1. Ukwenzela ukunika inkxaso ukuphunyezwa kweNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS)) kumaBakala 7 - 9 nakwiBakala 12 ngo-2014, iSebe leMfundo esiSiseko (DBE) liqulunqe ezi khathalogu zeencwadi zezifundo (catalogues of textbooks) zala mabakala.

2. Iinguqulelo zekhompyutha (electronic versions) ze-DBE’s National Textbook Catalogues zamaBakala 7 - 9 nezeBakala 12 ziqhotyoshelwe njengesiHlomelo A no-B ngokulandelana.

3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) alinako ukukuxhasa ngemali ukuthengwa kwazo zonke iincwadi zezifundo ze-CAPS zamaBakala 7-9 nezeBakala 12, ezifunekayo ngenjoko kwakutshiwo kwiSetyhula 0016/2013 (yomhla we-14 Matshi 2013). Kufuneka ke ngoko izikolo zizithengele iincwadi zezifundo zazo zoLwazi ngezoBomi (Life Orientation textbooks) kwizabelo-mali zazo zeMimiselo neMigangatho yoLwabiwo-mali okanye kwiimali zazo. ISebe iWCED liya kunika izikolo ithuba loku-odola iincwadi zezifundo zoLwazi ngezoBomi ngokusebenzisa isistim yoku-odola kwikhompyutha yeSebe iWCED eyi-WCED’s centralised online ordering system. Ukuba isikolo sikhetha ukuthenga kwisistim yoku-odola kwikhompyutha (online ordering system) iSebe iWCED liya kuzithenga lize lizizise iincwadi zezifundo zoLwazi lezoBomi (Life Orientation). Imali ekufuneka ibhatelwe iya kutsalwa kwisabelo-mali sesikolo seMimiselo neMigangatho yoLwabiwo-mali sikaNovemba 2013.

4. AZIYI KUXHASWA ngemali ezi ncwadi zilandelayo liSebe iWCED kodwa ziya kuxhaswa ngezabelo-mali zeMimiselo neMigangatho yoLwabiwo-mali zezikolo kunye/okanye ngeemali zazo:

  • Ii-Core readers, iincwadi eziyingqokelela yemibongo namabali amafutshane (literature anthologies) neenoveli zoLwimi lweeNkobe noLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (Home and First Additional Languages) kwikhathalolgu yamaBakala 7 -9.
  • Izikhokelo zootitshala kuzo zombini iikhathalogu

Izikolo ziya kubanako ukuzi-odolela ngokwazo ezi ncwadi ngokusebenzisa i-WCED’s centralised online ordering system. Ukuba isikolo sikhetha ukuthenga ii-core readers, iincwadi eziyingqokelela yemibongo namabali amafutshane (literature anthologies) neenoveli zoLwimi lweeNkobe nezoLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (Home and First Additional Language) zamaBakala 7-9, izikhokelo zootitshala neencwadi zezifundo zoLwazi ngezoBomi kwi-online ordering system, imali ekufuneka ibhatelwe, iya kutsalwa kwisabelo-mali sesikolo seMimiselo neMigangatho yoLwabiwo-mali sangoNovemba 2013.

Enye indlela kukuba, izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 zinokuzi-odola ezi ncwadi ngqo kubapapashi okanye kubathengisi, zize zizibhatale ngokupheleleyo ii-akhawunti zazo kwizabelo-mali zazo zeMimiselo neMigangatho yoLwabiwo-mali kunye/okanye kwiimali zazo.


5. Iincwadi zezifundo kwezi zifundo zilandelayo AZIKHO kwiKhathalogu zikaZwelonke zeeNcwadi zeZifundo zeBakala 12 yaye izikolo ziya kwaziswa ngethuba elifanelekileyo ngezibonelelo ezizezinye zezi zifundo:

  • Agricultural Technology (English and Afrikaans)
  • Dance Studies (Afrikaans)
  • Dramatic Arts (Afrikaans)
  • Agricultural Technology (English and Afrikaans)
  • IsiXhosa uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo
  • Music (English and Afrikaans)
6. Izikolo zifanele uku-odola iincwadi zezifundo ezizikhethileyo kwiziko lewebhu i-online textbook ordering site eyenziwe kwi-CEMIS, neliya kuqala ukusebenza kwithuba elisusela kwi-3 ukuya kwi-14 Juni 2013. Izikolo maziqinisekise ukuba ii-odolo zazo ziyafakwa yaye zisayiniwe kwiCEMIS ungadlulanga owe-14 Juni 2013.

7. Iinkcukacha ngeenkqubo emazilandelwe xa ku-odolwa iincwadi ziya kwaziswa kuzo zonke izikolo ngoMeyi 2013.

8. Izikolo ziya kunikwa ithuba lokuzijonga iincwadi zezifundo kwiKhathalogu zikaZwelonke kwimiboniso yeencwadi zezifundo kwiindawo ezikhethiweyo kuzo zonke izithili zemfundo ukususela nge-13 ukuya kwi-30 Meyi 2013. Iinkcukacha zemihla, amaxesha neendawo zale miboniso ziya kwaziswa ezikolweni ekupheleni kuka-Apreli 2013.

9. Kucelwa uprinte iikopi zeeKhathalogu zikaZwelonke zeeNcwadi zeziFundo yaye wazise bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bazithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2013:04:08

IsiHlomelo A: "WCED National Textbook Catalogue for Grade 7-9"  (ubukhulu: 196 KB)
IsiHlomelo B: "WCED National Textbook Catalogue for Grade 12"  (ubukhulu: 146 KB)