1. Injongo yale setyhula kukunika izikolo ithayimthebhile yokubhalwa kweeMvavanyo zikaZwelonke zoNyaka (Annual National Assessments (ANA)) ezicwangciselwe u-2013.

2. Ii-ANA ziya kubhalwa ukuqala nge-10 - 13 Septemba 2013 njengoko kubhaliwe kule thayimthebhile iqhotyoshelweyo. Ukungaphumeleli ukulandela ngqo le mihla namaxesha, kuya kuba kukutenxa kwinkqubo yokubhalwa kweemvavanyo (assessment irregularity).

3. Izikolo mazikhumbule ukuba iintsuku zokuqhutywa kovavanyo ziintsuku zesikolo eziqhelekileyo kwaye ukufunda nokufundisa makuqhubeke kwangoko emva kokuba kugqitywe uvavanyo ngalunye.

4. Njengoko olu iluvavanyo lukazwelonke, ukubekwa esweni (monitoring) kuya kwenziwa ngamagosa ee-ofisi zezithili zemfundo, ngamagosa ephondo nangabameli beSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (DBE).

5. Kwibakala ngalinye nakwisifundo ngasinye (uLwimi neMathematika), iSebe leMfundo esiSiseko (DBE) likhuphe iSikhokelo soVavanyo esicacisa ikharityhulam emayifundwe zizikolo phambi kokubhala iimvavanyo. Ezi zikhokhelo zithunyelwe kwizithili zemfundo, nakwiwebhusayithi yovavanyo lwe-GET (GET Assessment website). Ukufikelela kwesi sikhokelo kwi-Intanethi, yenza oku kulandelayo:

Yiya ku- http://wced.school.za/home/home.html,

  • Klikha ku-"Teaching/Curriculum Support",
  • Klikha ku- "Assessment Management",
  • Klikha ku-"GET Assessment",
  • Klikha ku-"Annual National Assessments 2013",
  • Klikha ku-"Annual National Assessments Guidelines 2013".
6. Kucelwa amagosa ee-ofisi zezithili zemfundo neenqununu ukuba zazise okubhalwe kule setyhula ootitshala, abafundi nabazali.


ISAYINWE: NGU-PENNY VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:05:07

ITHAYIMTHEBHILE YEMVAVANYO ZIKAZWELONKE ZONYAKA (ANNUAL NATIONAL ASSESSMENTS) KA-2013
(ubukhulu: 28 KB)