1. LiSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke, elithweswe umsebenzi wokukhetha zonke iincwadi zezifundo ezingqinelaniswe neCAPS kwiikhathalogu zikazwelonke.

2. Iikhathalogu zikazwelonke zika-2013 zeencwadi zezifundo zamaBakala 7 - 9 nezeBakala 12 zeCAPS zathunyelwa kuzo zonke izikolo ngeSetyhula 0019/2013.

3. Sele zikhutshiwe izihlomelo zeekhathalogu zikazwelonke zezifundo ezingaze zifakwe kwiikhathalogu zikazwelonke zokuqala.

4. Oku kulandelayo kuqhotyoshelwe apha zizihlomelo zeekhathalogu ezo:

  • IsiHlomelo seKhathalogu kaZwelonke yeeNcwadi zeZifundo zeeSayensi zeNdalo neThekhinoloji zamaBakala 4 – 6
  • IsiHlomelo seKhathalogu kaZwelonke yeeNcwadi zeZifundo zesi-Afrikansi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo zeBakala 10
  • IsiHlomelo sesiBini seKhathalogu kaZwelonke yeeNcwadi zeZifundo zesi-Afrikansi uLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo, i-Agricultural Management Practices (English and Afrikaans)
5. Izikolo ezifuna naziphi na iincwadi zezifundo zeCAPS kwezi zihlomelo zingentla AZIYI kubanako ukuzi-odola ezi ncwadi zezifundo ngekhompyutha (online). Ziyakhuthazwa ke ngoko izikolo ukuba zizithenge ezi ncwadi nokuba kungemali evela kwisabelo sazo esikhutshwa ngokweMimiselo neMigangatho yolwabiwo-mali okanye kwiingxowa zazo.
6. Kucelwa wazise okuqulethwe yile setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:04:26

"National Textbook Catalogue for Grade 4-6 Natural Sciences and Technology"  (ubukhulu: 71 KB)
"National Addendum Catalogue for Grade 10 Afrikaans First Additional Language"  (ubukhulu: 58 KB)
"National Textbook Second Addendum Catalogue for Grade 11"  (ubukhulu: 60 KB)