1. ISetyhula 0016 /2011 imalunga noku.

2. IsiCwangciso soKhubazeko seSebe leMfundo leNtshona Koloni (Disability Strategy of the Western Cape Education Department (WCED)) sithathela ingqalelo abantu abanokhubazeko (persons with disabilities (PWDs)) abanokhubazeko lwethuba elide ngokwasemzimbeni, ngokwasengqondweni, okanye ngokuchaphazeleka kwengqondo okanye kweziva-mvo (intellectual or sensory impairments).

3. Siyavuma ukuba asilwazi ukhubazeko lwabaqeshwa bethu abaninzi. Injongo yesi sicwangciso kukulungiselela oku kukhubazeka ngokufanelekileyo, ukwenza kube lula ukugaya nokubagcina abantu abanokhubazeko, ukunika ithuba abaqeshwa lokwazisa ngokhubazeko lwabo, ukuba banqwenela ukwenjenjalo kunye nokubonelela ngeemeko zengqesho ezifanelekileyo kwabo banokhubazeko.

4. Ukukunika ingcaciso, siqhoboshele apha esi sicwangciso, kunye neefom zoKwazisa ngoKhubazeko ezifumaneka ngolwimi lwesi-Afrikansi, lwesiNgesi nolwesiXhosa. Siza kuyisebenzisa ingcaciso enikiweyo kwiifom ezizalisiweyo ukuhlangabezana neemfuno zabasebenzi abanokhubazeko. Ngokuzalisa ezi fom, abantu abanokhubazeko baya kwenza igalelo ekwenziweni kwezigqibo kweli sebe ngalo mba, yaye baya kunceda ekubeni kuqatshelwe iimfuno zoqeqesho kuphuhliso lwamakhondo omsebenzi kwalapha kwisebe.

5. Sikhuthaza bonke abaqeshwa beSebe iWCED abanokhubazeko, ootitshala nabasebenzi bakarhulumente, ukuba bazalise ifom yokwazisa ngokhubazeko ngolwimi abazikhethela lona. Esi sicwangciso simchaza umntu onokhubazeko ngeendlela ezahlukeneyo, ekuzezi, ukhubazeko ngokwasemzimbeni (physical disability), olubandakanya iimeko zokugula nokhubazeko lweziva-mvo (sensory impairments), kunye nokhubazeko ngokwasengqondweni, olubandakanya izifo ezibonwe ngokuxilongwa ngoogqirha (clinically diagnosed illnesses), ukhubazeko ngokwasengqondweni (intellectual impairments), ukhubazeko ngokweemvakalelo (emotional impairments), nezithintelo ekufundeni (learning disabilities). Olu khubazeko, lungalolohlobo lwanaphakade (permanent) okanye lwexeshana (temporary in nature).

6. Ngokwesikhokelo i-Technical Assistance Guidelines on the Employment of People with Disabilities, njengoko sipapashwe liSebe lezeMisebenzi, abantu abanokhubazeko bachazwa ngolu hlobo lulandelayo:

  5 Definition of people with disabilities

Section 1 of the Act defines people with disabilities as follows:

"People who have a long-term or recurring physical or mental impairment which substantially limits their prospects of entry into, or advancement in, employment."

  5.1 The three basic criteria covered by the Employment Equity Act:
  5.1.1 First, a person must have an impairment

An impairment may either be physical or mental or a combination of both.

A physical impairment means "a partial or total loss of a bodily function or part of the body. It includes sensory impairments such as being deaf, hearing impaired or visually impaired" (Code of Good Practice on the Employment of People with Disabilities, Paragraph 5).

A mental impairment is a clinically recognised condition or illness that affects a person's thought processes, judgement or emotions. This includes conditions such as intellectual, emotional and learning disabilities. For reasons of public policy, certain conditions or impairments may not be considered disabilities (Code of Good Practice on the Employment of People with Disabilities, Paragraph 5.3.1(iv)).

  5.1.2 Secondly, the impairment must also be long-term or recurring

"Long-term" means the impairment has lasted or is likely to persist for at least 12 months. "Recurring" means the impairment is one that is likely to happen again and to be substantially limiting (see Paragraph 5.1.3. below). The condition can go away for a period of time and return again, but it is never cured. It includes a constant chronic condition, even if its effects on a person fluctuate, such as some forms of multiple sclerosis.

Progressive conditions are those that are likely to develop or change or recur. People living with progressive conditions or illnesses are considered as people with disabilities once the impairment starts to be substantially limiting. Progressive or recurring conditions which have no overt symptoms or which do not substantially limit a person with no disabilities - for example, a person with cancer, tuberculosis or HIV – would not be covered under the Employment Equity Act until the symptoms are substantially limiting the person’s ability to perform their job.

  5.1.3 Thirdly, the impairment must be substantially limiting

An impairment is substantially limiting if its nature, duration or effects substantially limit a person’s ability to perform essential functions of the job for which he or she is being considered. If the effects of the impairment are not substantially limiting, even if they are physical and/or mental, long-term or recurring, then the person is not covered under the Act. Qualified experts may be used to assist the employer to determine whether a particular impairment is substantially limiting. Alternatively, the employee may be able to provide information sufficient to document this.

  5.1.3.1 Two categories of impairments are excluded

The first category are impairments which are easily controlled, corrected or lessened so that they have no limiting effects. For example, a person who wears spectacles or contact lenses does not have a disability, unless, even with spectacles or contact lenses, that person’s vision remains substantially impaired. An assessment to determine whether the effects of an impairment are substantially limiting must consider if medical treatment or other devices would control or correct the impairment so that its adverse effects are prevented or removed.

The second category refers to what are called public policy exclusions. This means that, for reasons of public policy, certain conditions or impairments may not be considered as disabilities. These include, but are not limited to

  • sexual behaviour disorders that are against public policy;
  • self-imposed body adornments such as tattoos and body piercing;
  • compulsive gambling, tendency to steal or light fires;
  • disorders that affect a person’s mental or physical state if they are caused by current use of illegal drugs or alcohol, unless the affected person is participating in a recognised programme of treatment;
  • normal deviations in height, weight and strength; and
  • conventional physical and mental characteristics and common personality traits."

7. Abo bantu banokhubazeko abathatha isigqibo sokuzalisa ifom yokwazisa ngokhubazeko lwabo kufuneka baqaphele oku kulandelayo:

  1. Mabanike zonke iinkcukacha ezimalunga nabo buqu ezifunwayo kwifom.

  2. Kufuneka bangenise amaxwebhu aneenkcukacha ezingqina iimeko ezo zabo, nezicacisa uhlobo lokhubazeko lwabo.

  3. Ifom yokwazisa ngokhubazeko ezalisiweyo neleta yobungqina (neeleta zobungqina) mazithunyelwe kwaNdlunkulu ukuba ziqwalaselwe ngulo Director: Human Resource Management, Room 304, 3rd Floor, Grand Central Towers.

  4. Ingcaciso iya kutshekiswa, ize irekhodwe kwiziko ledatha langaphakathi nakwisistim yePersal. Ingcaciso enikiweyo igcinwa iyimfihlo enkulu yaye iya kugcinwa yodwa ingadityaniswa neerekhodi zabasebenzi ngokubanzi.

  5. Iikopi zefom yokwazisa ngokhubazeko ziya kufakwa kwiziko lewebhu leWCED ukwenzela ukuba zifikeleleke ngokulula.

8. Ukuba kuye kwakho nayiphi na eminye imibuzo ngalo mba, kucelwa uqhagamshelane ngokulula noNks Mymona Jacobs apha Mymona.Jacobs@westerncape.gov.za okanye kule nombolo yefoni 021 467 2437.

9. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
OBAMBELE INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:04:19

"Employment Equity Act"  (ubukhulu: 1 407 KB)
"WCED Disability Strategy"  (ubukhulu: 165 KB)

IFOM YOKWAZISA NGOKHUBAZEKO:
isiXhosha  (ubukhulu: 56 KB) | "English"  (ubukhulu: 49 KB) | "Afrikaans"  (ubukhulu: 53 KB)