-ofisi apho umqeshwa asebenza khona mayingqine, ngencwadi ebhaliweyo ukuba umqeshwa bekufuneka aye kwindibano ngeenjongo zaseburhulumenteni. Onke la maxwebhu makangeniswe kunye nebango yaye aya kwamkelwa njengobungqina beendleko ezenziweyo.
    11. Iisemina noomasifundisane abathatha ixesha elingaphezu kosuku olunye makuzanywe ukuba bangenziwa ngenxa yeendleko zabo. Xa kusetyenziswa amaziko eSebe iWCED, abo bathunywa bathe, ngenxa yokuba besengxakini, balala ezihotele, kwizindlu zeendwendwe, njl. njl. mabasebenzise iintlawulo zeDPSA (Department of Public Services and Administration) ngokumalunga nendawo yokulala nokutya. Ezi ndleko aziyi kubandakanya iziselo ezinxilisayo.
    12. La malungiselelo asebenza ukususela nge-1 Meyi 2013 yaye makaziswe bonke abachaphazelekayo ukuze bawathathele ingqalelo.